Kwabaseroma 13 XHO96

Ukuthobela abasemagunyeni

1 Wonke umntu makathobele abasemagunyeni, kuba akukho gunya lingaveli kuThixo. Amagunya akhoyo amiselwe nguThixo.

2 Ngoko ke, ochasene namagunya uphikisa ummiselo kaThixo; yaye ke wonke umntu owenza loo nto uzibizela ukugwetywa.

3 Kaloku abaphathi aba aboyikeki kubantu abalungisayo, boyikeka kwabonayo. Ukuba ufuna ukungamoyiki osemagunyeni, yenza okulungileyo, yaye ke uya kukuncoma.

4 Kaloku abasemagunyeni zizicaka zikaThixo, khon' ukuze kulungelwe kwawena. Kodwa, ukuba uthe wenza into embi yoyika, kuba abasemagunyeni banikwe igunya lokohlwaya. Kaloku bazizicaka zikaThixo; bayaphindezela, bamohlwaye lowo wonayo.

5 Ngoko ke bathobeleni abasemagunyeni, ingengakuba nisoyika isohlwayo kuphela, kodwa nangenxa yokuhlonela uThixo.

6 Nirhafa nje kaloku, kungenxa yokuba abasemagunyeni bangamagosa kaThixo, ngakumbi xa besenza umsebenzi wabo.

7 Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.

Ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho

8 Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.

9 Imiyalelo ethi: “Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze unganqweneli,” nokuba nguwuphi umyalelo ongomnye, ushwankathelwa ngelithi: “Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

10 Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.

11 Masenjenjalo ke, sisazi nje ukuba eli selilixesha lokuba sivuke ebuthongweni. Kaloku usindiso lukufuphi kuthi ngoku kunasekuqaleni kwethu ukukholwa.

12 Ubusuku buhambile, sekuza kusa. Masahlukane ke ngoko nemisebenzi yobumnyama, sixhobe ngezikrweqe zokukhanya.

13 Masiziphathe ngokundileka njengabahamba emini, singabi sezindywaleni nasekunxileni, ekuhenyuzeni nasekurheletyeni, singabi namona nazinkani.

14 INkosi uYesu Krestu mayibe sisikrweqe senu, ningasilungiseleli isimo senu esonakeleyo ukuze nanelise iinkanuko zaso.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16