Umsebenzi Wabathunywa 16 XHO96

UTimoti uhamba noPawulos noSilas

1 UPawulos waya eDerbhe naseListra. Apho kwakukho ikholwa eligama linguTimoti, onina wayekwalikholwa, engumJudakazi, uyise yena engumGrike.

2 Onke amakholwa aseListra naseIkoniyo ayemazi ngesimilo esihle uTimoti.

3 UPawulos wafuna ukuhamba noTimoti, ngoko ke wamolùsa kuqala, kuba onke amaJuda aloo mmandla ayesazi ukuba uyise wayengolukanga.

4 Ekuzityhutyheni kwabo ezo dolophu, amakholwa bawazisa ngesigqibo *sabathunywa nabadala eJerusalem.

5 Aza ke amabandla omelezeka elukholweni, anda nangamanani imihla ngemihla.

UPawulos ubizelwa eMakedoni

6 Xa babekwingingqi yaseFrigi naseGalati, uMoya oyiNgcwele wabalela ukuba balishumayele ilizwi eAsiya.

7 Bakufika emdeni waseMisi, bazama ukungena eBhitini, kodwa nakhona uMoya kaYesu akabavumelanga.

8 Ngoko ke bacanda eMisi, behla baya eTrowa.

9 Xa babelapho ke, ebusuku uPawulos wabona umbono. Indoda yaseMakedoni yayimile imcenga isithi: “Yiza apha eMakedoni, uzokusinceda.”

10 Ngokukhawuleza emva kwalo mbono kaPawulos, salungiselela ukuya eMakedoni, kuba saqonda ukuba uThixo usibizela ukuba siye kuzishumayela iindaba ezimnandi kubantu balapho.

Ukuguquka kukaLidiya

11 Semka ngesikhephe eTrowa, sahamba ngqo sacanda sijonge eSamotraki, saza ngengomso sangena eNapoli.

12 Sakusuka apho, saya kutsho eFilipi, idolophu yokuqala kwisithili saseMakedoni, eyayilithânga laseRoma. Sakhe sahlala iintsukwana apho kuloo dolophu.

13 *NgoMhla wokuPhumla saphuma edolophini, saya ngasemlanjeni, apho sasiba koba kukho indawo athandazela kuyo amaJuda. Sahlala phantsi, sancokola namakhosikazi awayebuthe apho.

14 Enye yawo eyayisiphulaphule nguLidiya waseTiyatire, owayengumthengisi weempahla ezimsobo zexabiso. Wayeyintokazi eyayimhlonela uThixo, yaza ke iNkosi yayibaza ingqondo ukuba izigqale izinto ezazithethwa nguPawulos.

15 Yabhaptizwa kunye nosapho lwayo. Yaza ke yasimema isithi: “Ukuba nithi ndilikholwa ngenene eNkosini, khanizokuhlala kwam.” Yasithundeza ke ukuba siye.

UPawulos noSilas entolongweni yaseFilipi

16 Ngamhla uthile xa sasisiya kwindawo yokuthandaza, sahlangana nentombi eyayilikhoboka. Yayinamafufunyana. Yayibenzela imali eninzi ke abanikaziyo ngokuchazela abantu izinto eziza kubehlela.

17 Yasilandela sinoPawulos, ikhwaza isithi: “La madoda angabakhonzi bakaThixo uPhezukonke. Anishumayeza indlela eningásindiswa ngayo.”

18 Yaqhuba iintsuku ezininzi iyenza le nto, yada yamthukuthezela uPawulos, wajika wathi kuloo moya: “Ngengunya legama likaYesu Krestu ndithi: ‘Phuma kule ntombi.’ ” Aphuma kwangoko amafufunyana.

19 Bakuphawula abanikaziyo ukuba ayisekho indlela yokwenza imali ngale ntombi, babagxavula ooPawulos noSilas, babarhuqela kwinkundla yamatyala eyayisebaleni lembutho.

20 Babamangalela kwabasemagunyeni, besithi: “La madoda angamaJuda, yaye adala isidubedube apha edolophini yethu.

21 Afundisa imikhwa enxamnye nomthetho wethu. Thina singamaRoma, asinakuyamkela loo mikhwa.”

22 Nesihlwele sangenelela ekubahlaseleni.Zaza iziphathamandla zathi mazikrazulwe izambatho zikaPawulos noSilas, babethwe nokubethwa.

23 Bakuba bebethwe kanobom, bavalelwa entolongweni. Wayalelwa nojela ukuba abatshixele abagcine ngokunqabileyo.

24 Ewufumene umyalelo lowo, ujela wabatshixela kwelingaphakathi igumbi, wabakhonkxa iinyawo ngezikhuni.

25 Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.

26 Ngesaquphe kwabakho inyikima eyashukumisa izisekelo zentolongo. Zatsho zavuleka zonke iingcango, namatyathanga akhululeka kumabanjwa.

27 Evukile ujela, wabona iingcango zentolongo zivulekile, wacinga ukuba abalekile amabanjwa onke; waza warhola ikrele lakhe, eza kuzibulala.

28 Kuthe kusenjalo wamemeza uPawulos esithi: “Mus' ukuzenzakalisa, kuba sisaphelele!”

29 Ujela lowo wathi makuziwe nesibane, waza engcangcazela enjalo wangena wawa ezinyaweni zikaPawulos noSilas.

30 Wabakhuphela phandle, wabuza wathi: “Bahlekazi, ndingenza ntoni ukuze ndisinde?”Bona baphendula bathi:

31 “Zinikele eNkosini uYesu; uya kusindiswa wena nosapho lwakho.”

32 Bamchazela ke yena nabo bonke ababesendlwini yakhe ngodaba lweNkosi.

33 Ngaloo yure kanye yobusuku ujela wabathatha, wahlamba amanxeba abo; waza wabhaptizwa kunye nosapho lwakhe kwangoko.

34 Waya nabo endlwini yakhe ooPawulos noSilas, wabapha ukutya. Yena nosapho lwakhe bazaliswa luvuyo ngenxa yokuba bezinikele kuThixo.

35 Ngentsasa elandelayo abasemagunyeni bathumela amagosa abo, besithi: “Wakhululeni loo madoda.”

36 Ujela ke wamxelela uPawulos ukuba iziphathamandla zithumele umyalelo wokuba yena noSilas bangákhululwa. Ngoko ke bakhululekile bangáhamba ngoxolo.

37 Kodwa waphendula uPawulos wathi kumagosa lawo: “Hayi kaloku, sikatswe esidlangalaleni, nakuba singakhange sibekwe tyala, ibe futhi singabemi abangamaRoma! Ngaphezu koko sivalelwe entolongweni. Bangathini ke ngoku ukusikhulula bucala? Hayi bo! Ayinakwenzeka loo nto! Abasemagunyeni mabeze kusikhulula ngokwabo.”

38 Amagosa lawo aya kuwaxela la mazwi kwiziphathamandla, ezathi zakuva ukuba uPawulos noSilas ngabemi abangamaRoma, zoyika kakhulu.

39 Ngoko ke zaya kubo, zacela uxolo, zabacenga ukuba bahambe, zabakhupha ke bemka.

40 UPawulos noSilas bayishiya ke intolongo leyo, baya kwaLidiya. Apho ke bahlangana namakholwa, baza bathi, bakuba bewakhuthazile, bemka.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28