Umsebenzi Wabathunywa 11 XHO96

Ingxelo kaPetros ebandleni laseJerusalem

1 *Abathunywa namakholwa akulo lonke elakwaJuda, eva ukuba iintlanga nazo zilamkele ilizwi likaThixo.

2 Akubuyela eJerusalem uPetros, amaJuda angamakholwa amgxeka esithi:

3 “Wena ubulundwendwe lwabantu abangolukiyo ngokwesiko likaMosis, usitya nokutya nabo.”

4 Ke yena uPetros wabanika inkcazelo ezeleyo, esusela ekuqaleni kwento eyehlayo. Wathi:

5 “Ndathi ndiseJopa, ndithandaza ndabona umbono. Ndabona kusihla into engathi lilaphu elikhulu, lithotywa ngamasondo omane ezulwini, yaza kuthi ngxingxilili ngakum.

6 Ndaqwalasela ngaphakathi kuyo, ndabona izilo nezilwanyana, iinyoka neentaka zasendle.

7 Ndeva ilizwi lisithi kum: ‘Vuka, xhela utye, Petros.’

8 Kodwa mna ndithe: ‘Nkosi, unotshe! Andizanga ndikufake kowam umlomo ukutya okungatyiwayo.’

9 Kwakho lathi ilizwi elo: ‘Musa ukuthi ayityiwa nayiphi na into uThixo athi iyatyiwa.’

10 Le nto yenzeka kwada kwakathathu, kwathi ekugqibeleni labuyiselwa kwasezulwini elo laphu.

11 Ngaloo mzuzu kanye, nako kufika kuloo mzi ndandihlala kuwo, amadoda amathathu awayethunywe kum, evela eKhesariya.

12 UMoya oyiNgcwele wathi mandihambe nawo loo madoda, ndingathingazi. Naloo makholwa mathandathu aseJopa aya kunye nam eKhesariya, safikela kwaKorneli sisonke.

13 UKorneli wasixelela ngombono wakhe, apho isithunywa sezulu safika sathi kuye makathumele umntu eJopa, aye kubiza umfo ogama linguSimon Petros,

14 sisithi nguye oya kubazisa indlela abaya kusindiswa ngayo yena nosapho lwakhe.

15 Ndithe ke ndakushumayela wehla kwangoko uMoya oyiNgcwele phezu kwabo, njengoko wehlayo nakuthi kuqala.

16 Ndatsho ndacinga ngamazwi âthethwa yiNkosi xa yayisithi: ‘UYohane wayebabhaptiza ngamanzi abantu; ke nina niza kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele.’

17 Kucace gcaa ukuba uThixo ezaa ntlanga uzinike kanye esiya sipho wasinika sona thina siyamkeleyo iNkosi uYesu Krestu. Bendingubani na ke mna ukuba ndingáde ndime phambi kwentando kaThixo?”

18 Yabanelisa le ngxelo, baza bamdumisa uThixo, ngokuba kuthe kanti neentlanga ezi uThixo uyazinika ithuba lokuguquka, ukuze zidle ubomi.

Ibandla eAntiyokwe

19 Abakholwayo basarhazwa yintshutshiso yethuba lokufa kukaStefano. Abanye baphaphatheka, baya kutsho eFenike, eSipro, naseAntiyokwe. Babeluvakalisa udaba lweNkosi kumaJuda kuphela.

20 Kodwa abanye bamakholwa, amadoda aphuma eSipro naseKirene, aya eAntiyokwe, aluvakalisa udaba nakwiintlanga ezintetho isisiGrike, ezishumayeza iindaba ezimnandi ezingeNkosi uYesu.

21 Amandla eNkosi ayewafukamele loo madoda, laza iqela elikhulu labantu lazinikela eNkosini.

22 Le nto yenzekileyo ngabo yaya kuvakala nakwibandla laseJerusalem, laza lathumela uBharnabha eAntiyokwe.

23 Akuba efikile khona, wabubona ububele bukaThixo ebantwini; waza wavuya wabalúleka bonke ukuba bathembeke, banyaniseke eNkosini ngeentliziyo zabo zonke.

24 UBharnabha wayeyindoda elungileyo, ezele nguMoya oyiNgcwele nalukholo.Abantu abaninzi bazinikela eNkosini,

25 waza ke ngoko uBharnabha waya kukhangela uSawule eTarso.

26 Akumfumana, waya naye eAntiyokwe. Yaba ngunyaka wonke aba babini behlala phakathi kwebandla elo, baza baqeqesha iqela elikhulu. Kwakulapha eAntiyokwe apho abalandeli bakaYesu baqala ukubizwa ngokuba ngamaKrestu.

27 Ngelo xesha kwesuka *abashumayeli abathile eJerusalem baya eAntiyokwe.

28 Omnye wabo ogama linguAgabho, ezele nguMoya oyiNgcwele, wayixela kwangaphambili indlala eyayiza kubakho kuwo wonke umhlaba. Yona ke yafika ngexesha *likaKhesare Klawudiyo.

29 AmaKrestu agqiba ekubeni ulowo nalowo kuwo makaqwebele inkxaso yamakholwa akwelakwaJuda kangangoko anako.

30 Le nto ke bayenza, baza ke imali leyo bayithumela kubadala bebandla ngoBharnabha noSawule.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28