1 Kwabasekorinte 11 XHO96

1 Hambani ekhondweni lam, njengoko mna ndihamba ekhondweni likaKrestu.

Ukugquma intloko enkonzweni

2 Ndiyanincoma ngokusoloko nindikhumbula, nizigcina nezithethe endininike zona.

3 Kambe ke ndifuna nicacelwe kukuba njengoko uKrestu ongamele indoda nganye, yindoda eyongamele umkayo, nanjengoko uKrestu onganyelwe nguThixo.

4 Ngoko ke indoda ethandazayo okanye eshumayelayo enkonzweni ithwele into entloko, iyamhlaza uKrestu.

5 Kwaye nawuphi na umfazi othandazayo okanye oshumayelayo enkonzweni, engathwele nto entloko, uyayihlaza indoda yakhe; loo mfazi akahluke nganto kumfazi onenkqayi!

6 Ukuba akathwali nto, makasuke agugule intloko kube kanye. Njengoko kulihlazo ukuba umntu obhinqileyo achetywe okanye abe nenkqayi, umfazi ke makathwale.

7 Akukho mfuneko yokuba ithwale indoda, kuba ibonakalisa umfanekiso nesidima sikaThixo. Umfazi ke liqhayiya lendoda yakhe.

8 Kaloku asiyondoda eyathathwa emfazini, ngumfazi owathathwa endodeni ukudalwa kwakhe.

9 Asiyondoda eyadalwa ngenxa yomfazi, ngumfazi owadalwa ngenxa yendoda.

10 Ngoko ke, ngenxa yokuhlonela imilowo yakwaThixo umfazi makathwale.

11 Kanti ke akukho namnye ungaxhomekekanga komnye kwabo badlelana noKrestu; indoda ixhomekeke emfazini, nomfazi endodeni.

12 Nanjengokuba kaloku umfazi wathathwa endodeni, ngokunjalo ke nendoda izalwa ngumfazi, yaye ke bobabini bavela kuThixo owadala zonke izinto.

13 Zahluleleni ngokwenu ke! Kufanelekile na ukuba umntu obhinqileyo athandaze enkonzweni engathwele nto entloko?

14 Indalo ngokwayo yalatha ukuba zilihlazo endodeni iinwele ezinde;

15 kodwa zilibhongo lomntu obhinqileyo. Kaloku wazinikwa iinwele ezinde ukuze zimgqume.

16 Kodwa ke ukuba kukho ofuna ukuwuphika lo mbandela, ndingasuka ndithi, mna kwanalo ibandla likaThixo, akukho siko limbi sinalo thina enkonzweni.

Isidlo seNkosi

17 Nantsi indawo endingenakunincoma ngayo: ezintlanganisweni zenu anihlanganeli kwakhana, koko nisuka none.

18 Ndawo yokuqala, ndivile ukuba kwezi nkonzo zenu nahluka-hlukene, ibe ke ndiyaqonda ukuba loo nto ngahle ibe injalo.

19 (Kambe yona iyantlukwano ilindelekile, ukuze kucace abo basendleleni nabo banxaxhayo.)

20 Ukuhlangana kwenu enkonzweni anihlanganeli kwenza umthendeleko weNkosi

21 kuba omnye uzityela yedwa, baze abanye basale belambile ngeli lixa abanye benxila.

22 Aninamakhaya apho ningatya nisele khona? Mhlawumbi ngaba nilidelile ibandla likaThixo, nihlaza abo basweleyo nje? Nilindele ukuba ndithini ngale nto? Ngaba nilindele ukuba ndinincome? Nakanye!

23 Kaloku le mfundiso ndaninika yona, mna ndayamkela kuyo iNkosi: Le yokuba iNkosi uYesu ngobusuku eyanikelwa ngabo yathatha isonka,

24 yabulela yasiqhekeza, yathi: “Ngumzimba wam lo; thathani. Ze nenjenje ke ukundikhumbula.”

25 Kwangokunjalo yayithatha nayo indebe emva kokuba kutyiwe, yathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa ngokuphalala kwegazi lam. Ngamaxesha onke niyisela mayinikhumbuze ngam.”

26 Kuba kaloku ngamaxesha onke nisitya esi sonka, niyisela le ndebe, nivakalisa ukufa kweNkosi, ide ibuye.

27 Ngoko ke lowo usityayo esi sonka, ayisele indebe yeNkosi, engafanelekanga, woba netyala ngomzimba negazi leNkosi.

28 Makazicikide ke ngoko ngokwakhe umntu, aze ke asitye isonka eso, ayisele nendebe leyo;

29 kuba lowo utyayo asele, uzityela aziselele umgwebo ukuba akawuphicothi ngokufanelekileyo umzimba weNkosi.

30 Lo ngunobangela wokuba babe baninzi phakathi kwenu ababuthathaka nabayimilwelwe, ngokunjalo nasebefile.

31 Ukuba besizicikida ngeba asigwetywa;

32 kodwa ke sisohlwaywa nje, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singagwetywa kunye nehlabathi.

33 Ngoko ke, mawethu, xa nihlangana esidlweni seNkosi lindanani.

34 Ukuba kukho olambileyo, makaqale atye ekhaya, ukuze ukuhlangana kwenu kunganizeli nokugwetywa. Eminye imicimbi ndoyiphonononga ndakuba ndifikile apho.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16