Kwabaseroma 14 XHO96

AmaKrestu makangagwebi

1 Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.

2 Omnye ukholo lwakhe lumvumela ukuba atye nakuphi na ukutya, kodwa yena okholo lubuthathaka utya imifuno kuphela.

3 Lowo utya konke makangamdeli ozila ukutya okuthile, nalowo uzila ukutya okuthile makangamgwebi otya konke, kuba uThixo umamkele.

4 Yini na wena ukuba usigwebe isicaka somnye? Kaloku siya kugwetywa yinkosi yaso. Kanti notyayo akayi konakalelwa nto, kuba iNkosi inako ukumgcina.

5 Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.

6 Lowo ke ugcina umhla othile, uwugcinela iNkosi. Lowo utya nakuphi na ukutya, esitya nje, uzinikela eNkosini, kuba ubulela uThixo. Nalowo ungatyi konke ukutya, engatyi nje, uzinikela eNkosini, kuba naye ubulela uThixo.

7 Akukho namnye kuthi uziphilelayo, kananjalo akukho namnye uzifelayo.

8 Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi.

9 Kuba kaloku uKrestu wafa, wabuya wadla ubomi, ngenjongo yokuba abe yiNkosi yabafileyo nabaphilayo.

10 Wena ke, yini ukuba umgwebe uwenu? Ke wena, yini na ukuba umdele uwenu? Kaloku sonke siya kuma enkundleni kaThixo,

11 kuba *iziBhalo zithi:“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,zimdumise uThixo zonke iilwimi.”

12 Ngoko ke sonke ngabanye siya kunika ingxelo phambi koThixo.

Ungamkhubekisi umwenu

13 Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.

14 Ndimanywe neNkosi uYesu nje, ndazi ngokuqinisekileyo ukuba akukho nanye into engàtyiwayo ngokunokwayo. Kodwa kulowo uthi into ayityiwa, ayityiwa ke.

15 Ukuba uyamhlungisa umwenu ngento osukuba uyitya, inkqubo yakho ayiseyiyo eyothando. Musa ukuthi ngenxa yokutya okutyayo umtshabalalise lowo uKrestu wamfelayo.

16 Inkululeko eninayo ekuzikhetheleni ukutya mayingabangi kungcikivana.

17 Kaloku ukukholisa uThixo akungakutya nakusela; kodwa kukwenza ubulungisa, sinoxolo novuyo, silawulwa nguMoya oyiNgcwele.

18 Owenjenjalo ke ukhonza uKrestu, ukholekile kuThixo, waye usulungekile emehlweni abantu.

19 Ngoku ke masizondelele izinto zoxolo nezokwakhana.

20 Musa ukuthi ngenxa yokutya uwuchithe umsebenzi kaThixo. Okunene konke ukutya kunyulu, kodwa kuba yinto embi kulowo uthi ngenxa yokutya abe sisikhubekiso komnye.

21 Kulungile ukuba ungatyi nyama, ungaseli tywala, ungenzi nantoni na engámkhubekisayo umwenu.

22 Unaluvo luthile na ngale ndawo yokutya? Hlala unalo ke phambi koThixo! Uyavuya lowo ungenasazela ngento ayityayo!

23 Kodwa ke lowo uthandabuzayo xa atyayo, selegwetyiwe, kuba akatyi ekholwa. Yonke ke into ayenzayo umntu engaqinisekanga ukuba iyamkholisa uThixo isisono.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16