1 Kwabasekorinte 12 XHO96

Izipho ezivela kuMoya oyiNgcwele

1 Malunga nezipho zoMoya oyiNgcwele kukho izinto endifuna ukunicacisela zona, mawethu.

2 Niyazi ukuba ngokuya nanisengabahedeni nanilawulwa niphuphuthekiswa zizithixo ezizizidenge.

3 Ngoko ke yiqondeni into yokuba akukho bani ukhokelwa nguMoya kaThixo unokuthi: “Uqalekisiwe uYesu,” futhi kungekho bani unokuvuma ukuba: “UYesu uyiNkosi,” engakhokelwa nguMoya oyiNgcwele.

4 Kukho iintlobo ngeentlobo zeziphiwo, kodwa zivela kuMoya omnye.

5 Kukho iintlobo ngeentlobo zemisebenzi, kodwa kusetyenzelwa iNkosi enye.

6 Kukho iintlobo-ntlobo zeziphiwo zamandla okusebenza, kodwa xa zizonke zivela kuThixo, ikwanguye nozabela ulowo nalowo.

7 Kuthi sonke ngabanye uMoya uzibonakalisa ngendlela ethile, enenjongo yokuba sakhane.

8 Umntu othile uMoya umnika ubulumko, aze omnye amnike ukwazi.

9 Kwalo Moya mnye omnye umnika inzondelelo, aze omnye amnike amandla okuphilisa.

10 Omnye umntu uMoya umnika amandla okwenza imiqondiso, aze omnye amnike amandla okushumayela, wumbi amnike ubuchule bokucalula oomoya. Omnye umnika isiphiwo sokuthetha iilwimi, aze omnye amnike isiphiwo sokutolika.

11 Kodwa ngulo Moya mnye owenza yonke le nto; umntu ngamnye umnika isipho esahlukileyo ngokubona kwakhe.

Umzimba unamalungu amaninzi

12 UKrestu unjengomzimba, wona unamalungu amaninzi, kodwa ube wona umnye.

13 Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.

14 Kaloku umzimba lo awulolungu linye, ungamalungu amaninzi.

15 Nokuba unyawo belungáthi: “Kaloku mna andisosandla, ngoko ke andingowomzimba,” loo nto ibingayi kulwenza unyawo lungabi lolungu lomzimba.

16 Nokuba indlebe ibingasuka ithi: “Ngenxa yokuba mna ndingelilo iliso, ngoko ke andingowawo umzimba,” loo nto ibingayi kuyenza ingabi lilo ilungu lomzimba indlebe.

17 Ukuba ke wonke umzimba ubuliliso ngesisiva njani? Khona ukuba ubuyindlebe wonke, ngesijoja njani?

18 Kodwa ke uThixo udale amalungu ahlukeneyo emzimbeni ngokuthanda kwakhe.

19 Ukuba amalungu onke ebelilungu elinye qha, ibingàyi kuba ngumzimba loo nto.

20 Kambe ke inje le nto: nakuba amalungu emaninzi nje, umzimba wona mnye.

21 Ngoko ke iliso alinakuthi esandleni: “Andikufuni nganto;” ingenakutsho nentloko ezinyaweni ukuthi: “Andinifuni nganto.”

22 Kusuka kuthi awona malungu angathi abuthathaka, ibe ngawona kanye singenakwenza nto engekho;

23 aze wona loo malungu angawona adelekileyo, ibe ngawo kanye esiwambathisa ngokunonelela; aze amalungu ahlonitshwayo ibe ngawona acoselelwayo ukunakekelwa,

24 nto leyo ingeyomfuneko kumalungu afanelekileyo. UThixo umzimba uwakhe ngohlobo lokuba amalungu adelekileyo ibe ngawona ahlonitshwayo.

25 Ngoko ke akukho kubukulana emzimbeni – asuka amalungu onke ilelo linyamekele elinye.

26 Xa sukuba elinye lisifa, onke amanye amalungu avelana nalo; kuthi lakunikwa imbeko, onke amanye avuyisane nalo.

27 Ningumzimba kaKrestu ke xa ninonke nina; elowo kuni lilungu laloo mzimba.

28 UThixo ebandleni lakhe unocwangco: Kuqala *ngabathunywa, kulandele *abashumayeli, kuze abefundisi; emva kwabo ibe ngabenza imiqondiso, ibe ngabanegunya lokuphilisa, abancedisi, abakhokeli, nabathetha iilwimi.

29 Àbangobathunywa bonke aba, bengengobashumayeli bonke, bengengabo nabefundisi bonke. Asingabo bonke abanegunya lemiqondiso,

30 ingengabo bonke nabanegunya lokuphilisa, bengathethi zilwimi bonke, bengatoliki bonke.

31 Ke kaloku langazelelani ezona zipho zibalaseleyo.Ngaphezu koko, nantsi ke eyona ndlela izigqwesa zonke:

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16