1 Kwabasekorinte 14 XHO96

Izipho zoMoya oyiNgcwele kwakhona

1 Ngoko ke langazelelani uthando, ningaziyeki phofu nezinye izipho zoMoya, ingakumbi isiphiwo sokushumayela.

2 Yena othetha ngeelwimi, uthetha noThixo, akabhekisi mntwini, kuba akukho bani uyiqondayo le nto ayithethayo. Kaloku ngamandla kaMoya oyiNgcwele uthetha izinto ezibanqabeleyo abantu.

3 Kodwa yena oshumayelayo uthetha nabantu; uyabakha, uyabakhuthaza ebathuthuzela.

4 Lowo uthetha ngeelwimi, uzakha yena siqu; kodwa yena oshumayelayo wakha ibandla liphela.

5 Bendingathandayo ukuba nithethe iilwimi xa ninonke, kodwa eyona nto ingaphezulu kukuba nibe nesiphiwo sokushumayela nonke. Lowo ushumayelayo ungaphezulu kwalowo uthetha ngeelwimi, ngaphandle kokuba lowo uthetha ngeelwimi uyatolikelwa, ukuze kwakheke ibandla liphela.

6 Mawethu, kunganinceda ntoni ukuba ndithi xa ndifikile apho kuni ndithethe ngeelwimi? Nento le – ngaphandle kokuba ndiniphathele isityhilelo esivela kuThixo, ulwazi oluthile, okanye udaba olunefuthe likaMoya, kungenjalo imfundiso.

7 Nasengomeni izinto ezinjengoomaxilongo noozikatala zikhala ngokwahlukeneyo. Okanye xa kungenjalo ngubani ongayilandelayo ingoma ukuba azikhali ngokucacileyo?

8 Khona, ukuba ngaba umkhalisi-sigodlo akasikhalisanga ngokucacileyo, ngubani owoyixhobela imfazwe?

9 Kwangaloo ndlela ke, loqondakala njani udaba eniluthethayo ngeelwimi xa ngaba alucacanga? Nakanjani na olu daba luya kuphephetheka nomoya!

10 Nakuba kukho iilwimi ngeelwimi apha emhlabeni, akukho nalunye olungenantsingiselo.

11 Ukuba ke andilwazi ulwimi oluthethwayo, lowo uluthethayo uya kuba yintlanga kum, nam ndibe yintlanga kuye.

12 Njengokuba nikulangazelela nje ukuba nazo iziphiwo zoMoya, zamani ukubalasela kwezo zilakhayo ibandla.

13 Umntu othetha ngeelwimi makathandazele ukufumana isiphiwo sokuzicacisa.

14 Kuba xa ndithandaza ngeelwimi umoya wam uhamba nam, kodwa yona ingqiqo ayithathi nxaxheba.

15 Mandithini ke? Mandithandaze ndawonye nomoya wam, kodwa ndithandaze ngengqiqo; mandimemelele ngomoya, futhi ndimemelele ngengqiqo.

16 Ukuba udumisa uThixo usemoyeni, ke yena umntu nje okunye nawe, angatsho njani ukuthi: “*Amen,” kuloo mbulelo wakho? Akanandlela yakuthatha nxaxheba, kuba kaloku akeva.

17 Nangona wona umthandazo wakho uvakala kuThixo, awuloncedo komnye umntu.

18 Ndiyambulela uThixo kuba mna iilwimi ndizithetha ngaphezu kwenu nonke.

19 Kodwa enkonzweni ndikhetha ukuthetha nokuba ngambalwa amazwi aqondakalayo, ukuze abanye bafunde, kunokuba ndenze umlembelele wento engaviwayo ndithetha iilwimi.

20 Izimvo zenu mazingabi zezobuntwana, mawethu. Yibani ngabantwana kambe kwizinto eziphathelele ebubini, kodwa iingcinga zenu zona mazivuthwe.

21 Kaloku *eziBhalweni kuthiwa:“ ‘Ndiya kuthetha kwaba bantu ngabantu abantetho yimbi,’ itsho iNkosi.‘Ndiya kuthetha ngeelwimi zasemzini,kunjalo nje abayi kundiva.’ ”

22 Ngoko ke isiphiwo sokuthetha iilwimi sikholo ukuba sibe ngumqondiso kwabangakholwayo, ingekuko kwabakholwayo. Ke sona isiphiwo sokushumayela singumqondiso kwabakholwayo, ingekuko kwabangakholwayo.

23 Xa lihlangene ke ibandla, waza ulowo nalowo wasuka wathetha iilwimi, kwaza kwathi kusenjalo kwafika abanye abangayiqondiyo le nto okanye abangengomakholwa, abayi kuthi niphambene?

24 Kodwa ukuba niyashumayela nonke, kuze kufike umntu nje ozihambelayo okanye umntu ongelokholwa, loo mntu uya kuziva echukumiseka ngenxa yelizwi alivayo. Onke amazwi awevayo aya kumgweba,

25 ziphengululwe iingcinga zakhe ezifihlakeleyo, agobe amadolo amnqule uThixo, evuma ukuba ngenene uThixo ukho phakathi kwenu.

Inkqubo yebandla

26 Lilonke ke, mawethu, ndithi: Ukuba nihlangene ngeenjongo zokunqula, yiphanani inxaxheba; omnye makathathe iculo, omnye imfundiso, wumbi avakalise isityhilelo esivela kuThixo, aze omnye ashumayele ngeelwimi, ngokunjalo ke omnye makatolike loo nto ithethwayo. Yonke into eniyenzayo mayilakhe ibandla.

27 Ukuba nithetha ngeelwimi mababe babini okanye bangagqithi esithathwini abathethayo; nalapho ke makuthethe abe mnye ngexesha, aze ke omnye abatolikele.

28 Kodwa ke, ukuba akukho bani ungatolikayo, lowo ubethanda ukuthetha ngeelwimi ebhekisa ebandleni makaseyeka, azithethele noThixo ngaphakathi.

29 Ababini nabathathu bangashumayela, abanye ke bona betyise loo nto ithethwayo.

30 Kodwa ukuba omnye kwabahleli phantsi uziva enodaba angaluthethayo, lo umileyo makahlale phantsi.

31 Kaloku kungcono ninikane izithuba xa nishumayelayo, ukuze xa lilonke ibandla lifumane imfundiso nenkuthazo.

32 Lowo ushumayelayo makazibambe, hleze ifuthe analo liyone intshumayelo,

33 kuba uThixo lo ngowenzolo, akangowombhodamo.Njengakuwo onke amabandla abantu bakaThixo,

34 amakhosikazi makazole ezintlanganisweni. Akuvumelekanga ukuba ashumayele. Ngoko ke makalulamele umyalelo womthetho.

35 Ukuba kukho into afuna ukuyiqonda makayibuze kubayeni bawo emakhaya. Kaloku ilihlazo into yokuba inkosikazi ithethe entlanganisweni yebandla.

36 Ngaba ke ilizwi likaThixo laqala kuni? Okanye ngaba nini kuphela abantu elifikeleleyo kubo ilizwi likaThixo?

37 Nabani na ozicingela ukuba ungumshumayeli okanye unesiphiwo soMoya, makaqonde ukuba le nto ndiyibhalayo inomnwe weNkosi.

38 Ukuba akayamkeli le mfundiso, naye akamkelwa nguThixo.

39 Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ukushumayela, kodwa ningakuthinteli ukuthetha ngeelwimi.

40 Yonke into mayenziwe ngolungelelwano nangocwangco.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16