1 Kwabasekorinte 6 XHO96

Ukumangalelana kwamakholwa

1 Xa kukho umntu phakathi kwenu onento afuna ukumangalela omnye ngayo, angathini ukusuka aye kummangalela enkundleni, ukuze ityala lakhe lithethwe ngabangengomakholwa? Kutheni le nto angalisi kumakholwa nje ityala lakhe?

2 Anazi na ukuba amakholwa aya kuligweba ihlabathi? Ukuba ke ihlabathi liya kugwetywa nini, ningathini ke ukuxakwa kukuthetha nawona mancinci amatyala?

3 Thina siya kugweba nkqu nezithunywa zezulu, singathini ukuxakwa kukugweba izinto zobu bomi?

4 Ningathini ke ukusuka niye ematyaleni ngezinto zobu bomi, ukuze amatyala enu athethwe ngabantu abangento ebandleni?

5 Niyazihlazisa ke khona! Ngaba akukho nasinye na isilumko phakathi kwenu esinokuwalamla amakholwa?

6 Phofu ke lingathini ikholwa ukusuka limangalelane nekholwa enkundleni yabangakholwayo?

7 Iyimposiso enkulu kambe kwainto yokuba nibe nemicimbi enimangalelana ngayo. Ngekungcono ukuba benivuma ukuba noniwe; ngekungcono ukuba benivuma ukuba niqhathwe.

8 Kodwa, nina nisuka none okanye nibaqhathe abanye, nangona bengamawenu!

9 Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo,

10 nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

11 Kanti abanye kuni babenjalo kanye, kodwa nahlanjwa, nenziwa imilowo, naba ngamalungisa phambi koThixo ngenxa yegama leNkosi uYesu nangoMoya kaThixo wethu.

Dumisani uThixo ngemizimba yenu

12 Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.

13 Omnye unokuthi: “Ukutya kokwesisu, nesisu sesokutya.” Ewe, kunjalo, kodwa uThixo wokutshabalalisa kokubini. Ke wona umzimba asingowokurheletya, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba.

14 UThixo ke owayivusayo kwabafileyo iNkosi, uya kusivusa nathi ngamandla akhe.

15 Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu omzimba kaKrestu? Ngaba ndinokuthi ke ndiwathathe amalungu kaKrestu ndiwenze amalungu esifebe? Unotshe!

16 Ngaba anazi na ukuba ozimanya nesifebe umzimba mnye naso? Kaloku *iziBhalo zithi: “Abo babini boba mzimba mnye.”

17 Ke ozimanye neNkosi umoya mnye nayo.

18 Kucezeleni ukurheletya. Ezinye izono umntu anokuzenza aziwungcolisi umzimba, kodwa yena umrheletyi wona umzimba wakhe.

19 Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu;

20 ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16