Kwabaseroma 15 XHO96

UKrestu umzekelo wokungazikholisi

1 Thina ke sinokholo olomeleleyo simelwe kukuthwalisana ubunzima nabo balukholo lubuthathaka. Masingazikholisi thina ziqu,

2 koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo.

3 Kaloku naye uKrestu akazikholisanga, njengoko nazo *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Izingcikivo zabakungcikivayo zathwalwa ndim.”

4 Kaloku zonke izinto eziseziBhalweni zabhalelwa ukusifundisa, khon' ukuze sihlale sihleli sinethemba ngonyamezelo nenkuthazo esizifumana kuzo iziBhalo.

5 Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu,

6 ukuze nithi, ngamxhelo mnye, nimdumise ngazwi-nye uThixo, uYise weNkosi uYesu Krestu.

7 Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo.

8 Ke kaloku ndithi, uKrestu waba ngumkhonzi wamaJuda, ukubonisa ukuba uThixo unyanisekile, uyazizalisekisa izithembiso awazenzayo *kumanyange.

9 Ngokunjalo uKrestu wayenza le nto ukuze neentlanga zimdumise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Ngenxa yoko ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga,ndiliculele indumiso igama lakho.”

10 Kananjalo zithi:“Yibani nemihlali ndawonye nabantu bakhe, nina zintlanga.”

11 Kananjalo:“Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga;yibongeni, nonke nina zizwe.”

12 Kananjalo noIsaya uthi:“Liya kubakho iHlumelo likaJese.Uya kuvela oya kulawula iintlanga.Ziya kuthembela kuye izizwe.”

13 Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.

Umsebenzi kaPawulos

14 Mawethu, ndiqinisekile ukuba ningabantu abalungileyo, abanolwazi olunzulu, abanako nokucebisana.

15 Kodwa ke, mawethu, kwezinye iindawo ndinibhalele ndithetha ngokuphandle, ndinikhumbuza kwakhona ngeendawo ezithile. Ndithethe ngokuphandle ngenxa yobabalo uThixo awandibabala ngalo,

16 ubabalo ke lokuba ngumkhonzi kaKrestu Yesu olungiselela iintlanga. Ngokushumayela iindaba ezimnandi zikaThixo ndisebenza okombingeleli, ukuze iintlanga zibe nokuba lidini elamkelekileyo kuThixo, lingcwaliswe nguMoya oyiNgcwele.

17 Ekubeni ndimkhonza ngolu hlobo uThixo, ndimanywe noKrestu Yesu, ndifanele ukuba neqhayiya.

18 Ke mna andinabuganga bakuthetha nto ngazinto angazisebenzanga ngam uKrestu. UKrestu wasebenza ngam ukuze iintlanga zimlulamele, esebenza ngamazwi am nangezenzo zam,

19 esebenza ngamandla emiqondiso nemimangaliso, nangamandla oMoya. Ndithe ke ndaqala eJerusalem, ndajikeleza ndaya kutsho nakwelaseIliriko, ndizivakalisa kuyo yonke indawo iindaba ezimnandi zikaKrestu.

20 Ndihlala ndizimisele ukushumayela iindaba ezimnandi apho kungekaviwa nto khona ngoKrestu, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye,

21 kodwa kube njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Abo bangaxelelwanga nto ngaye, baya kubona;nabo bengevanga nto, baya kuqonda.”

22 Ngenxa yoko bendisoloko ndixakekile, andabi nako ukunihambela.

23 Ngoku ke, ekubeni ndingasenandawo emandiyihambele kule mimandla, nasekubeni ndineminyaka emininzi ndilangazelela ukunihambela,

24 ndothi ke xa ndihambela eSpeyini, ndinityelele nani, kuba ndinethemba lokunibona xa ndigqitha apho. Emva kokuba ke sendikhe ndaba lundwendwe phakathi kwenu okwexeshana, ndinethemba lokuba nondixhasa ukuya eSpeyini.

25 Kodwa okwangoku ndisaya eJerusalem, ukuya kulungiselela abantu bakaThixo.

26 Kaloku kwakholeka kwabaseMakedoni nabaseAkaya ukuba babancede abantu bakaThixo baseJerusalem abasweleyo.

27 Benjenjalo kuba babemelwe kakade kukwenjenjalo. Kaloku ekubeni amakholwa angamaJuda ethe anikela ngezinto ezizezoMoya kwiintlanga, kufanelekile ukuba namakholwa aziintlanga anikele kumaJuda ngezinto zokuxhasa ubomi.

28 Ndakuba ke ndiwugqibile lo msebenzi, ndiyinikele kuwo loo mali, ndothi xa ndiya eSpeyini, ndinityelele.

29 Xa ndinityelelayo ke, ndiqinisekile ukuba ndoniphathela zonke iintsikelelo asisikelela ngazo uKrestu.

30 Ke kaloku, mawethu, ndiyanibongoza ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu nangenxa yokusithanda kwakhe uMoya, ukuba nindithandazele kuThixo, njengokuba nam ndizithandazela.

31 Ndithandazela ukuba ndihlangulwe kwabangamphulaphuliyo uThixo abakwelakwaJuda. Ndithandazela nokuba kwamkeleke ukubalungiselela kwam abantu bakaThixo abaseJerusalem,

32 khon' ukuze ndinihambele ngovuyo ngemvume kaThixo, sichwayitisane.

33 Ke kaloku uThixo, imbangi yoxolo, makabe nani nonke. *Amen.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16