Umsebenzi Wabathunywa 5 XHO96

UHananiya noSafira

1 Ke kaloku kwakukho nendoda egama linguHananiya, umfazi wayo yena enguSafira. Bathengisa umhlaba wabo,

2 baza inxalenye yemali leyo bayifumeneyo bayigcina, eseleyo ke bayizisa *kubathunywa.

3 UPetros wabuza wathi: “Hananiya, kutheni ukuba umyeke uSathana alawule intliziyo yakho, akwenze uxokise uMoya oyiNgcwele ngokugcina inxalenye yemali oyifumeneyo ngomhlaba wakho?

4 Umhlaba wakho ubungowakho phambi kokuba uwuthengise, nemali yawo ibiyeyakho emveni kokuba uwuthengisile. Kungani ke ukuba ufike kwisigqibo sokwenza into enje? Awuxokisanga mntu, uxokise uThixo.”

5 Akuweva loo mazwi uHananiya wawa phantsi, wafa; baza bonke abayivayo loo nto bankwantya luloyiko.

6 Bafika abafana, bawuthatha bawuthandela umzimba wakhe, baya kumngcwaba.

7 Emva kweeyure ezintathu, yafika inkosikazi kaHananiya ingekayiva loo nto ihlileyo.

8 Wabhekisa kuyo uPetros esithi: “Khawutsho, ingaba le yimali epheleleyo eniyizuze ngokuthengisa umhlaba wenu nomyeni wakho?”Yaphendula yathi: “Ewe, iphelele.”

9 Wayibuza wathi uPetros: “Kungani ukuba wena nendoda yakho nidibane ngokuvavanya uMoya weNkosi? Uyabona ke, abafana abavela kungcwaba indoda yakho nâbo emnyango, nawe lo baza kukuthatha bemke nawe.”

10 Ngoko nangoko uSafira wawa ezinyaweni zakhe, wafa. Bangena abafana, bambona ukuba ufile, bamthatha baya kumngcwaba ecaleni komyeni wakhe.

11 Xa lilonke ibandla nabo bonke abayivayo le nto bazaliswa kukunkwantya.

Imiqondiso nemimangaliso

12 *Abathunywa benza imiqondiso nemimangaliso emininzi ebantwini. Bonke abakholwayo babehlangana eVarandeni kaSolomon.

13 Abangakholwayo babengazibandakanyi nabo, nakuba kwakuthethwa kakuhle ngabo.

14 Kuyo yonke loo nto kwabakho ihlokondiba lamadoda namakhosikazi azinikelayo eNkosini, laza longezeka inani labo.

15 Baza abagulayo basiwa ezitalatweni, balaliswa ezibhedini nasemakhukweni, ukuze kuthi xa agqithayo uPetros isithunzi sakhe siwe phezu kwabanye.

16 Izihlwele zabantu zazisiza, zivela kwiidolophu ezimelene neJerusalem, zizisa abagulayo nâbo babeneendimoni, baze baphile bonke.

Abathunywa bayatshutshiswa

17 Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe, abo beqela *labaSadusi, babamonela *abathunywa,

18 baza bababamba babafaka entolongweni.

19 Kwangobo busuku isithunywa seNkosi sawavula amasango entolongo, sabakhokelela phandle abathunywa, sathi kubo:

20 “Hambani niye *endlwini kaThixo, nibafundise yonke into abantu ngale ntlalo intsha.”

21 Bevile ke abathunywa, bathi kwasekuseni bangena endlwini kaThixo, bafundisa.Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe nabo bonke abadala bamaJuda, babiza intlanganiso epheleleyo *yeBhunga, baza bathumela entolongweni ukuba abathunywa beziswe phambi kwabo.

22 Zifikile izigidimi azibafumananga abathunywa entolongweni; zabuya ke zeza kuxela entlanganisweni, zathi:

23 “Intolongo siyifumene ivalwe ngokuqinileyo, nabalindi bewagcinile amasango, kodwa sakuwavula amasango, asifumananga mntu ngaphakathi.”

24 Kwathi intloko yabalindi bendlu kaThixo nababingeleli abaziintloko bakuyiva le nto, baxakwa ukuba ngaba kuhle ntoni na kubathunywa.

25 Kwafika ndoda ithile eyathi kubo: “Khangelani, amadoda ebeniwafake entolongweni nangaya efundisa abantu endlwini kaThixo!”

26 Yasuka ke intloko yabalindi yahamba nabaphantsi kwayo, babaphuthuma abathunywa. Babaphatha kakuhle abathunywa, kuba besoyika hleze baxulutywe ngamatye ngabantu.

27 Babazisa phambi kweBhunga abathunywa, waza umbingeleli omkhulu wabamangalela esithi:

28 “Saninika imiyalelo engqongqo yokuba ningaphindi nifundise egameni lale ndoda; kodwa khanikhangele into eniyenzileyo! Imfundiso yenu niyisarhaze kule Jerusalem iphela; ngoku nifuna ukuxhoma ukufa kwayo phezu kwethu.”

29 OoPetros baphendula bathi: “Asinakwenza nto yimbi; sifanele ukuthobela uThixo endaweni yabantu!

30 UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu ekufeni, ekubeni nina nambulalayo ngokumxhoma emnqamlezweni.

31 UThixo wammisela ewongeni, wayiNkokheli noMsindisi wokunika amaSirayeli ithuba lokuguquka, aze axolelwe izono zawo.

32 Thina noMoya oyiNgcwele osisipho sikaThixo kwabo bamthobelayo, singamangqina azo ezi zinto.”

33 Akuweva la mazwi amalungu eBhunga avutha ngumsindo kangangokuba afuna ukuba babulawe abathunywa.

34 Kodwa omnye wabo, *owayengumFarasi ogama linguGamaliyeli, owayengumchazi-mthetho ohloniphekileyo kubantu bonke, waphakama wayalela ukuba abathunywa khe bakhutshelwe phandle.

35 Wabhekisa eBhungeni esithi: “MaSirayeli, yilumkeleni into eniyenzayo kula madoda.

36 Ngaphambi koku kukhe kwavela uTuda ezenza uthile obalulekileyo, waza walandelwa ngamadoda akwisithuba samakhulu amane. Kodwa wafa, abalandeli bakhe bathi saa, waza naloo mbutho wakhe wafa.

37 Emva koko kwavela uJuda umGalili, ngexesha lobalo, naye walandelwa ngabantu abaninzi, kodwa naye wafa, nabalandeli bakhe basarhaka.

38 Ngokunjalo nakwesi isihlandlo musani ukuthatha manyathelo ngakula madoda. Wayekeni, kuba ukuba lo msebenzi wawo yinto nje yabantu uza kuphelela esithubeni;

39 ukanti ukuba yinto evela kuThixo, aninako ukuwutshabalalisa. Endaweni yaloo nto ningazibhaqa nisilwa noThixo.”IBhunga lalandela icebo likaGamaliyeli.

40 Baza ke bababiza abathunywa, babayala ukuba bangaze baphinde bathethe ngegama likaYesu. Emva koko ke bakatswa abathunywa, baza bakhululwa.

41 Abathunywa balishiya iBhunga elo benemincili, kuba uThixo ebafumanise befanelekile ukuba bahlazeke ngenxa yegama likaYesu.

42 Bazingisa ke imihla yonke, endlwini kaThixo nasemakhayeni, ukufundisa nokushumayela iindaba ezimnandi ezingoYesu onguKrestu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28