1 Kwabasekorinte 16 XHO96

Umnikelo wokunceda amakholwa

1 Ngokunxulumene nomnikelo wokunceda amakholwa akwaJuda, yenzani ngale ndlela ndandiwayalele ngayo amabandla aseGalati.

2 NgeCawe nganye umntu ngamnye makaqokelele isixa esithile semali, ngokwengeniso ayizuzileyo, asibeke bucala, ukwenzela ukuba ningaqali ukuqokelela ndakuba ndifikile.

3 Ndakufika ndothuma amadoda eniwakhethileyo nina ngokwenu, ayise imali leyo eJerusalem, ndiwaphathise nencwadi yokuwazisa.

4 Ukuba kuyimfuneko ukuba nam ndiye aya kuselehamba nam.

Amalungiselelo kaPawulos

5 Emveni kokuba ndigqithile eMakedoni, ndiya kuza kufika nalapho eKorinte. Kaloku ndiza kucanda kwelaseMakedoni.

6 Kungenzeka ndihlale ixeshana; mhlawumbi ndingabuchithela apho kuni ubusika. Kofuneka nindixhase ke ukudlula apho kuni, noba ndiya phi na.

7 Ukuba iNkosi iyavuma, bendingàthandi kudlula nje, bendingathanda ukukhe ndibe nethutyana ndihleli nani.

8 Ndizimisele ukukhe ndihlale apha e-Efese ide idlule *iPentekoste.

9 Apha kukho ithuba elihle elivulelekileyo lokusebenza, kodwa ke nenkcaso ikwankulu kangako.

10 Ukuba kwenzekile uTimoti wagqitha ngapho, ze nincede nimamkele, atsho azive esekhaya. Kaloku naye usisicaka seNkosi njengam.

11 Musani ukumdela, koko mncedeni ukuze alufeze uhambo lwakhe ngoxolo, eze apha kum. Nam ndimlindele apha kunye namakholwa.

12 Uwethu uApolo ndandimkhuthazile ukuba anihambele kunye namanye amakholwa, kodwa ke akakafuni kuza ngoku. Phofu ke uya kuza akulifumana ithuba.

Isiphetho

13 Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!

14 Wonke umsebenzi wenzeni ngothando.

15 Umzi wakwaStefano niyawazi ukuba ngowamaKrestu okuqala ukuguquka kweli laseAkaya, yaye bazinikele ekukhonzeni abantu bakaThixo. Ndiyanibongoza ke, mawethu,

16 ukuba nibalulamele abantu abanjengabo. Ndixela nabani na osebenza abulaleke njengabo.

17 Ukufika kukaStefano noFortunato noAkayiko, kuyandonwabisa; kaloku basivalile isikhewu sokungabikho kwenu,

18 bandixolisa njengoko nani benixolisile. Kufuneka athathelwe ingqalelo amadoda anjengala.

19 Ayabulisa amabandla ephondo laseAsiya. UAkwila noPrisila, kwakunye nebandla elingenela emzini wabo, bayabulisa ngokwabantu beNkosi.

20 Ayabulisa onke amakholwa. Nani bulisanani kakuhle ngokwamakholwa.

21 Ndiwubhala ngesam isandla lo mbuliso: Ndiyanibulisa mna Pawulos.

22 Nabani na ongayithandiyo iNkosi uqalekisiwe!“Marana tha” – O, Nkosi, yid' ufike!

23 INkosi uYesu mayibe nobubele kuni.

24 Ndinithanda xa ninonke ebudlelaneni bukaKrestu Yesu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16