Kwabaseroma 16 XHO96

Imibuliso kaPawulos

1 Ke kaloku ndimyaleza kuni udade uFibhi, oligosakazi kwibandla eliseKenkreya.

2 Mamkeleni egameni leNkosi njengokuba nifanele ukwenjenjalo ningabantu bakaThixo nje. Mncedeni emicimbini asukuba efuna uncedo lwenu kuyo, kuba naye ngokwakhe wanceda abantu abaninzi, endingomnye wabo nam lo.

3 Imibuliso kuPriska noAkwila, abasebenzela uKrestu Yesu njengam.

4 Kaloku bona bâbubeka esichengeni ubomi babo ngenxa yam, nto leyo ke ekungabuleli mna ndedwa kubo ngayo, koko kubulela nawo onke amabandla asezintlangeni.

5 Libuliseni kwanebandla elihlanganela endlwini yabo. Ndibuliseleni kuEpeneto, umhlobo wam othandekayo, owaba ngowokuqala ukukholwa kuKrestu eAsiya;

6 nindibulisele nakuMariya owabulaleka kakhulu ngenxa yenu.

7 Imibuliso kuAndroniko noJuniya, amawethu awayebanjwe kunye nam. Bona baxatyisiwe kakhulu *ngabathunywa bakaKrestu, kwaye bâkholwa kuKrestu ngaphambi kwam.

8 Ndibuliseleni kuAmpliyato, umhlobo wam othandekayo eNkosini.

9 Imibuliso ku-Urbhano, osebenzela uKrestu kunye nam, nakuStaki, umhlobo wam othandekayo.

10 Ndibuliseleni nakuApele ovavanyiweyo waza wafumaneka ethembekile kuKrestu. Imibuliso kwabakwa-Aristobhulo.

11 Ndibuliseleni kuHerodiyo umwethu. Imibuliso kwabakwaNarkiso abakholwayo eNkosini.

12 Imibuliso kuTrifena noTrifosa abayisebenzele kangaka iNkosi. Ndibuliseleni kuPersi othandekayo, obulaleke gqitha emsebenzini weNkosi.

13 Imibuliso kuRufo umnyulwa weNkosi, nakunina, onjengomama kum.

14 Imibuliso kuAsinkrito, uFilego, uHerma, uPatrobha, uHerme, namawethu akunye nabo.

15 Imibuliso kuFilologo noJuliya, uNere nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abantu bakaThixo abakunye nabo.

16 Bulisanani ngokwamakholwa. Ayanibulisa onke amabandla kaKrestu.

Imiyalelo yokuqukumbela

17 Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo.

18 Abantu abanjalo àbakhonzi yona iNkosi yethu uYesu Krestu. Hayi, basebenzela izisu zabo. Ngamazwi abo amnandi bayakhohlisa, balukuhle iintliziyo zabantu abanyulu.

19 Bonke bavile ngokumlulamela kwenu uKrestu; into ke leyo endivuyisayo ngani. Ndinga ke ningaba zizilumko okunene kokulungileyo; kodwa ningabi zizo kokubi.

20 Ke uThixo, imbangi yoxolo, uya kumnyhasha kamsinya uSathana phantsi kweenyawo zenu.Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani.

21 Uyanibulisa uTimoti osebenza nam, noLukiyo, noJason, noSosipatro, amawethu.

22 Nam Tertiyo osandla siyibhalileyo le ncwadi, ndiyanibulisa ndingoweNkosi nje.

23 Uyanibulisa uGayo endilundwendwe lwakhe, yena lihlanganela endlwini yakhe lonke ibandla. Uyanibulisa uErasto unondyebo wedolophu, noKwarto umwethu.[

24 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke. *Amen.]

Ilizwi lokudumisa uThixo

25 Masimdumise uThixo, yena onako ukunizinzisa elukholweni ngokweendaba ezimnandi endizivakalisayo, ndishumayela uYesu Krestu. Ezi ndaba zityhila imfihlakalo eyayikade ifihliwe mandulo.

26 Ngoku ke ibonakalisiwe. Yile mfihlakalo ke yayixelwa zizibhalo *zabashumayeli. Babesenjenjalo ngokuyalelwa nguThixo ohlala ehleli. Lo myalelo uThixo uwenze ukuze kubekho abakholiweyo nabamthobelayo kuzo zonke iintlanga.

27 Ke uThixo uSobulumko makadunyiswe kude kube ngunaphakade ngenxa kaYesu Krestu. *Amen.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16