Kwabaseroma 1 XHO96

Isingeniso

1 Kubhala mna Pawulos, umkhonzi kaYesu *Krestu, *umthunywa owabizwayo, wamiselwa ukuvakalisa iindaba ezimnandi zikaThixo.

2 Ezi ndaba uThixo wathembisa ngazo kwangaphambili *ngabashumayeli bakhe *eziBhalweni eziNgcwele.

3 Ezi ndaba ke zibhekiselele kuNyana wakhe, owazalwa engowomlibo kaDavide ngokobuntu,

4 waza ngamandla oMoya oyiNgcwele wabonakaliswa ngesiganeko sokuvuka kwabafileyo ukuba unguNyana kaThixo. Lo Nyana kaThixo nguYesu iNkosi yethu;

5 endathi ngaye ndenzelwa isisa sokuba ngumthunywa ngenxa yakhe, ukuze ndikhokelele izizwe zonke ekukholweni nasekumthobeleni;

6 eniphakathi kwazo nani, nina babiziweyo bakaYesu Krestu.

7 Kuni nonke, bathandwa bakaThixo abaseRoma, nina nibiziweyo naba ngabakaThixo, ndithi: Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.

UPawulos ulangazelela ukuya eRoma

8 Kuqala ke, ndiyambulela uThixo wam ngoYesu Krestu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu ludumile kulo lonke ihlabathi.

9 Kaloku uThixo endimkhonzayo ngomxhelo wam ngokushumayela iindaba ezimnandi zoNyana wakhe, uyandingqinela ukuba ndihlala ndinikhumbula.

10 Ndiyakhunga emithandazweni yam, ukuba uThixo angáde ngokwentando yakhe andiphumelelise ukunihambela.

11 Kaloku ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele siphiwo sithile kwezoMoya, ukuze nomelezeke.

12 Ndithetha ukuthi nina kunye nam sivuseleleke: nina ngokholo lwam, nam ke ngokholo lwenu.

13 Ngoko ke, mawethu, ndifuna ukuba niyiqonde into yokuba kudala ndazimisela ukunihambela, kodwa ndaba soloko ndithintelwa kwada kwanamhla. Bendifuna ziqhamo zithile zeendaba ezimnandi naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.

14 Kaloku ndimelwe kukushumayela kubo bonke: kwabaphucukileyo nakwabangaphucukanga, kwizilumko nakwabangaziyo.

15 Ngenxa yoko ke ndingxamele ukuzishumayela iindaba ezimnandi nakuni baseRoma.

Amandla eendaba ezimnandi

16 Andinazintloni ngazo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umJuda kuqala, kwanowolunye uhlanga ngokunjalo.

17 Ngezi ndaba zimnandi kaloku kutyhilwa indlela uThixo asenza amalungisa ngayo: kungokholo qha, njengoko zitshoyo neziBhalo ukuthi: “Ngokholo lwakhe olilungisa uya kudla ubomi.”

Isono soluntu

18 Ingqumbo kaThixo ibonakala ivela ezulwini. Yona ichasene naso sonke isono nokungalungisi kwabantu abayithintelayo inyaniso ngokona.

19 Unobangela wale ngqumbo kukuba oko kunokwaziwa ngoThixo kucacile kubo, kuba uThixo wakubonakalisa kubo ngokwakhe.

20 Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela.

21 Bayamazi uThixo, kodwa abamdumisi ngokumfaneleyo, abambuleli nokumbulela. Basuke baba ngabacinga izinto ezingento, yaza ingqiqo yabo yamfiliba.

22 Bazicingela ukuba bazizilumko, ukanti baziziyatha.

23 Bashiye ubuqaqawuli bukaThixo ongafiyo, baya kukhonza umfanekiso womntu ofayo, noweentaka, nowezilo ezizitho zine, nowezilo ezirhubuluzayo.

24 Kungoko athe uThixo, ngenxa yeminqweno yeentliziyo zabo, wabanikela kwiintlondi zabo, ukuba bahlazisane ngemizimba yabo.

25 Aba bantu ke bagqwethe inyaniso kaThixo ngobuxoki. Bahlonela isidalwa, basikhonze, baze bamlibale uMdali, yena ongowokubongwa ngonaphakade. *Amen.

26 Ngenxa yoko ke, uThixo ubanikele ezinkanukweni ezilihlazo. Ewe, nditsho namabhinqa la abo ayalalana ngokuchasene nendalo yemizimba yawo.

27 Kwangokunjalo namadoda akuyekile ukulala namabhinqa, aza atshiswa kukukhanukana. Amadoda enza amanyala kwamanye amadoda, aze ke afumane isohlwayo esiwafaneleyo, esiyimbuyekezo yokulahleka kwawo.

28 Ekubeni ke bengakukhathalelanga ukuhlala bemazi uThixo, yena wabayekela kwezo ngcinga zabo zingcolileyo, baza benza izinto ezingafanelekanga.

29 Bagqithisile ukukhohlakala nokona, ukubawa nokwenza ububi. Bazele ngumona nobugebenga, luchuku nenkohliso nentiyo. Bayahleba,

30 bayangcikivana, bamthiyile uThixo, bathanda ukulwa, banekratshi, bayaqhayisa, benza ububi, ababathobeli abazali.

31 Abanangqondo, abathembeki, abanabubele, abananceba.

32 Bayawazi ummiselo kaThixo wokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa; kodwa abaneli nje kukuzenza ezi zinto, koko basuka babakhuthaze nabo bazenzayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16