Kwabaseroma 3 XHO96

1 Ungcono ngani na ke umJuda? Lunceda ntoni ke lona ulwaluko lwakhe?

2 Lulunge kakhulu, ngeendlela zonke. Okokuqala uThixo ugcinise udaba lwakhe kuwo amaJuda.

3 Kuya kuthini ke ukuba athile kuwo akakholwanga? Ngaba uThixo uya kuthi ngokungathembeki kwawo angathembeki naye?

4 Nakanye! UThixo yena uhlala enyanisekile, nangona bangade bonke abantu babe ngamaxoki, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Umelwe kukubonakala ngamazwi akho ukuba uthembekile,woyise ekuthethweni kwetyala lakho.”

5 Xa ukungalungisi kwethu kucacisa ukulungisa kukaThixo, siya kuthini ke? Ngaba sinokuthi akalungisi uThixo xa abonakalisa umsindo wakhe, ngabula thina bantu?

6 Nakanye! Ukuba ebengelolungisa uThixo, ebengaligweba njani ihlabathi?

7 Ukuba ke ngokuxoka kwam inyaniso kaThixo idandalaza ngakumbi ukuze sicace isidima sakhe, ndisagwetyelwani na ke ngokomoni?

8 Yini na ke ukuba singabi sesisithi: “Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo”? Kakade abathile bandinyelisa besithi nditsho! Abo batshoyo baya kugwetywa ngokubafaneleyo!

Akukho mntu ulungileyo

9 Ke, ngaba thina maJuda silungile na kunabanye? Hayi, nakanye! Kaloku sendiwatyholile amaJuda kwanabezinye iintlanga ndisithi basesonweni bebonke,

10 njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Akukho namnye ulilungisa;

11 akukho mntu uqondayo;akukho umfunayo uThixo!

12 Bonke bamfulathele;akukho yabo xa bebonke.Akukho wenza okulungileyo;hayi namnye!

13 Yinto ebolileyo intetho yabo;ngeelwimi zabo bahlala bekhohlisa.Amazwi emilebe yabo abubuhlungu benyoka;

14 umlomo wabo uzele zizishwabulo ezikrakra.

15 Bakungxamele ukuphalaza igazi;

16 yimbuqe nosizi emkhondweni wabo;

17 yona indlela yoxolo abayazanga;

18 ewe, abamoyiki konke uThixo.”

19 Siyazi ke ukuba konke okuthethwa ngumthetho, kuwiselwa abaphantsi komthetho; ukuze bonke basikwe umlomo, nehlabathi lonke lifumaneke linetyala kuThixo.

20 Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.

Ubulungisa bungokholo kuKrestu

21 Ngoku ke indlela uThixo abalungisa ngayo abantu ibonakalisiwe, ingeyiyo eyomthetho. Kambe ke iyangqinelwa *ngumthetho kaMosis *nangabashumayeli bamandulo.

22 Yona kukukholwa nokuzinikela kuYesu Krestu. UThixo ubenza amalungisa bonke abakholwayo kuYesu, kuba akanamkhethe.

23 Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo.

24 Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.

25 UThixo wammisela uYesu ukuba abe lidini lokungxengxezela izono zabakholwayo. Ukufa kwakhe yindlela uThixo abenza ngayo amalungisa abantu. Kumaxesha adlulileyo uThixo wazibamba akabagweba aboni;

26 kodwa ke namhlanje akasayenzi loo nto – ngoku walatha indlela abenza ngayo amalungisa. Ngale ndlela ke uThixo utyhila ubulungisa bakhe, emenza abe lilungisa wonke okholwayo kuYesu.

27 Kukho nto singaziqhayisa ngayo ke? Hayi, ayikho. Ngasizathu sini na? Kuba sigcina umthetho kaMosis? Hayi, ngenxa yokuba sikholwa.

28 Kuba kaloku sigqibe kwelithi uThixo wenza abantu babe ngamalungisa ngokholo, kungengakuthobela kwabo umthetho.

29 Kanene uThixo ungowamaJuda odwa na? Akanguye na owezizwe nazo? Ewe, ngowazo nazo.

30 Kaloku uThixo mnye kuphela; ugwebela amaJuda ngokukholwa kwawo, nezizwe azigwebele ngokukholwa kwazo ngokunjalo.

31 Ngaba ke siyawutshitshisa umthetho kaMosis ngokukholwa? Nakanye! Siyawuxhasa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16