Umsebenzi Wabathunywa 28 XHO96

UPawulos esiqithini saseMalta

1 Ekubeni sisindile safika apho esiqithini, safumana ukuba igama laso yiMalta.

2 Abantu balapho basenzela ububele. Yana imvula, kwaza kwabanda kakhulu. Ke kaloku abantu balapho basibasela umlilo, bebonisa ukusamkela kwabo.

3 UPawulos waqokelela ibathwana leenkuni, kwathi xa abasayo kwaphuma inyoka apho emlilweni, isiva ubushushu, yaza yamluma esandleni.

4 Abantu balapho bathi bakuyibona inyoka ijinga esandleni sikaPawulos bathi omnye komnye: “Lo mntu kucaca ukuba usisigebenga; nakuba esindile nje elwandle, akanakusinda kwimpindezelo kaThixo.”

5 Wasuka yena uPawulos wayivuthulula yawa emlilweni apho inyoka leyo, yena akenzakala konke.

6 Bona babelindele ukuba adumbe, okanye asuke afe. Kodwa emva kokulinda ithuba elide bengaboni nto ingaqhelekanga kuye, baziguqula iingcinga zabo, bathi unguthixo.

7 Mganyana nje ukusuka apho kwakukho amasimi kaPubliyo inkosi yeso siqithi. Wasamkela ngobubele, saza saziindwendwe zakhe iintsuku ezintathu.

8 Uyise kaPubliyo wayelele enomkhuhlane nesisu segazi. Waza uPawulos waya kuye, wamthandazela, wambeka izandla, waphila.

9 Akuba emphilisile, kwatsho kweziswa bonke abantu abagulayo beso siqithi, baphiliswa nabo.

10 Basinika izipho ezininzi, baza xa sihambayo basiphathisa izinto ezaziyimfuneko eluhambeni.

Ukusuka eMalta ukuya eRoma

11 Emva kweenyanga ezintathu sanduluka apho ngenqanawa eyayichithe ubusika esiqithini apho, isuka eAlesandriya. Igama layo kwakusithiwa yiDiyoskuri.

12 Saya kufika edolophini yaseSirakuse, saza sahlala khona iintsuku ezintathu.

13 Ukusuka apho sahamba saya kufika edolophini yaseRegiyo. Ngengomso kwabhudla umoya wangasezantsi, saza emva kweentsuku ezimbini saya kufika kwidolophu yasePutoli.

14 Apho ke safumana amakholwa, aza asicela ukuba sichithe iveki apho kuwo. Emva koko ke saya kufika eRoma.

15 Amakholwa aseRoma eva ukuba siyeza, aza amanye asihlangabeza eApiyaforo, amanye ke adibana nathi eTritabherne. Akuwabona uPawulos, wambulela uThixo, waza wakhuthazeka.

UPawulos eRoma

16 Sakufika eRoma, wavunyelwa ukuba azihlalele endlwini yakhe uPawulos, kubekho ijoni elimgadileyo.

17 Emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wawabizela entlanganisweni amaJuda aziintloko alapho. Akuba ehlanganisene, wathi: “Mawethu, nakuba ndingabonanga nganto nje abantu bakowethu, ndingawatyeshelanga namasiko ookhokho, ndabanjwa kambe eJerusalem, ndaza ndanikelwa kumaRoma.

18 Andincina, aza afuna ukundikhulula, akungafumani tyala ndingabulawa ngenxa yalo.

19 Kodwa amaJuda aluchasa olu luvo, ndaza ke ndanyanzeleka ukuba ndibhenele *kuKhesare, nangona ndandingenasimangalo ndingasenzayo ngakubantu bakowethu.

20 Yiyo le nto ndinibizele ukukhe ndinibone, ndithethe nani. Eneneni ndibanjiwe nje, kungenxa yalowo ulithemba lamaSirayeli.”

21 Athe ke ukumphendula amaJuda: “Asikhange sifumane zileta ngawe zivela kwaJuda; akukhange kubekho namaJuda eza neendaba ngawe; kungakhange kubekho nanto imbi ithethwe ngawe.

22 Kodwa ke singathanda ukuziva izimvo zakho, kuba siyazi ukuba kuyo yonke indawo liyachaswa eli qela uhambisana nalo.”

23 Bavumelana ngosuku noPawulos, kwaza ngaloo mini bafika bebaninzi apho wayehlala khona uPawulos. Waqala kwakusasa kwada kwahlwa ecacisa, ebachazela ngokuthwasa kolawulo lukaThixo. Wazama ukuboyisela kuYesu ngokucaphula *kumthetho kaMosis nakwiincwadi *zabashumayeli bamandulo.

24 Abanye babo boyisakala ngamazwi akhe, abanye àbakholwa noko.

25 Bemka ke bephikisana bodwa, akuba uPawulos ethe kubo: “Wathetha kakuhle kambe uMoya oyiNgcwele ngomshumayeli uIsaya kooyihlo-mkhulu,

26 xa wathi:“ ‘Yiya uthi kwaba bantu:Nàkuphulaphula niphulaphule, ningaqondi noko;nàkujonga nijonge, ningaboni nto.

27 Kuba ingqiqo yaba bantu ibuthuntu,bazivingcile iindlebe zabo,bawavala namehlo abo.Kungenjalo bebeya kubona,beve ngeendlebe zabo,baqonde ngeengqondo zabo,baze babuyele kum,ndize ndibaphilise;’utsho uThixo.”

28 UPawulos wenjenje ukuyiphetha intetho yakhe: “Ngoko ke yazini ukuba udaba lukaThixo olungosindiso lusiwa ezintlangeni. Ziya kuluva zona.” [

29 Emva kokuba uPawulos etshilo, emka amaJuda, ehamba exambulisana odwa.]

30 Yaba mibini iminyaka uPawulos ehlala endlwini ayiqeshileyo, ezamkela ngobubele zonke iindwendwe zakhe.

31 Wayeshumayela ngokuthwasa kolawulo lukaThixo, efundisa iindaba ezingeNkosi uYesu Krestu, ethetha ngesibindi, engathintelwa nto.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28