1 Kwabasekorinte 3 XHO96

Abancedisayo emsebenzini kaThixo

1 Nam ke, mawethu, bendingenako ukuthetha nani ngendlela endithetha ngayo nabo banaye uMoya, kodwa kwakufuneka ndithethe nani ngendlela endithetha ngayo nabo baselula, baseziintsana kwihambo yobuKrestu.

2 Ndaniseza ubisi, andanipha kutya kuqinileyo, kuba naningekakufaneli. Kanti ke unangoku anikakufaneli,

3 kuba nisaziphethe ngokwesimo esidala. Kaloku xa ninomona, neenkani, nixabana, niziphatha ngokwesimo esidala, nilinganisa abantu.

4 Kakade anilinganisi bantu xa omnye athi: “Mna ndingokaPawulos,” wumbi athi: “Mna ndingoka-Apolo”?

5 Xa ndingubani mna Pawulos, engubani yena uApolo? Sizizicaka nje zikaThixo kuphela, ezinincedayo ukuba nikholwe. Umntu ngamnye kuthi wenza umsebenzi awunikwe yiNkosi.

6 Mna ndatyala, uApolo yena wankcenkceshela, kodwa ke nguThixo okhulisayo.

7 Ngoko ke lowo utyalayo akabalwa, nalowo unkcenkceshelayo akabalwa; obalulekileyo nguThixo, yena ukhulisayo.

8 Lowo utyalayo ke uyafana nalowo unkcenkceshelayo, kodwa elowo kubo uya kwamkela umvuzo ngangokubulaleka kwakhe.

9 Thina singabancedisanayo emsebenzini kaThixo; intsimi kaThixo ke nini.Ngenye indlela nisisakhiwo sikaThixo.

10 Ngesisa endisenzelwe nguThixo ndasibeka isiseko ngokwegcisa lomakhi. Omnye ke wakha phezu kwaso. Elowo ke makayigqale indlela akha ngayo phezu kwesi siseko.

11 Kaloku akukho bani unokubeka siseko simbi ngaphandle kweso sabekwa nguThixo, eso ke singuYesu onguKrestu.

12 Kunokwakhiwa ngezinto ezahluka-hlukeneyo phezu kwesi siseko. Kunokwakhiwa ngegolide, ngesiliva, nangamatye anqabileyo; kunokwakhiwa ngamaplanga, ngengca, nangeendiza.

13 Umsebenzi womntu ngamnye uya kucaca ngemini yomgwebo, kuba ngaloo mini umlilo uya kuwubonakalisa umsebenzi womntu ngamnye, uphicothe ubunjani bawo.

14 Ukuba into akhe ngayo umntu phezu kwesi siseko ayitshanga, uya kwamkela umvuzo.

15 Ke ukuba ithe yatsha, umntu lowo wolahlekelwa ngumvuzo; ke yena ngokwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni.

16 Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu?

17 Ukuba umntu uyayonakalisa indlu kaThixo, uThixo uya kumohlwaya, kuba indlu kaThixo ingcwele – nina ke niyiloo ndlu.

18 Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.

19 Kaloku ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo. Kaloku *iziBhalo zitsho ukuthi: “UThixo uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo;”

20 ziphinde zithi: “INkosi iyazazi ukuba zingamampunge iingcamango zezilumko.”

21 Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngezinto ezenziwa ngabantu. Kaloku izinto zonke zezenu:

22 nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguPetros, nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezikhoyo, nokuba zeziza kubakho; zonke ezo zinto zezenu.

23 Kodwa ke nina ningabakaKrestu, uKrestu yena ngokaThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16