1 Kwabasekorinte 15 XHO96

Isiganeko sokuvuka kukaKrestu

1 Ngoku ke, mawethu, ndithanda ukunikhumbuza ngeendaba ezimnandi zikaThixo endanishumayeza zona; ezo nazamkelayo, enimi nithe zinzi kuzo.

2 Ludaba lukaThixo ke olo, enosindiswa ngalo ukuba nibambelele ngokuthe nkqi kulo ngale ndlela ndinishumayeza ngayo – ngele kokuba ke nafumana nakholwa lilize nje.

3 Ndawo yokuqala ndazigqithisela kuni ezona ndawo ndazamkelayo, ezi zokuba uKrestu wafela izono zethu, ngokutsho *kweziBhalo,

4 nokuba wangcwatywa, nokuba wavuka ekufeni ngomhla wesithathu, ngokweziBhalo;

5 waza wabonakala kuPetros, wabonwa nangabo bonke abathunywa abalishumi elinambini.

6 Emva koko ubonakele ngaxesha-nye nakubalandeli bakhe abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasekhoyo nangoku abaninzi babo, nakuba babhubhayo nje abanye.

7 Uphindile wabonwa nanguYakobi, wabonwa *nangabathunywa xa bebonke.

8 Ke ekugqibeleni, ngokungathi mna ndizelwe emva kwexesha, wabonwa nandim.

9 Ke kuba mna ndingoyena uphantsi kubo bonke abathunywa, akufanele nokuba kuthiwe ndingumthunywa, kuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.

10 Kodwa ngesisa sikaThixo ndiyile nto ndiyiyo, yaye nesisa andibabala ngaso uThixo andidlalanga ngaso. Ndisuke ndasebenza ukudlula bonke abathunywa, phofu ingendim, koko inguThixo osebenza ngam ngesisa sakhe.

11 Ngoko ke nokuba ndim, nokuba ngabo, sishumayela udaba olunye; ke nina nalwamkela.

Ukuvuka kwethu kwabafileyo

12 Njengokuba thina sishumayela ukuba uKrestu wavuka nje ekufeni, batsho njani ke abanye benu ukuba abafileyo abavuki ekufeni?

13 Ukuba alukho uvuko lwabafileyo, noKrestu ke akazange avuke ekufeni.

14 Ukuba ke uKrestu akavukanga ekufeni, ukushumayela kwethu ngamampunge, nokholo lwenu luphuthile.

15 Ngaphezu koko ke nathi ngaba singamangqina amxokayo uThixo, kuba sathi umvusile uKrestu, nangona angamvusanga, ukuba kambe ngaba kuyinene ukuba abafileyo abavuki.

16 Kuba, ukuba ngaba abafileyo abavuki, noKrestu ke akazange avuke ekufeni.

17 Ukuba ke uKrestu akavuswanga ekufeni, ukholo lwenu ke luyalambatha – nisahleli ezonweni zenu.

18 Loo nto ingathetha ukuthi loo makholwa afa emanyene neNkosi, akukho nto yawo, atshabalele.

19 Ukuba ithemba lethu kuKrestu liphelela kobu bomi qha, singabona bantu balusizi kulo lonke ihlabathi.

20 Kambe ke nantsi eyona nyaniso: evukile nje uKrestu ekufeni, ubahlahlele indlela abafileyo.

21 Njengoko ukufa kweza ngomntu, ngokukwanjalo novuko lwabafileyo luza kwangomntu.

22 Njengoko abantu bâthi ngokumanywa kwabo noAdam bafa bonke, ngokunjalo nangokumanywa kwabo noKrestu baya kuvuka bonke.

23 Kodwa ke elowo nalowo kolwakhe uluhlu: uKrestu yena ngowokuqala kubo bonke; emva koko ke abakhe baya kuvuka ngethuba lokubuya kwakhe.

24 Kwandule ke kufike isiphelo, apho uKrestu aya kunikezela lonke ulawulo kuThixo uYise, akuba ezibhangisile zonke iindidi zezithunywa zezulu: iziphathamandla, oomagunya, kwanamandla.

25 UKrestu kaloku umelwe kukulawula lo gama uThixo amoyisela zonke iintshaba.

26 Olokugqibela ke utshaba oluya kubhangiswa kukufa,

27 kuba, njengoko zitshoyo *iziBhalo: “UThixo umoyisele zonke iintshaba.” Kucacile ke ukuba uThixo yena akabalwa xa kusithiwa “umoyisele zonke,” inguye nje kaloku omoyisele zonke iintshaba uKrestu.

28 Xa ke zonke izinto sezilawulwa nguKrestu, uya kwandula ke yena uNyana ukungena ekulawulweni ngulowo umoyisela zonke izinto; yena ke uThixo abe ngolawula konke.

29 Kwakho kukho abo babhaptizwa endaweni yabafi. Bathemba ukuzuza ntoni ke ngaloo nto? Ukuba ke banyanisile xa bathi akukho luvuko lwabafileyo, bebhaptizwa nje endaweni yabafi, kutheni?

30 Khona kutheni le nto thina sizibeka emngciphekweni maxa onke?

31 Ndihleli ndisemngciphekweni wokufa mihla le, mawethu! Ngenene le nto ndiyithetha ndiqhayisa ngani ngenxa yebhongo endinalo ngokumanywa kwam noYesu Krestu iNkosi yethu.

32 Ukuba apha e-Efese bendisilwa namarhamncwa ngamandla obuntu nje kuphela ibingandinceda ntoni loo nto? Kodwa ke ukuba akukho kuvuka kwabafileyo “masisesisitya sisela, kuba ngomso siya kufa,” ngabula saci.

33 Musani ukuphazama: “Incoko embi iyasonakalisa isimilo esihle.”

34 Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane.

Umzimba wovuko

35 Mhlawumbi omnye uya kubuza athi: “Bavuka kanjani na abafileyo? Bavuka benomzimba onjani na?”

36 Siyathandini, akwazi ukuba imbewu oyityalileyo ayintshuli ingakhange ife kuqala?

37 Le nto uyityalayo ayisiso isithombo, kodwa yimbewu nje, nokuba yeyengqolowa okanye olunye uhlobo.

38 Imbewu nganye uThixo uyinika isimo esiyifaneleyo ngokuthanda kwakhe.

39 Inyama yezinto eziphilayo ayifani; ikho eyabantu, ikho neyezilwanyana, neyeentaka ikhona, kanti ikwakho neyeentlanzi. Xa iyonke ke ayifani.

40 Ukumila nesithomo sezidalwa ezisezulwini kwahlukile. Ezasezulwini zinobuhle nesidima esisodwa, kanti nezasemhlabeni zinobuhle nesidima esahlukileyo.

41 Ilanga linobuqaqawuli balo lodwa, nenyanga inobuqaqawuli obubodwa, kanti neenkwenkwezi zinobuqaqawuli obahlukileyo, kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye ngokuqaqamba.

42 Kukwanjalo ke nakuvuko lwabafileyo. Njengokuba umzimba ungcwatywa unako ukonakala, uvuka ungasenakonakala.

43 Ungcwatywa uthobekile, uvuka unobuqaqawuli; ungcwatywa ubuthathaka, uvuka unamandla.

44 Kungcwatywa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowoMoya. Njengokuba ukho nje umzimba ongowemvelo, kucacile ukuba ukho nomzimba ongowoMoya.

45 Kuba *iziBhalo zithi umntu wokuqala, uAdam, waba ngumntu odla ubomi, yena ke owokugqibela uAdam waba nguMoya odlisa ubomi.

46 Akuqali okoMoya, kodwa kuqala okwemvelo, kuze kulandele ke okoMoya.

47 Owokuqala umntu wenziwa ngothuli lomhlaba, ungowomhlaba; yena owesibini uMntu waphuma ezulwini.

48 Abasemhlabeni abantu bafana naloo mntu wenziwa ngomhlaba; kanti ke abasezulwini abantu bafana naloo Mntu wavela ezulwini.

49 Njengokuba sifuze loo mntu wenziwa ngomhlaba, ngokunjalo siya kumfuza naloo Mntu weza ephuma ezulwini.

50 Xa nditshoyo ke, mawethu, ndithi into eyenziwe ngenyama negazi ayinakubudla ilifa ubuncwane bokulawulwa nguThixo, kwaneyonakalayo ayinakungonakali.

51 Mandinazise le nto benikade ningayazi: Asiyi kufa sonke; kodwa ngesiquphe,

52 ngephanyazo, siya kwenziwa kumila kumbi sonke, xa kukhala ixilongo lokugqibela. Kuba liya kuvakala ixilongo; abafileyo baya kuvuswa sebenemo engasenakufa, senziwe kumila kumbi sonke.

53 Kuba le mo sikuyo yonakalayo, imelwe kukwambatha imo engonakaliyo; le mvelo ifayo, yambathe ukungafi.

54 Xa ke le mo yonakalayo seyambethe ukungonakali, naxa le mvelo ifayo seyambethe ukungafi, iya kuzalisekiswa ke le ndawo yeziBhalo ithi:“Ukufa kubhangisiwe;ukufa kufincelelwe eloyisweni.”

55 “Kufa luphi na uloyiso lwakho?Kufa luphi na ulwamvila lwakho?”

56 Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.

57 Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!

58 Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16