Kwabaseroma 10 XHO96

1 Mawethu, ndilangazelela ngayo yonke intliziyo yam ukuba amaSirayeli, abantu bakowethu, asindiswe, ndaye ndihlala ndimbongoza uThixo ngenxa yawo.

2 Ndingawangqinela ukuba anenzondelelo ngezinto zikaThixo, kodwa engenalo ulwazi olululo.

3 Akayazanga indlela uThixo abalungisa ngayo abantu, aza afuna ukuba ngamalungisa ngeyawo indlela. Ngokwenjenjalo ke akayithobelanga indlela uThixo abenza ngayo amalungisa abantu.

4 Kaloku umthetho ufikelele esiphelweni ngoKrestu, khon' ukuze wonke umntu abe lilungisa kuba ekholwa.

Usindiso lolwabantu bonke

5 Malunga nokuba lilungisa phambi koThixo ngokuthobela umthetho, uMosis ubhale esithi: “Umntu owugcinayo umthetho, wophila ngawo.”

6 Kodwa malunga nokwenziwa ilungisa ngokholo kuthiwa: “Musa ukuthi entliziyweni yakho: Ngubani na oya kunyuka aye ezulwini?” (oko kukuthi ahlise uKrestu).

7 “Okanye musa ukuthi: Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni?” (oko kukuthi ukuya kunyusa uKrestu kwabafileyo).

8 Ngaba ke kukuthini oko? Kukuthi: “Ilizwi likaThixo likufuphi kuwe, lisemlonyeni wakho nasentliziyweni yakho.” Ilizwi lokholo esilivakalisayo nali:

9 Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.

10 Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.

11 IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”

12 Ke ngoko akukho mahluko phakathi komJuda nowolunye uhlanga, kuba le Nkosi inye ikwayinkosi yabo bonke. Kaloku ibasikelela ngesisa ngendyebo yayo bonke abo bazibika kuyo,

13 kuba: “Lowo uzibika ebiza igama leNkosi wosindiswa.”

14 Bangazibika njani kulowo bangàkholwayo kuye; bengakholwa njani bengevanga? Bangeva njani kungekho mntu ushumayelayo;

15 bengashumayela njani bengathunywanga? Kaloku iziBhalo zithi: “Ngumbono omhle ukubukela izigidimi zisihla zinyuka zihambisa iindaba ezimnandi!”

16 Kodwa asingabo bonke abazamkeleyo iindaba ezimnandi, njengoko atshoyo noIsaya ukuthi: “Nkosi, ngubani na othe wakholwa ludaba lwethu?”

17 Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.

18 Ngaba awevanga na kodwa amaSirayeli? Ewe, avile. Kaloku iziBhalo zithi:“Ukuhlokoma kwelizwi labo kuvakala kuwo wonke umhlaba;namazwi abo afikelela eziphelweni zehlabathi.”

19 Ngaba kodwa wona amaSirayeli ayengaqondi? Ukuphendula mandiqale ngoMosis othi:“Mna ndiya kunenza nikhweletele uhlanga olungento;ndiya kunixhokonxa ngohlanga olungenangqondo.”

20 Ade atsho nokutsho uIsaya ukuthi:“Ndifunyenwe ngâbo babengandifuni,ndabonakala kwâbo babengabuzisi ngam.”

21 Kanti ngokubhekiselele kumaSirayeli uthi:“Imini yonke bendicengana nabantu abangevayo, abandiphikisayo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16