1 Kwabasekorinte 4 XHO96

Abathunywa bakaThixo

1 Makenjenje ke umntu ukucinga ngathi, athi sizizicaka zikaKrestu, singamagosa eendaba zikaThixo ebezingaziwa.

2 Into elindelekileyo ke kumagosa kukuba ahlale ethembekile.

3 Ke mna andikunanze nganto ukuziphendulela kuni okanye enkundleni eyeyabantu. Ewe, nam andiziphicothi ngokwam.

4 Akukho nto ndinasazela ngayo, kodwa loo nto ayithethi kuthi ndimsulwa. Kaloku umgwebi wam yiNkosi.

5 Ngoko ke musani ukugweba mntu ngaphambi kwexesha lokufika kweNkosi. Yona iya kuzityhila izinto zobumnyama ezifihliweyo, ekufikeni kwayo, iziveze ekuhleni iingcinga zabantu. Wothi ke elowo nalowo awongwe nguThixo ngokumfaneleyo.

6 Ezi zinto, mawethu, ndizilinganisela ngam noApolo ngenxa yenu, ukuze nifunde kuthi apha, nize ke, njengoko zitshoyo *iziBhalo, ningabi nakratshi. Ke musani ukuqhayisa ngothile nize nimdele omnye.

7 Kambe ngubani othe wena ubalulekile kunabanye; iyintoni yona onayo ongayiphiwanga nguThixo? Phofu ke, ukuba uphiwe, uqhayiselani ngokungathi akuphiwanga?

8 Ngathi senide nadikwa njê; ngathi senizizityebi njê; ngathi senide naziinkosi njê, ndingekabi yiyo nam! Akwaba beniziinkosi nyhani-nyhani, ukuze nam ndibuxhamle ubukhosi obo benu!

9 Kuba kum ngathi uThixo thina *bathunywa bakhe usinika eyona ndawo iphantsi, ngathi singabamiselwe ukufa, senziwe umboniso oyintlekisa ehlabathini, kwizithunywa zezulu nasebantwini.

10 Andithi thina siziziyatha kaloku ngenxa kaKrestu, nibe ke nina niziingqondi ngokumanywa noKrestu, ngabula nina! Andithi thina siswele amandla; ke nina nomelele! Kaloku nibekekile nina, sibe ke thina sidelekile!

11 Kude kube ngôkunje siyalamba, siyanxanwa, siyadlakazela, siyadlakathiswa, siyabhadula,

12 siyabulaleka sisebenza nzima sizixhasa. Sakuthukwa, siyasikelela; sakutshutshiswa, siyanyamezela;

13 sakunyeliswa, siyacenga. Kude kube ngoku siphethwe okwenkunkuma yehlabathi, umququ wezinto zonke.

14 Ezi zinto andizibhaleli kuba nenyele; hayi, ndizibhalela ukuniluleka. Kaloku ningabantwana bam endibathandayo.

15 Nokuba ningade nibe namawaka-waka abafundisi abanifundisa ngoKrestu, mnye yena uyihlo kodwa. Ndim ke lowo, kuba namanywa noKrestu ngokuziva ngam iindaba ezimnandi; ndafana nonizeleyo ke.

16 Ndiyanibongoza ke, xelisani mna.

17 Ngenxa yoko ndinithumela uTimoti ongunyana wam endimthandayo, othembekileyo ekuyikhonzeni iNkosi. Yena uya kunikhumbuza ngeemfundiso zam ngoKrestu, ezi ndizifundisayo ezindaweni zonke kuwo onke amabandla.

18 Abanye benu basuke bakhukhumala ngokungathi andisayi kuze ndize apho.

19 Ndiya kunihambela kamsinya, emandleni eNkosi, ukuze ndinganeli nje kuva kucikoza kwâbo bazidlayo, kodwa ndiwubone nomsebenzi wabo.

20 Kaloku ulawulo lukaThixo alungabuciko, lungamandla kaMoya.

21 Nikhetha ntoni ke? Ngaba nifuna ndize kuni ndiphethe uswazi, okanye nifuna ndize ndinothando nobubele?

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16