1 Kwabasekorinte 7 XHO96

Iingxaki ezimalunga nomtshato

1 Ngoku ke mandiphendule umbuzo wenu. Kulungile ukuba indoda ingabi nanto yakwenza nomntu obhinqileyo,

2 kodwa ukuphepha ukurheletya elowo makabe nowakhe umfazi, aze elowo umfazi abe neyakhe indoda.

3 Indoda mayimkholise umfazi wayo; nomfazi makenjenjalo endodeni yakhe.

4 Umfazi akanagunya kowakhe umzimba; yindoda enalo. Kwangokunjalo ke nendoda ayinagunya kowayo umzimba; ngumfazi onalo.

5 Musani ukwala ukuhlangana, ngaphandle kokuba nivumelene ukungahlangani okomzuzwana, nisenzela ukuba nibe nethuba lokuthandaza. Emva koko ke ze nibuye nihlangane, hleze uSathana anihende ngenxa yokungabi nako kwenu ukuzibamba.

6 Xa nditshoyo ke ndiyanicebisa, andiwisi mthetho,

7 kuba ndinga bonke abantu bangaba njengam lo. Kodwa ke elowo unesakhe isiphiwo ababalwe ngaso nguThixo. Omnye uba nesipho esithile, wumbi abe nesinye.

8 Ke kwabangatshatanga nabahlolokazi ndithi kubalungele ukuba bahlale njengam.

9 Kodwa ke, ukuba abanakuzibamba, mabatshate, kuba kulungile ukutshata kunokutshiseka.

10 Ke kwabatshatileyo ndinomyalelo, ongenguwo owam, ongoweNkosi. Lo myalelo ke ngowokuba umfazi otshatileyo makangahlukani nendoda yakhe.

11 Kambe ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angatshati, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe. Indoda ke yona mayingamali umkayo.

12 Ngokubhekiselele kwabanye asinamyalelo siwunikwe yiNkosi. Kodwa mna ndithi kubo, ukuba kukho kholwa lithile linomfazi ongelokholwa, aze umfazi lowo athande ukuhlala nalo, malingahlukani naye.

13 Nomfazi onendoda engelokholwa, ize yona ithande ukuhlala naye, makangahlukani nayo.

14 Kaloku indoda leyo ingelokholwa uThixo unebango kuyo ngenxa yomfazi wayo, nomfazi lowo ungelokholwa uThixo unebango kuye ngenxa yendoda yakhe. Ukuba bekungenjalo abantwana babo ngebenetyheneba, kanti ke abanalo, kuba uThixo unebango kubo.

15 Kodwa ke ukuba lowo ungelokholwa uyahlukana nalowo ukholwayo, makayekwe. Xa kunjalo indoda leyo ikholwayo nokuba ngumfazi akabotshelelwanga. Kaloku uThixo wasibizela ukuhlala ngoxolo.

16 Kanene wazi ngani na, wena mfazi, ukuba akuyi kuyisindisa indoda yakho? Wena ndoda, wazi ngani na ukuba akuyi kumsindisa umfazi wakho?

Hlala ukwimeko owabizwa nguThixo ukuyo

17 Elowo makahlale ekwimeko ayiphiwe yiNkosi, imeko awabizwa nguThixo ekuyo. Nantso ke into endiyifundisayo kuwo onke amabandla.

18 Ukuba ubani uthe wabizwa engowalukileyo *ngokomthetho kaMosis, makangazenzi ongalukanga. Ukuba ubani uthe wabizwa engalukanga, makangaluki.

19 Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto, eyona nto kukugcina imiyalelo kaThixo.

20 Elowo makahlale ekwimeko abizwe ekuyo nguThixo.

21 Wâbizwa ulikhoboka na? Mayingakukhathazi le nto, kodwa ukuba unokukhululeka, khululeka.

22 Kaloku lowo wabizwa yiNkosi elikhoboka, ngumkhululwa weNkosi. Ngokunjalo nalowo wabizwa yiNkosi engokhululekileyo, likhoboka likaKrestu.

23 UThixo wanithenga ngexabiso elikhulu; musani ke ukuba ngamakhoboka abantu.

24 Mawethu, elowo makahlale ekuloo meko wabizwa ekuyo.

Iingxaki ezimalunga nabantu abangatshatanga kunye nabahlolokazi

25 Ngokubhekiselele ezintombini asinamyalelo sawunikwayo yiNkosi. Kodwa njengamntu owenzelwe inceba yiNkosi ndaza ndathembeka, ndibona ngolu hlobo:

26 Ngenxa yeengxaki ezikhoyo kule mihla, ndibona ukuba kulungile ukuba umntu ahlale njengoko anjalo.

27 Ukuba unomfazi, musa ukufuna ukwahlukana naye; ukuba awunaye, musa ukuba samfuna umfazi.

28 Kodwa ke ukuba uyatshata akonanga; kanti nokuba intombi iyenda, ayonanga. Kodwa ke abatshatileyo baya kuhlala befikelwa ziingxaki, kanti bendingathandi ukuba kube njalo.

29 Ndithetha ukuthi ke, mawethu, ixesha liyemka. Ke ngoko abanabafazi mababe njengabangenabo;

30 abalilayo mababe njengabangaliliyo; abavuyayo mababe njengabangavuyiyo; abathengayo mababe njengabangenanto;

31 abasebenza ngezinto zeli hlabathi, mababe njengabangasebenziyo ngazo. Kaloku eli hlabathi aliyi kuhlala liyiloo nto liyiyo ngoku.

32 Ndithanda ukuba ningabi naxhala. Ongazekanga ukhuthalele izinto zeNkosi, kuba ezimisele ukuyikholisa iNkosi.

33 Ozekileyo yena ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa umkakhe,

34 abe nengqondo ebetha-bethanayo. Umfazi ongenandoda nentombi bakhuthalele izinto zeNkosi, bezimisele ukuzinikela ngomzimba nangomoya. Owendileyo ke ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa indoda yakhe.

35 Le nto ndiyithetha ngeenjongo zokuba nilungelwe, ndingajonge kunirhintyela. Ndiyithethela ukuze niyikhonze kakuhle iNkosi ningaphazanyiswa.

36 Malunga nabathembiseneyo ke, ukuba umfana unexhala lokuba wode ayihlazise intombi, eziva etshiseka, eqonda ukuba kuyimfuneko ukuba batshate, mabatshate ke njengoko afunayo, kuba akukho sono kuloo nto.

37 Kambe ke ozimiseleyo entliziyweni yakhe, engòyiswa kukutshiseka, enamandla okuzeyisa, kananjalo esenzile isigqibo entliziyweni yakhe sokuba angàtshati, uyalungisa ukwenjenjalo.

38 Ngoko ke otshatayo uyalungisa, kodwa lowo ungatshatiyo ulungisa ngokukodwa.

39 Umfazi ubotshiwe ngumthetho ngalo lonke ixesha isaphilayo indoda yakhe; ke ukuba indoda yakhe ibhubhile, ukhululekile; angatshata nendoda ayithandayo, kodwa ibe yekholwe eNkosini.

40 Noko ke uya konwaba ngakumbi ukuba uthe wahlala enjengoko anjalo. Kokwam ukubona ke oko, kanti nam ndiba ndinaye uMoya kaThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16