1 Kwabasekorinte 9 XHO96

Amalungelo neemfanelo zomthunywa

1 Andibi kanene ndikhululekile? Ndiba niyaqonda ukuba ndithunyiwe, *ndingumthunywa. Andibi kanene ndambona uYesu iNkosi yethu? Andibi kanene nina nisisiqhamo somsebenzi endiwenzela iNkosi?

2 Ndiqinisekile nokuba abanye bathi andingomthunywa, ndinguye kuni. Kaloku ukumanyana kwenu neNkosi ngumqondiso wokuba ndithunywe yiyo.

3 Ke ukuziphendulela kwabo bandigxekayo ndenjenje:

4 Ngaba andinalo mna ilungelo lokuba nditye ndisele?

5 Ngaba andinalo mna ilungelo njengabanye abathunywa, abantakwabeNkosi, noPetros, lokuba ndibe nenkosikazi engumKrestu, ndijikeleze nayo?

6 Okanye makube kuphela ndim noBharnabha ekufuneka sitye ukubila kwethu?

7 Lakha lakho phi ijoni elizihlawulela ngokwalo iindleko zalo emkhosini? Mlimi wuphi olima ajike angasityi isivuno? Nguwuphi umalusi ongazityiyo izapholo?

8 Ngaba ilungelo lam lokuba ngumthunywa lixhomekeke kule mizekeliso iqhelekileyo kuphela, okanye ngaba *nomthetho kaMosis uthetha kwaloo nto nawo?

9 Ewe, kaloku umthetho uthi: “Musa ukuyifaka isicheme inkabi ibhula.” Ke ngaba ziinkabi zeenkomo zodwa na ezi axela zona uThixo?

10 Ngaba asiqukwa na nathi? Ngokuphandle âbhalelwa thina la mazwi. Kaloku umlimi ulima ngethemba, nalowo ubhulayo ubhula ngethemba lokuba nesabelo.

11 Sahlwayela imbewu kaMoya phakathi kwenu. Nimangaliswa yintoni ke sakulindela inkxaso kuni?

12 Ukuba abanye banelungelo lokulindela iziqhamo ezinjalo kuni, alingaphezulu na ke elethu ilungelo? Ke thina asenzanga nto ngeli lungelo. Koko sisuke sanyamezela nayiphi na imeko endaweni yokuba sibe yimiqobo ethintela ukuhanjiswa kweendaba ezimnandi ezingoKrestu.

13 Anazi na ukuba abo basebenza *endlwini kaThixo baphila kwayiyo, baze abo benza amadini eqongeni lamadini bafumane isabelo kuloo madini?

14 Ngokunjalo ke iNkosi iyalele ukuba abo bashumayela iindaba ezimnandi zikaThixo baphile zizo.

15 Kodwa ke mna andikawabangi la malungelo, futhi ke nokubhala oku andizami kubanga wona. Hayi, ndixolele ukufa endaweni yokwenjenjalo! Akukho namnye uza kulijika ilungelo lam lokuqhayisa, alenze amazwi alambathayo.

16 Nokuba ndiyashumayela, andinalungelo lakuqhayisa ngaloo nto. Kaloku ndithunywe ukushumayela. Ngoko ke kungayinto embi gqitha xa ndingazishumayeli iindaba ezimnandi.

17 Ukuba bendisebenza ndingathunywanga, bendingade ndilindele umvuzo. Kodwa ke ngoku ndisebenza kuba ndinyanzelekile. Ngoko ke ndifezekisa into elindelekileyo ukuba ndiyenze.

18 Uyintoni ke umvuzo wam? Lilungelo lokuba ndizishumayele iindaba ezimnandi ndingahlawulisi, ndingawabangi amalungelo am ngokushumayela iindaba ezimnandi.

19 Ndikhululekile; kodwa naxa kunjalo ndizenza isicaka sabantu bonke, ukuze ndizuze babe baninzi kangangoko kunokwenzeka.

20 Xa ndisebenza namaJuda, ndiziphatha njengawo, ukuze ndiwazuze. Nangona mna ngokwam ndingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha ngathi ndiphantsi kwawo xa ndisebenza nâbo baphantsi kwawo, ukuze ndibazuze.

21 Kwangaloo ndlela, xa ndiphakathi kweentlanga ezingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha njengazo. Le nto ke ayithethi kuthi andiwuthobeli umthetho kaThixo, kuba eneneni ndiphantsi komthetho kaKrestu.

22 Xa ndiphakathi kwabantu abasephantsi kwesithethe ndiba njengabo, ukuze ndibazuze. Ngoko ke ndiba zizinto zonke kubantu bonke, ukuze ndiyisindise inxalenye yabo xa kunokwenzeka.

23 Le nto xa iyonke ndiyenza ngenxa yeendaba ezimnandi, khon' ukuze ndibe nenxaxheba kwiintsikelelo ezifumaneka ngenxa yazo.

24 Nani niyazi ukuba kukhuphiswano lweembaleki baba baninzi abazigqatsayo, kodwa mnye kuphela kubo ozuza imbasa. Nani ke balekelani ukuze nifumane imbasa.

25 Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo.

26 Yiloo nto endenza ndithi ngqo, ndisukele ukuya kufika entanjeni. Ikwayiloo nto endenza ndifane nembethi-manqindi engachithi xesha ngokubetha umoya.

27 Ndiwuphatha gadalala umzimba wam, ndiwuqhelisa, ukuze uhlale ulawuleka; hleze ndithi ndakuba ndibashumayezile abanye, mna ngokwam ndingamkeleki.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16