1 Kwabasekorinte 8 XHO96

Iingxaki ezimalunga nokutyiwa kwenyama yedini

1 Ke ngoku malunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa *izithixo: Kakade sonke “sinolwazi,” njengoko kusitshiwo, kodwa olu “lwazi” lungenza ukuba umntu akhukhumale, kanti uthando lona luyakha.

2 Umntu oba unolwazi, okunene akakabi nalo ulwazi olululo.

3 Ke umntu omthandayo uThixo, uThixo unobudlelane naye.

4 Hee, mandithethe ke ngokumalunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa izithixo. Ewe, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi nokuba mnye kuphela uThixo, akukho wumbi.

5 Kambe bakho ekuthiwa bangoothixo nokuba basezulwini okanye basehlabathini. Ewe, baninzi ababizwa ngokuthi “thixo” okanye ngokuthi “nkosi.” Nokuba kunjalo ke,

6 kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.

7 Kodwa oku akwaziwa ngabantu bonke. Abanye nangoku basenesazela ngezithixo. Bona ke, xa batya inyama yedini, bayitya ilidini, sithi ke isazela sabo esibuthathaka sibadle.

8 Kodwa asinako ukumkholisa uThixo ngento esiyityayo okanye esingayityiyo. Akukho nto iya kusilungela ngakuba singatyanga, kungekho nto iya kusonakalela ngakuba sityile.

9 Nakuba kunjalo ke lumkani, hleze ilungelo lenu lokutya nayiphi na inyama libe sisikhubekiso kwabo bangekakhululeki ezithetheni.

10 Kaloku xa athe wakubona umntu ongekakhululeki ezithetheni wena “unolwazi” usitya inyama endlwini yezithixo, akayi kusuka aye kuyitya naye, kodwa yena ayitye ilidini elenzelwe izithixo?

11 Ngaloo ndlela ke umwenu ongekakhululeki ncam, owafelwa nguKrestu, wotshabalala ngenxa “yolwazi” lwakho olo.

12 Kanti xa nisenjenjalo ukona amawenu ngokuwakhubekisa, nona uKrestu.

13 Ngenxa yale nto ke ndithi: Ukuba ukutya kuyamkhubekisa umwethu, andisayi kutya nyama naphakade, ukuze ndingamkhubekisi umwethu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16