Umsebenzi Wabathunywa 13 XHO96

1 Ke kaloku ebandleni laseAntiyokwe kwakukho abashumayeli nabefundisi: uBharnabha, uSimon ekwakusithiwa nguMnyamana, uLukiyo waseKirene, uManayen owayekhuliswe noHerode irhuluneli, kunye noSawule.

2 Ekuyikhonzeni kwabo iNkosi, bezila ukutya, uMoya oyiNgcwele wathi kubo: “Ndikhetheleni uBharnabha noSawule, ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”

3 Ngoko ke bazila ukutya bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula.

UBharnabha noSawule eSipro

4 Bakuba bethunywe nguMoya oyiNgcwele, uBharnabha noSawule behla baya eSeluki, baza ukusuka apho bahamba ngolwandle ukuya eSipro.

5 Bathi bakufika eSalamisi, balishumayela khona ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungo zamaJuda. Babehamba noYohane Marko, khon' ukuze abancedise emsebenzini.

6 Basijikeleza ke isiqithi eso, bada bafika ePafo. Apho badibana nomfo onemilingo ogama linguBhar-yesu, umJuda owayezenza *umshumayeli.

7 Wayeliphakathi lerhuluneli yesiqithi eso, uSergiyo Pawulos, owayeyindoda enengqondo ekrele-krele. Irhuluneli leyo yababiza ooBharnabha noSawule, ifuna ukuphulaphula ilizwi likaThixo.

8 Kodwa lo mfo unemilingo, owayebizwa ngokuba nguElima ngesiGrike, wachasana nabo, nerhuluneli leyo wafuna ukuyiwexula elukholweni.

9 Waza ke ngoko uSawule, ogama limbi linguPawulos, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele, wamjonga lo mfo,

10 wathi: “Nyanandini kamtyholi, lutshabandini lobulungisa, uzele ngamaqhinga nobuqhetseba, usoloko uzama ukugqwetha inyaniso yeNkosi ngobuxoki!

11 Khona ngoku iNkosi iza kukubetha, ube yimfama, futhi kuya kuba mzuzu ungakuboni ukukhanya.”Ngoko nangoko aba nkungu amehlo kaElima, wabuva ubumnyama buwavala, wajikeleza ke empampatha, efuna umntu ongamrhuqayo.

12 Ke kaloku yona irhuluneli yakuyibona loo nto, yazinikela, imangalisiwe yimfundiso emayela neNkosi.

UPawulos noBharnabha eAntiyokwe yasePisidi

13 UPawulos nababemphahlile bemka ePafo, bahamba ngenqanawe, baya kufika ePerga yasePamfili. Apha ke wahlukana nabo uYohane Marko, wabuyela eJerusalem.

14 Abanye bona banduluka ePerga, babheka eAntiyokwe yasePisidi. Bathi apho *ngoMhla wokuPhumla baya *kwindlu yesikhungo, bafika bahlala phantsi.

15 Kwathi zakuba zifundiwe izicatshulwa encwadini *yomthetho kaMosis *nezabashumayeli, amagosa endlu yesikhungo athumela ebacela esithi: “Mawethu, khanisiphe kowenu umphako welizwi, ukwenzela ukukhuthaza abantu.”

16 Waphakama uPawulos, wawangawangisa ngesandla, ukuba kuthi cwaka, waza wenjenje ukuthetha: “Mawethu, maSirayeli, nani nina zintlanga zimhlonelayo uThixo, khanibeke iindlebe!

17 UThixo lo unqulwa ngamaSirayeli nguye owanyula ookhokho bethu, wawenza amaSirayeli asisizwe esikhulu ngexesha ayengabaphambukeli kwelaseJiputa. Nguye owawakhupha ngamandla angummangaliso amaSirayeli eJiputa.

18 Wawanyamezela iminyaka emashumi mane entlango.

19 Ikwanguye owazitshabalalisayo izizwe ezisixhenxe eKanana, waza loo mhlaba wawunika abantu bakhe amaSirayeli.

20 Yonke loo nto yathatha isithuba esingangeminyaka engamakhulu amane anamashumi amahlanu.“Emva koko wabanika iinkokheli, zabalawula kwada kwalixesha lomshumayeli uSamweli.

21 Bakufuna ukumkani, wabanika uSawule unyana kaKishe, wesizwe sakwaBhenjamin, waza wabalawula iminyaka engamashumi amane.

22 Akumsusa uSawule, uThixo wamisela uDavide wangukumkani. Nanga amazwi athethwa nguThixo ngoDavide: ‘Ndiphawule ukuba uDavide, unyana kaJese, ngulo mntu kanye ndimfunayo, umfo oya kwenza oko sukuba ndifuna kwenziwe.’

23 NguYesu lo mzukulwana kaDavide wenziwe uMsindisi wamaSirayeli nguThixo njengoko wathembisayo.

24 Ngaphambi kokufika kukaYesu, uYohane wawashumayeza onke amaSirayeli, esithi makaziguqule iindlela zawo aze abhaptizwe.

25 Ekuwusongeni kwakhe uYohane umsebenzi wakhe, wathi ebantwini: ‘Nithi ndingubani? Andinguye lowo nicinga ukuba ndigunye. Khangelani yena uza emva kwam, ndaye mna andikufanele nokukhulula iimbadada ezi ezinyaweni zakhe.’

26 “Mawethu, nzala ka-Abraham, nani nonke zintlanga zimhlonelayo uThixo, olu daba losindiso lwathunyelwa kuthi.

27 Kaloku abantu baseJerusalem, bekunye neenkokheli zabo, babengamazi, bengawaqondi namazwi abashumayeli bamandulo afundwayo ngayo yonke iMihla yokuPhumla. Kodwa bâwazalisekisa amazwi abo bashumayeli ngokumgweba uYesu.

28 Nangona babengasifumani isizathu sokuba agwetyelwe ukufa, bacela uPilato ukuba ambulale.

29 Emveni kokuzenza zonke izinto ezithethwa *ziziBhalo ngaye, bamothula emnqamlezweni, bamngcwaba.

30 Kodwa uThixo yena wamvusa ekufeni,

31 waza kwithuba leentsuku ezininzi wabonwa ngâbo wayejikeleza nabo ukusuka eGalili baye eJerusalem. Ngoku bangamangqina akhe kumaSirayeli.

32 Thina silapha nje, sizise iindaba ezimnandi kuni. Loo nto uThixo wayithembisa ookhokho bethu,

33 uyenzele thina bayinzala yabo, ngokumvusa uYesu. Kunjengoko kubhaliweyo eNdumisweni yesibini, kwathiwa:“ ‘Ungunyana wam wena;namhlanje ndikuzele.’

34 “UThixo wamvusa ekufeni. Ke ngoko akasayi kuze abole. Le nto uyithethe ngala mazwi athi:“ ‘Ndiya kuninika iintsikelelo ezizodwa eziqinisekileyo,endazithembisa uDavide.’

35 “Kwakhona uthi kwenye indawo:“ ‘Akuyi kusiyeka isicaka sakho esithembekileyo sibole.’

36 “Kuba kaloku ngexesha lakhe uDavide wayifeza injongo kaThixo, waza wafa emva koko, wangcwatywa ngakookhokho bakhe, wabola.

37 Kodwa uYesu, evusiwe nje nguThixo, khange abole.

38-39 Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo *umthetho kaMosis.

40 Lumkani ke ngoko, hleze ihle kuni into eyathethwa ngabashumayeli, besithi:

41 “ ‘Khangelani, nina bagxeki, nimangaliswe nife;kuba umsebenzi endiwenza ngemihla yenuyinto eningayi kukholwa yiyonokuba ubani uthe wanichazela.’”

42 Xa bayishiyayo intlanganiso ooPawulos noBharnabha, abantu babamema ukuba ze beze kwakhona ngoMhla wokuPhumla olandelayo, ukuze baphinde babafundise.

43 Emveni kokuphuma kwentlanganiso, uPawulos noBharnabha balandelwa sisihlwele samaJuda neentlanga eziguqukele ebuJudeni, baza basikhuthaza ukuba sibambelele ngenyameko kuThixo onesisa.

44 NgoMhla woPhumlo olandelayo phantse wonke umntu osedolophini weza kuphulaphula ilizwi leNkosi.

45 Akuyibona le nkitha yabantu, amaJuda azala ngumona, amphikisa amnyelisa uPawulos.

46 Kodwa bona ooPawulos noBharnabha bawaxelela phandle amaJuda bathi: “Kakade bekufuneka lishunyayezwe nina kuqala ilizwi likaThixo; koko ngenxa yokuba nilibukula, niziqonda ukuba anibulungelanga ubomi obungonaphakade, siza kuniyeka, siye ezintlangeni.

47 Thina kaloku sanikwa lo myalelo yiNkosi:“ ‘Ndikumisele ukuba ube sisibane sokukhanyisela iintlanga,ube yindlela yokusindiswa kwalo lonke elimiweyo.’”

48 Zavuya iintlanga zakukuva oku, zayidumisa iNkosi ngenxa yodaba lwayo. Abo ke babenyulelwe ukungena ebomini obungonaphakade, baguquka bangamakholwa.

49 Ilizwi leNkosi lanwenwa kuwo wonke loo mmandla.

50 Kodwa amaJuda adala uchuku, enza *abathunywa bavukelwa ngamadoda aloo dolophu aphambili kwanangabafazi abakumgangatho ophezulu entlalweni, ababemhlonela uThixo. Babatshutshisa babagxotha kuloo mmandla.

51 Abathunywa bavuthulula uthuli ezinyaweni, bekhalala, bemka baya eIkoniyo.

52 Basala abalandeli bakaYesu eAntiyokwe bezele luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28