Kwabaseroma 11 XHO96

Uhlanga lwamaSirayeli alulahlwanga kwaphela

1 Ngaba uThixo ubalahlile na abantu bakhe amaSirayeli? Nakanye! Nam ngokwam ndingumSirayeli, ndiyinzala ka-Abraham, ndingowendlu kaBhenjamin.

2 UThixo akabalahlanga abantu bakhe awabanyula mhlamnene. Kaloku niyayazi *eziBhalweni indawo apho uEliya awamangalela khona kuThixo amaSirayeli, esithi:

3 “Nkosi, amaSirayeli ababulele *abashumayeli bakho, namaqonga akho amadini awadilizile. Ndim ndodwa oseleyo, kwaye nam afuna ukundibulala.”

4 Limphendula njani ke ilizwi likaThixo? Lithi: “Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe angamnqulanga *uBhali.”

5 Kanti nangoku ke kukwanjalo. Lisekho iqaqobana elichongwe nguThixo ngokwesisa sakhe.

6 Lona lachongwa nguThixo ngokwesisa sakhe, elibabala, engalinyuli ngenxa yezenzo zalo. Kaloku ukuba uThixo wayenyula abantu ngokwezenzo zabo, isisa sakhe asingebi saba sisisa.

7 Kúthiweni ke ngoko? Makuthiwe amaSirayeli akayifumananga into awayeyizondelele. Kodwa iqaqobana elichongwe nguThixo layifumana, aza ke wona amanye aqaqadekiswa,

8 njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “UThixo ubenze badengeka, baza àbabona ngamehlo, àbeva ngeendlebe; ibe ke unangoku basenjalo.”

9 UDavide naye uthi:“Mababanjwe, bavingcelwe kumatheko abo;mabakhubeke, beve impindezelo.

10 Mabamfanyekiswe, bangaboni,babandezeleke maxa onke.”

11 Ngaba isiwo samaSirayeli sawazisela intshabalalo? Nakanye! Kwathi ngesi siwo sawo usindiso lwazifikela iintlanga, khon' ukuze ziwavusele ikhwele.

12 Esi siphoso samaSirayeli saluphathela intaphane yeentsikelelo uluntu; ngoko ke ukoyisakala kwawo kwaba yinzuzo enkulu ezintlangeni. Zobeka phi na ke ukusikeleleka iintlanga akuba amaSirayeli ezinikele ngokupheleleyo kuThixo!

Ukusindiswa kweentlanga

13 Ngoku mandithethe nani, zintlanga. Okunene ekubeni mna ndingulowo *uthunywe kuzo iintlanga, ndizimisele ukuwenza ubalasele umsebenzi wam,

14 ndide ndivusele amawethu ikhwele, ndiyisindise inxalenye yawo.

15 Kaloku xa ukulahlwa kwawo kuxolelanise ihlabathi noThixo, koba njani ukwamkelwa kwawo? Kofana novuko lwabafileyo!

16 Ukuba isonka sokuqala sentlama singcwalisiwe ngokwenziwa umnikelo, kwangokunjalo zingcwele zonke ezinye ezenziwe ngaloo ntlama. Ukuba iingcambu zomthi zingcwele, kwangokunjalo namasebe angcwele.

17 Inxalenye yamasebe omnquma yaqhuzulwa kwamiliselwa amasebe omnquma wasendle esiqwini sawo. Nina ke, zintlanga, ningaloo masebe omnquma wasendle. Nanikwa inxaxheba kwincindi yeengcambu eziphilileyo zomnquma.

18 Musa ke ukuziphakamisa kunamanye amasebe. Kakade ke wena ungaqhayisa ngantoni? Asinguwe kaloku othwele iingcambu, ziingcambu ezithwele wena!

19 Kodwa wena uya kuthi: “Aqhuzulwa amasebe, ukuze kumiliselwe mna.”

20 Unyanisile, aqhuzulwa ngenxa yokuba engakholwa, ke wena umi apho umiliselwe khona ngenxa yokuba ukholwa. Musa ke ukuba nekratshi, koko yoyika.

21 Engawasindisanga nje kaloku uThixo amasebe omthi endalo, angákusindisa njani wena?

22 Khawukhangele ke ububele nobungqongqo bukaThixo! Okunene úngqongqo kwabo bonayo, kodwa kuwe únobubele, ukuba ùthe wahlala kobu bubele. Kodwa kungenjalo wogawulwa nawe ngokwakho!

23 Nawo ke amaSirayeli, ukuba ayahlukana nalo eli phike lawo lokungakholwa, omiliselwa kwakhona. Kaloku uThixo unako ukubuya awamilisele.

24 Nina zintlanga nikhiwe kumnquma wasendle, naza nathi ngokunxamnye nemvelo namiliselwa kumnquma otyaliweyo. NgamaSirayeli kaloku amasebe omnquma otyaliweyo. Ngenxa yaloo nto ke kulula kuThixo ukuwamilisela kwakuloo mnquma.

UThixo unenceba kubo bonke

25 Mawethu, andithandi ukuba ningayazi le mfihlakalo, hleze nizicingele ukuba niziingqondi, le yokuba inxalenye yamaSirayeli yoqaqadeka lide inani elizeleyo leentlanga liphelele.

26 Kwakuba kunjalo ke xa ewonke uSirayeli uya kusindiswa, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:“Uya kuvela *eZiyon uMsindisi,akuphelise kwindlu kaYakobi ukungahloneli-Thixo;

27 nguwo lo ke umnqophiso wam nabo,mhla ndothi ndizicime izono zabo.”

28 Ngokuzichasa iindaba ezimnandi amaSirayeli aziintshaba zikaThixo, nto leyo inincedayo ke nina zintlanga. Kodwa ke ngokonyulo lukaThixo aziintanda zakhe ngenxa *yamanyange.

29 Kaloku uThixo akalujiki ubizo lwakhe, engazisoli nangezibabalo zakhe.

30 Nina ke zintlanga benifudula ningamthobeli uThixo, kodwa ngoku nenzelwe inceba ngenxa yokungamthobeli kwamaSirayeli.

31 Kwangokunjalo namaSirayeli akamthobeli ngoku uThixo, ngenxa yenceba eniyenzelweyo nina, ukuze kamva enzelwe inceba nawo.

32 Kaloku uThixo wabaquka bonke abantu ekungamthobelini, ukuze abenzele inceba xa bebonke.

Makabongwe uThixo

33 Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe!

34 Kanene:“Ngubani na owakha wayazi ingqiqo yeNkosi,ingubani na owakha waba ngumcebisi wayo?

35 Ngubani khona owakha wayiboleka nto,waza wabuyekezwa ngayo?”

36 Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! *Amen.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16