Kwabaseroma 2 XHO96

Ukugweba kukaThixo

1 Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo.

2 Siyazi ke ukuba uThixo ubagweba ngokufanelekileyo abo benza izinto ezingalunganga.

3 Wena kanye, mntundini ubagwebayo abo bazenzayo izinto ezinjalo, wenza kwaezo zinto. Uba ke wena uThixo akayi kukugweba na?

4 Okanye ubudelile ububele bakhe obukhulu, nokunyamezela kwakhe, nokuza kade komsindo wakhe? Akwazi na ukuba bububele bukaThixo obukusa enguqukweni?

5 Ngenxa yokuba unentliziyo elukhuni, ungaguquki, uzibizela ingqumbo ngemini yengqumbo. Ngaloo mini iya kucaca indlela agweba ngayo uThixo.

6 Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.

7 UThixo ubavuza ngobomi obungonaphakade abo banomonde ekwenzeni imisebenzi emihle, belangazelela isidima newonga nokungafi.

8 Kanti ke uza ngomsindo nengqumbo kwabo banenkani, bayityeshelayo inyaniso ngokungalungisi.

9 Kuya kubakho imbandezelo nobunzima kubantu bonke abenza okubi, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo.

10 Kuya kubakho isidima newonga noxolo kubantu bonke abenza okulungileyo, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo.

11 Kaloku uThixo akanamkhethe.

12 Bonke abonileyo bengekho phantsi *komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.

13 Kaloku abantu abalungileyo ngokukaThixo asingabo abo bawuva nje umthetho bangayenzi into oyithethayo. Ngabo bayenzayo into eyalelwa ngumthetho abangamalungisa.

14 Abantu abangengomaJuda àbanawo umthetho kaMosis; kodwa xa bathe ngokwemvelo bahamba ngokomthetho, bangumthetho ngokwabo, nangona bengenawo umthetho kaMosis.

15 Ukuziphatha kwabo kubonakalisa ukuba ngemvelo bayakwazi okusemthethweni. Nezazela zabo ziyakungqina oku, kuba ngamanye amaxa ziyabagweba, zize ngawambi zibagwebele.

16 Ngokweendaba ezimnandi endizishumayelayo kuya kuba njalo mhla uThixo aya kuzigweba ngoYesu Krestu nezinto abazifihlayo abantu.

AmaJuda nomthetho kaMosis

17 Uyabona wena unegama lobuJuda, wayame *ngomthetho kaMosis; uqhayisa ngoThixo;

18 uyayazi intando kaThixo; ukhonjiswe okulungileyo ngumthetho.

19 Kananjalo wena ukholose ngokuthi ungumkhokeli weemfama, ulukhanyiso lwâbo basebumnyameni,

20 umkhokeli weziyatha, umfundisi weentsana, kuba unawo umthetho ofumbethe ulwazi nenyaniso.

21 Ndithi wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi ngani wena? Wena uthi makungebiwa, ubelani?

22 Wena uthi makungakrexezwa, ukrexezelani? Wena ukruqukileyo zizithixo, ubelani ezindlwini zonqulo?

23 Wena ke uziqhayisayo ngokuba unomthetho, umhlaziselani uThixo ngokuwaphula umthetho?

24 “Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kweentlanga,” njengoko zitshoyo *iziBhalo.

25 Ulwaluko luyanceda okunene ukuba uyawugcina umthetho kaMosis. Kodwa ukuba uyawaphula umthetho, ulwaluko lusuka lufane nokungaluki.

26 Ukuba umntu ongalukanga uyayigcina imimiselo yomthetho, uThixo uya kuthi ukungaluki kwakhe kukwaluka.

27 Nina maJuda, nangona nalukileyo, ninawo umthetho eziBhalweni, nibe noko ningawenzi, niya kugwetywa ziintlanga ezithe zingalukanga nje zawugcina umthetho.

28 UmJuda asingomJuda ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni.

29 UmJuda ngulowo ungumJuda ngokwangaphakathi, nolwaluko lolwentliziyo ngoMoya kaThixo, kungabi ngammiselo nje. Umntu onjalo ke ukholekile kuThixo, nangona angànconywayo ngabantu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16