Umsebenzi Wabathunywa 8 XHO96

1 Naye uSawule wabuthakazelela obu bugebenga.Kwangaloo mhla kwaqaleka intshutshiso enkulu ebandleni laseJerusalem. Ngaphandle *kwabathunywa, basarhazeka bonke abakholwayo, kuwo onke amaphondo elakwaJuda naseSamariya.

USawule utshutshisa ibandla

2 Amadoda athile anenzondelelo amngcwaba uStefano enesingqala esikhulu.

3 Kwangelo lixa uSawule yena wazama ukulitshabalalisa ibandla, engena kwiminyango ngeminyango, ebarhuqa abakholwayo, amadoda kwanabafazi, ebavalela entolongweni.

Iindaba ezimnandi zishunyayelwa eSamariya

4 Abakholwayo ababethe saa, bahamba bezishumayela iindaba ezimnandi kulo lonke.

5 UFilipu yena waya kwidolophana yaseSamariya, wamshumayela uKrestu kubantu ababelapho,

6 baza bamphulaphula ngomdla omkhulu bemxhelo mnye. Bathi bemphulaphula, baba beyibona nemiqondiso awayeyenza.

7 Iindimoni zazikhutshwa ebantwini, zisitsho ngesikhalo esikhulu. Abafe umzimba neziqhwala babephiliswa.

8 Ezi zinto zatsho abantu baloo dolophu banovuyo olukhulu.

9 Kuloo dolophu kwakukho indoda egama linguSimon, owayesenethuba elide esenza izimanga phakathi kwamaSamariya ngemilingo yakhe. Wayezenza uthile obalulekileyo.

10 Zaye iindidi zonke zabantu kuloo dolophu zimhlonela. Babesithi unamandla obuthixo, bembiza ngokuthi nguMandla-makhulu.

11 Babemhlonele kuba wayesebamangalise ixesha elide ngemilingo yakhe.

12 Kodwa bathi bakukholwa yintshumayelo kaFilipu yeendaba ezimnandi ezingolawulo lukaThixo oluthwasileyo negama likaYesu Krestu, kwabhaptizwa amadoda kwanamakhosikazi.

13 NoSimon wakholwa, waza akuba ebhaptiziwe akahlukana noFilipu, ekhwankqiswa yimimangaliso nemiqondiso awayeyenza uFilipu.

14 Bathi bakuva *abathunywa eJerusalem ukuba abantu baseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathumela uPetros noYohane khona.

15 Bakufika khona babathandazela abakholwayo ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele,

16 kuba wayengekabafikeli uMoya oyiNgcwele; nto nje babebhaptizelwe egameni leNkosi uYesu.

17 Aba bantu bamamkela uMoya oyiNgcwele, bakuba ooPetros noYohane bebabeke izandla.

18 USimon akubona ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele, bakubekwa izandla ngabathunywa, wafuna ukubanika imali ooPetros noYohane,

19 esithi: “Nam ndipheni la mandla; khon' ukuze nabani na endimbeke izandla afumane uMoya oyiNgcwele.”

20 Waphendula wathi uPetros: “Hamb' uye kufa kunye naloo mali yakho, kuba ucinga ukuba isipho sesisa sikaThixo singathengwa ngemali!

21 Akunanxaxheba kulo msebenzi wethu, kuba iingcinga zakho azilunganga phambi koThixo.

22 Guquka kule nkohlakalo yakho, uthandaze ukuba uThixo akuxolele ngale nto inje,

23 kuba ndiyabona ukuba unekratshi elilizothe, waye ulikhoboka lokungcola.”

24 Uthe ke uSimon kooPetros noYohane: “Ndincedeni, zinkosi, nindithandazele eNkosini ukuze zingandihleli zonke ezi zinto nizithethileyo.”

25 Emveni kokuba benike ubungqina beluthetha udaba lweNkosi kwabo bantu, uPetros noYohane bagoduka, baya eJerusalem. Endleleni yabo egodukayo bazishumayela iindaba ezimnandi kwiilali ezininzi zaseSamariya.

UFilipu nonondyebo waseTopiya

26 Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi noFilipu, sathi: “Zilungiselele uhle ngendlela esentlango esuka eJerusalem iye eGaza.”

27-28 Waxhabasha ke waya uFilipu. Endleleni apho wadibana nendoda elithenwa. Lo mfo wayengunondyebo wokumkanikazi uKhandase waseTopiya. Wayegoduka ngenqwelo, evela kunqula uThixo eJerusalem. Enqwelweni apho wayehamba efunda incwadi *yomshumayeli uIsaya.

29 Wathi uMoya oyiNgcwele kuFilipu: “Yiya kulaa nqwelo, uhambe nayo.”

30 UFilipu wakhawuleza waya kuyo, waza wamva unondyebo lowo efunda encwadini yomshumayeli uIsaya, wambuza wathi: “Uyayilandela na le nto uyifundayo?”

31 Waphendula wathi: “Ndingathini ukuyilandela kungekho bani undichazelayo?” Watsho wacela uFilipu ukuba akhwele enqwelweni ahambe naye.

32 Nasi isicatshulwa seziBhalo awayesifunda:“Wafana negusha eya kuxhelwa,wafana netakane elithe cwaka lichetywa,naye wathula wathi tu.

33 Ekuthotyweni kwakhe akabanga namhlanguli;akukho bani uya kuchaza ngesizukulwana sakhe,kuba ubomi bakhe emhlabeni bunqanyulwe.”

34 Unondyebo wabuza kuFilipu wathi: “Khawundixelele, uthetha ngabani apha umshumayeli? Ngaba uthetha yena siqu, okanye uthetha ngomnye umntu?”

35 UFilipu wamchazela, eqalela kanye kule ndawo eziBhalweni, wamtyhilela iindaba ezimnandi ezingoYesu.

36 Ekuhambeni kwabo bada bafika ndaweni ithile inamanzi, laza lathi ithenwa: “Nanga amanzi, kungani ukuba ndingàbhaptizwa?”[

37 Waphendula wathi uFilipu: “Ungábhaptizwa ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho yonke.” Lathi ke lona: “Ndiyakholwa ukuba uYesu Krestu nguNyana kaThixo.”]

38 UmTopiya lowo wathi makumiswe, waza yena noFilipu bangena emanzini, uFilipu wambhaptiza.

39 Bakuphuma emanzini apho, uMoya weNkosi wamthatha wemka naye uFilipu. UmTopiya lowo akabanga sambona uFilipu, kodwa wayihamba indlela yakhe leyo ezele luvuyo.

40 UFilipu wazifumana eseAshdode, waza wazihamba zonke ezo dolophu eshumayela iindaba ezimnandi, wada waya kufika eKhesariya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28