Kwabaseroma 9 XHO96

UThixo nabanyulwa bakhe amaSirayeli

1 Mna ndingokaKrestu; ndithetha inyaniso, andixoki. Kwanesazela sam, silawulwa nguMoya oyiNgcwele, siyandingqinela ukuba andixoki.

2 Ndiselusizini olukhulu, ndaye ndinentlungu engapheliyo entliziyweni yam

3 ngenxa yamawethu amaSirayeli. Ewe, bendingade ndinqwenele ukuba mna ngokwam ndibe ngoqalekisiweyo nguThixo esikhundleni sawo, ndide ndahlukaniswe noKrestu.

4 AmaSirayeli la kaloku uThixo wawenza oonyana bakhe, wabubonakalisa kuwo nobuqaqawuli bakhe. Wenza iminqophiso nawo, wawanika umthetho neyona ndlela yonqulo, wawenzela kwanezithembiso.

5 Ayinzala *yamanyange, kwaye kuwo kwavela uKrestu ngokobuntu, yena owongamela konke, ongulo Thixo omakadunyiswe ngonaphakade. *Amen.

6 Le nto ke ayithethi kuthi ilizwi likaThixo lona ngokwalo litshitshile. Asingabo bonke kaloku abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli ncam.

7 Kananjalo asingabo bonke abazelwe nguAbraham abayinzala yakhe ncakasana. Kaloku uThixo wathi kuAbraham: “Inzala yakho ncam iya kuphuma kunyana wakho uIsake.”

8 Loo nto ithetha ukuthi asingabo bonke abantwana abazeleyo uAbraham abangabantwana bakaThixo. Hayi, ngabantwana besithembiso kuphela ababalelwa ekubeni bayinzala ncam.

9 Kaloku isithembiso sênziwa nguThixo ngala mazwi athi: “Ngexesha elifanelekileyo ndiya kukuvelela, waye ke uSara uya kuzala unyana.”

10 Ukuqhubela phambili mandithi: Uyise wamawele kaRabheka wayemnye, inguIsake ubawo wethu.

11-12 Kwathi abantwana bengekazalwa, bengekenzi nto, nokuba yelungileyo, nokuba yembi, uThixo wathi kuRabheka: “Omdala uya kuba ngumkhonzi womncinci.” Kaloku unyulo lukaThixo lusekelwe kubizo lwakhe, kungekuko nakuyiphi na into eyenziwa ngumntu;

13 njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ndamthanda uYakobi, ndamthiya yena uEsawu.”

14 Síthini ke ngoko? Ngaba sinokuthi uThixo akanabulungisa? Nakanye!

15 Kaloku wathi kuMosis: “Ndiya kuba nenceba kulowo ndinenceba kuye, ndibe netarhu kulowo ndinetarhu kuye.”

16 Ke ukunyulwa komntu akuxhomekekanga ekuzithandeleni komntu, okanye ekwenzeni kwakhe, koko kuxhomekeke kwinceba kaThixo.

17 Kaloku iziBhalo zithi kukumkani waseJiputa: “Ndakuphakamisa ukuze ndiwabonakalise ngawe amandla am, ize negama lam lidume, linwenwe kulo lonke ihlabathi.”

18 Ngoko ke uThixo unenceba kulowo athanda ukumenzela inceba, aze ayenze lukhuni intliziyo yalowo athanda ukuyenza lukhuni.

UThixo unguSomandla

19 Omnye kuni usenokuthi kum: “Ukuba ke kunjalo angathini na uThixo ukumsola umntu; kungekho bani nje unokumelana nentando kaThixo?”

20 Mntundini, kuxa ungubani wena ukuba ungade uphendulane noThixo? Into ebunjiweyo ingátsho njani kumbumbi wayo ukuthi: “Yini na ukuba undenjenje ukundibumba?”

21 Akanalo kakade umbumbi ilungelo lokuthi ngamdongwe mnye enze ingqayi exabisekileyo kwanengaxabisekanga?

22 Kukwanjalo ke nangokubhekiselele kwizinto ezenziwe nguThixo. Kaloku wayefuna ukubonakalisa ingqumbo yakhe nokwazisa ubungangamsha bakhe. Ngoko ke wabanyamezela ngomonde abo wayebaqumbele, ababemelwe kukutshatyalaliswa.

23 Wayefuna nokubonakalisa ubuhle besihomo nesithozela sakhe kwabo abenzela inceba, abo abenza bafanele ukuthiwa jize ngewonga.

24 Síthí ke abo uThixo wababizayo, singemaJuda kuphela, sikwakunye nabezinye iintlanga ngokunjalo.

25 Uthetha kwaloo nto kwiNcwadi kaHosiya, xa athi:“Abangengobantu bam ndiya kuthi bangabantu bam;nohlanga ebendingaluthandi ndiya kuthi luyintanda kum.

26 Ewe, nakuloo ndawo kanye kwakusithiwa kubo:‘Aningobantu bam nina;’khona apho kanye kuya kuthiwa kubo:‘Ningoonyana bakaThixo ophilayo.’”

27 Ke noIsaya udanduluka athi malunga namaSirayeli: “Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, bambalwa kodwa kubo abaya kusindiswa,

28 kuba iNkosi iya kusiwisa kamsinya isigwebo sayo ehlabathini.”

29 Kukwanjengokuba uIsaya wayetshilo ngaphambili ukuthi:“Ukuba iNkosi uSomandla ibingasishiyelanga hlumela,ngesisuke saba njengeSodom, safana neGomora.”

Ukuphoswa kwamaSirayeli lusindiso

30 Síthini ke ngoko? Síthi izizwe ezazingenzi migudu yakuba ngamalungisa kuThixo, zakufumana nazo ukuba ngamalungisa, zisenziwa amalungisa ngokholo.

31 Kodwa wona amaSirayeli, nangona ayesenza imigudu yokuba ngamalungisa ngokugcina umthetho, akaphumelelanga.

32 Ngani na? Ngenxa yokuba imigudu yawo ingasekelwanga lukholweni, kodwa isekelwe ekuzenzeleni ngokwawo. Akhubeka “elityeni elikhubekisayo,”

33 eli *iziBhalo zitshoyo ngalo ukuthi:“Uyabona, ndibeka *eZiyon ilitye elikhubekisayo,ulwalwa olusisikhubekiso;lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16