Kwabaseroma 8 XHO96

UMoya umniki-bomi

1 Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu.

2 Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.

3 Ke wona umthetho wawungenako ukusikhulula, ngenxa yokonakala kwesimo sethu. Kodwa yena uThixo wamthumela uNyana wakhe, ekwisimo esifana nesimo sethu esonakeleyo, waza wasigweba isono emntwini wenyama negazi.

4 Le nto uThixo uyenzele ukuze injongo yomthetho izalisekiswe kuthi, thina singaphiliyo ngokwesimo esonakeleyo, koko siphila ngokoMoya.

5 Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya.

6 Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni.

7 Abo banyamekela izinto zesimo esonakeleyo baziintshaba zikaThixo, kuba kaloku abawuthobeli umthetho wakhe. Kakade abanako ukuyenza loo nto.

8 Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.

9 Ke nina aningabo abaphila ngokwesimo esonakeleyo, ningabo bakhokelwa nguMoya, ukuba kambe uMoya kaThixo uhleli kuni. Ke umntu ongenaye uMoya kaKrestu akangokaKrestu.

10 Ukuba uKrestu ukho kuni, nangona umzimba ufile ngenxa yesono, uMoya yena uninika ubomi. Kaloku nenziwe amalungisa.

11 Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.

12 Ngoko ke, mawethu, masingakholisi isimo sethu esonakeleyo.

13 Kuba xa niphila ngokweso simo, niya ekufeni; kodwa ukuba niyazitshitshisa ngamandla oMoya izenzo ezibi zomzimba, niya kudla ubomi.

14 Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.

15 UMoya enimamkeleyo akanenzi amakhoboka, wona aphakuzelayo. Kaloku namkele uMoya onenza oonyana abathi: “Tata!” kuThixo.

16 UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo.

17 Ukuba ke singabantwana bakaThixo, sikwaziindlalifa zikaThixo. Ewe, siziindlalifa kunye noKrestu, kuba kaloku siva ubunzima kunye naye, siphinde siwongwe kwakunye naye.

Ubuncwane esiza kubuxhamla

18 Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla;

19 kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.

20 Kaloku indalo yathotyelwa kwimeko ephuthileyo, kungengakuthanda kwayo, kodwa kungokuthanda kwalowo wayithobayo. Phofu likho ithemba lokuba

21 nendalo ngokwayo iya kude ikhululwe kwiimbophelelo zokonakala, ize nayo isiwe enkululekweni nasebuqaqawulini babantwana bakaThixo.

22 Kuba kaloku siyazi ukuba kude kube ngokunje yonke indalo iyancwina inenimba.

23 Asiyiyo yodwa ke: nathi thina siphiwe uMoya osisiqinisekiso sokukhululwa kwethu nguThixo, siyancwina, silindele ukubekwa ewongeni lokuba ngoonyana bakaThixo. Yinkululeko yethu ke leyo.

24 Okunene naxa sisindisiwe nje, sisesethembeni. Ukuba ke siyayibona into esithembe ukuyifumana, asilothemba elo. Kaloku akukho mntu uthemba ukufumana into aseleyifumene.

25 Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.

26 Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.

27 Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.

28 Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.

29 Kaloku abo wayeselebazi kwangaphambili, wabamisela ukuba babe ngumfanekiso woNyana wakhe, ukuze uNyana wakhe abe ngowamazibulo kusapho olukhulu.

30 Abo ke uThixo wabamiselayo kwangaphambili, wababiza kananjalo. Abo wababizayo, wabenza amalungisa. Abo wabenza amalungisa, wabanika iwonga.

Uthando uThixo asithanda ngalo ngoYesu Krestu

31 Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?

32 Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?

33 Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo?

34 Ngubani onokubagweba, ethe wafa nje uKrestu, wathi ngaphezu koko wabuya wavuka, waza waya kuhlala ewongeni kwaThixo, apho asithethelela khona?

35 Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?

36 Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Ngenxa yakho sisesichengeni sokubulawa;yiyo loo nto sesifana neegusha eziya kuxhelwa nje.”

37 Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo.

38 Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla,

39 nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16