1 Kwabasekorinte 1 XHO96

Isingeniso

1 Kubhala mna Pawulos ndibizwe *ndangumthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo. Ndibhala ndikunye noSosteno uwethu.

2 Ndibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abakhethwe ngokumanywa noKrestu Yesu, bebizelwe ukuba yimilowo yakwaThixo ndawonye nabo bonke abalinqulayo ezindaweni zonke igama leNkosi yethu uYesu Krestu, oyiNkosi yabo kwaneyethu.

3 Kuni ke ndithi: Makube sisisa, kube luxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.

Umbulelo

4 Ndihlala ndimbulela ngani uThixo wam ngenxa yesisa anibabale ngaso ngokunimanya noYesu Krestu.

5 Kaloku, nimanyene noKrestu nje, ninendyebo ngezinto zonke, ekuthetheni nasekwazini ngokupheleleyo.

6 Kaloku iindaba ezingoKrestu zithe zamila kuni,

7 kangangokuba aniphoswanga nasinye isipho esivela kuThixo ngeli xesha nikulindeleyo ukubonakala kweNkosi yethu uYesu Krestu.

8 INkosi uYesu Krestu iya kunomeleza kude kube sekupheleni, ningabi nabala ngeMini yayo.

9 Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.

Ukungavisisani ebandleni

10 Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.

11 Kuba kaloku, mawethu, ndixelelwe ngani ngabakuloKlowe ukuba kukho ukungavisisani phakathi kwenu.

12 Ndithetha le nto yokuba kuthiwa omnye kuni uthi: “Mna ndingokaPawulos;” omnye athi: “Mna ndingoka-Apolo;” omnye athi: “Mna ndingokaPetros;” omnye ke athi: “Mna ndingokaKrestu.”

13 Ngaba wahluka-hlukene na uKrestu? Ngaba nguPawulos na owabethelelwa ngenxa yenu? Ngaba nabhaptizwa egameni likaPawulos na?

14 Ndiyambulela uThixo kuba ndingabhaptizanga namnye kuni ngaphandle kukaKrispo noGayo,

15 ukuze kungabikho mntu uthi ndabhaptiza egameni lam.

16 Gxebe, ndabhaptiza noStefano nendlu yakhe. Ngaphandle kwabo ke, andikhumbuli ukuba ndabhaptiza wumbi.

17 Kakade uKrestu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezimnandi, kungabi ngabuciko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKrestu ungalanjathiswa.

UKrestu ungamandla nobulumko bukaThixo

18 Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo.

19 Kaloku *iziBhalo zitsho ukuthi: “Ndiya kububhangisa ubulumko bezilumko; ukuhlakanipha kweengqondi ndikuphuthise.”

20 Xa kunjalo ke ziphi na izilumko, ziphi na iingqondi, ephi na wona amaciko eli hlabathi? Kaloku uThixo ubonakalisile ukuba ubulumko beli hlabathi bubudenge.

21 UThixo ngobulumko bakhe ubone okokuba ihlabathi malingabi nako ukumazi ngobalo ubulumko. Hayi, kwakholeka kuThixo ukuba abo bakholwayo abasindise “ngobudenge” belizwi esilishumayelayo.

22 AmaJuda afuna umqondiso; amaGrike wona afuna ubulumko;

23 ke thina sivakalisa uKrestu ebethelelwe emnqamlezweni; into ke leyo esisikhubekiso kumaJuda nebubudenge kumaGrike.

24 Ke kwabo babiziweyo, amaJuda kwanamaGrike, sivakalisa uKrestu ongamandla nobulumko bukaThixo.

25 Kaloku into kaThixo ebubudenge, inobulumko kuneyabantu; nento kaThixo engathi ayinamandla, yomelele kuneyabantu.

26 Mawethu, yikhumbuleni into enaniyiyo ukubizwa kwenu nguThixo. Babembalwa kuni abazizilumko ngokomgangatho wabantu, bembalwa abanamandla, bembalwa abangabantwana begazi.

27 Kodwa uThixo usuke wanyula izinto ezibonakala ngathi zibubudenge ebantwini, ukuze ngokwenjenjalo adanise izilumko. Ngokunjalo ke uThixo unyule nezinto ezibonakala ngathi azinamandla ngokwabantu, ukuze ngokwenjenjalo adanise abanamandla.

28 Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini.

29 Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa.

30 Kaloku uThixo unimanye noKrestu Yesu osityhilela bonke ubulumko bukaThixo. Ngaye uThixo usenza amalungisa, asenze imilowo yakwakhe, asinike inkululeko.

31 Ngoko ke, njengoko iziBhalo zitshoyo: “Oqhayisayo makaqhayise ngeNkosi.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16