Umsebenzi Wabathunywa 20 XHO96

UPawulos eMakedoni nakwelamaGrike

1 Lwakuba ludambile udushe olo, uPawulos wawahlanganisa amakholwa, wawanika amazwi enkuthazo nawokwahlukana. Waza wasuka apho wasinga kwelaseMakedoni.

2 Watyhutyha loo mimandla, ehamba ethetha amazwi enkuthazo ebantwini. Wafika nakwelamaGrike,

3 apho wahlala iinyanga ezintathu. Wathi xa alungiselela ukuya eSiriya, wabhaqa ukuba amaJuda amenzela iyelenqe, waza wabona ukuba makaphindele emva, acande kwelaseMakedoni.

4 Nâba abâmkhapháyo: uSopatro unyana kaPiro waseBheriya, uAristarko noSekundo baseTesalonika, uGayo waseDerbhe noTimoti, kwanoTikiko noTrofimo baseAsiya.

5 Basandulela baya kusilinda eTrowa.

6 Emva *kweSidlo seZonka ezingenaGwele sanduluka eFilipi ngesikhephe, saza emva kweentsuku ezintlanu sadibana nabo eTrowa, apho sachitha iveki khona.

Utyelelo lokugqibela lukaPawulos eTrowa

7 Ngokuhlwa koMgqibelo sahlanganisana kwisidlo sobudlelwana. UPawulos wathetha nabo abantu, wolula kwada kwaphakathi kobusuku, kuba kaloku wayeza kuhamba ngomhla olandelayo.

8 Intlanganiso leyo yayisegumbini eliphezulu apho kwakukho izibane ezininzi.

9 Umfana ogama linguYutiko wayehleli efestileni, wada wozela walala, kuba uPawulos engayeki ukuthetha. Wothuleka apho kumngangatho wesithathu, waya kuwa emhlabeni, bamchola apho efile.

10 UPawulos wehla waya kuye, wafika waziphosa phezu kwakhe, wamgona, wathi: “Sanukothuka, kuba akafanga, uhleli!”

11 Waza ke uPawulos wenyuka waya egumbini eliphezulu, wafika wathatha isonka watya. UPawulos wathetha nabo kwada kwaphuma ilanga, waza ke wemka.

12 Umfana lowo bagoduka naye ephilile, nabo bethuthuzelekile.

Uhambo lokusuka eTrowa ukuya eMileto

13 Thina sahlabela mgama, sihamba ngenqanawa, saya kutsho eAso, apho sasiza kuthatha uPawulos khona, kuba lo yayingumyalelo wakhe, njengoko yena wayehamba emhlabeni.

14 Wathi akudibana nathi eAso, sahamba naye saya kufika eMitilene.

15 Sasuka apho, saya kudlula malunga neKiyo ngosuku olulandelayo. Kwakhona ngemini elandelayo safika eSamo, saza ngengomso saya kufika eMileto.

16 UPawulos wayegqibe ukuba angagqithi e-Efese, ukuze angachithi xesha kwiphondo laseAsiya. Wayengxamele ukuba usuku *lwePentekoste lumfikele eseJerusalem xa kunokwenzeka.

Intetho kaPawulos nabadala base-Efese

17 Sathi xa siseMileto, uPawulos wathumela e-Efese, ukuba abadala bebandla baye kuye.

18 Bakufika wathi kubo: “Nina ngokwenu niyayazi kakuhle indlela endahlala nani ngayo, ukusuka kwimini yokuqala endathi ndafika ngayo kweli phondo laseAsiya.

19 Njengesicaka seNkosi, umsebenzi wam ndawenza ngentobeko ndisezinyembezini, nakumaxesha anzima ândifikeláyo ngenxa yamayelenqe amaJuda.

20 Niyazi ukuba andinifihlelanga nto ebinokuba luncedo kuni, xa bendishumayela ndinifundisa esidlangalaleni nasemakhayeni enu.

21 KumaJuda nasezintlangeni ndazingisa ukubalumkisa abantu ukuba baguqukele kuThixo beyivuma iNkosi yethu uYesu.

22 Ngoku ke ngokuthundezwa nguMoya oyiNgcwele ndiya eJerusalem, ndingayazi into eya kundihlela khona.

23 Ndazi nto-nye, le yokuba kuzo zonke iidolophu uMoya oyiNgcwele undilumkisile ukuba ndilindelwe yintolongo neenkxwaleko.

24 Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.

25 “Ndijikelezile phakathi kwenu, ndivakalisa ngolawulo lukaThixo kuni. Ibe ngoku ndazi kakuhle ukuba akukho bani kuni uya kuphinda andibone.

26 Ngokunjalo ndingqina ndiqinisekile ngayo le mini ukuba xa kuthe kwakho umntu olahlekayo apha kuni, ndimsulwa mna,

27 kuba andizange ndifihle nto – ndalivakalisa njengoko linjalo icebo likaThixo kuni.

28 Zilumkeleni nina ngokwenu, niwulumkele nawo umhlambi athe uMoya oyiNgcwele wanibeka phezu kwawo. Yibani ngabelúsi bebandla likaThixo, athe walizuza ngegazi lowakhe uNyana.

29 Kuba ndiyazi ukuba ndakumka, kuya kuvela kwalapha kuni iingcuka eziqwengayo, ezingayi kuba nanceba ngomhlambi lo.

30 Kwalapha kuni kuya kubakho amadoda agqwetha inyaniso, enenjongo yokuwalahlekisa amakholwa.

31 Lumkani ngoko, nikhumbule ukuba imini nobusuku ndaniluleka nonke ngabanye, ndisezinyembezini, ithuba leminyaka emithathu.

32 “Ngoko ke ndiyambongoza uThixo ukuba makanikhusele. Uya kunakha ngodaba lwesisa sakhe, olunamandla okunenza nilixhamle ilifa kunye nabo bonke abantu bakhe.

33 Andizange ndinqwenele mali nampahla yamntu.

34 Kaloku nazi mhlophe ukuba ndasebenza ngezi zandla zam, ndizixhasa kuzo zonke iintswelo zam kwanezamahlakani am.

35 Ndinibonisile ngeendlela zonke ukuba sifanele ukusebenza nzima, ukuze sincede nabo bahluphekileyo, siwakhumbula amazwi eNkosi athi: ‘Kuluyolo ukupha ngaphezu kokuphiwa.’ ”

36 Akuwagqiba la mazwi uPawulos, waguqa nabo bonke, wathandaza.

37 Bathi besithi ndlela-ntle kuye, baye bengenakuzibamba bengqukruleka. Babemgona ngokwesiko labo.

38 Babehlatyaniselwe ngokukodwa ngamazwi awawathetháyo esithi abayi kuphinda bambone. Baza ke bamkhapha, baya naye enqanaweni.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28