Umsebenzi Wabathunywa 4 XHO96

UPetros noYohane phambi kweBhunga

1 Kwathi uPetros noYohane besathetha nabo abantu, kwafika ababingeleli nentloko yabalindi *bendlu kaThixo kunye *nabaSadusi.

2 Babekhathazekile kuba aba *bathunywa babefundisa abantu ngokuvuka kukaYesu ekufeni, nto leyo yayiqinisekisa ukuba abafileyo baya kuvuka.

3 Bababamba ke, babafaka entolongweni, ukuba balinde khona kude kube ngengomso, njengoko imini yayiselisangene.

4 Uninzi lwâbo bayivayo imfundiso leyo lwakholwa, laza ke landa inani labo laya kumawaka amahlanu.

5 Ngomhla olandelayo iinkokheli zamaJuda, nabadala, nabachazi-mthetho, bahlangana eJerusalem.

6 YayingooAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, kwanabanye bendlu yombingeleli omkhulu, ababelapho.

7 Babamisa phambi kwabo abathunywa, bababuza bathi: “Niyenze kanjani le nto? Gunya lini eli ninalo? Ligama likabani eli nisebenze ngalo?”

8 UPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabaphendula wathi: “Ziphathamandla nani badala,

9 xa namhlanje nisixoxisa ngesenzo esihle sokuphiliswa komntu osisiqhwala,

10 nina ninamaSirayeli ewonke yazini le nto ke: Lo mntu umi apha phambi kwenu ephile qete, uphile ngenxa yegunya legama likaYesu Krestu waseNazarete. Lowo nina nambethelela emnqamlezweni; wamvusa ke yena uThixo.

11 Lo Yesu ngulowo zithi *iziBhalo xa zithetha ngaye:“ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhilaba lelona litye lesiseko.’

12 “Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.”

13 Amalungu *eBhunga amangaliswa kukubona ukungafihlisi kukaPetros noYohane, eqonda ukuba bangabantu nje abaqhelekileyo abangenamfundo. Baphawula nokuba babengamahlakani kaYesu.

14 Kodwa babengenandlela yokuphikisana nabo, kuba indoda le yayiphilisiwe yayimi apho kunye noPetros noYohane.

15 Babakhuphela ngaphandle kwendlu leyo yeBhunga, basala bona bexoxa bodwa.

16 Babuzana besithi: “Singawathini la madoda? Wonke ubani apha eJerusalem uyazi ukuba lo mqondiso ungaqhelekanga wenziwe ngawo, sibe ke thina singenako ukuyiphika le nto.

17 Ukuze ke inganwenwi le nto phakathi kwabantu, masibalumkise bangaze bathethe nakubani ngegama likaYesu.”

18 Babangenisa kwakhona, baza babayala ukuba ze bangaphindi bathethe okanye bafundise ngegama likaYesu.

19 UPetros noYohane bona baphendula bathi: “Zahluleleni nina ngokwenu ukuba kulunge kuphi na phambi koThixo; kukho ukwenza intando yenu, kukho nokwenza intando kaThixo.

20 Thina asinakuyeka ukuthetha ngento esiyibone sayiva ngokwethu.”

21 IBhunga labatyityimbisela umnwe, laza labakhulula. Alibanga nakroba lakubohlwaya, ngenxa yokoyika abantu, kuba babedumisa uThixo ngesi senzo.

22 Kaloku le ndoda yaphiliswa ngalo mmangaliso yayingaphezu kwamashumi amane eminyaka ubudala.

Amakholwa athandazela ukomelezwa

23 Bakuba bekhululwe uPetros noYohane babuyela kubahlobo babo, bababalisela okwathethwa kubo ngababingeleli abaziintloko bekunye nabadala.

24 Bevile ke, bonke bathandaza ngamxhelo mnye, besithi: “Nkosi, Mdali wezulu nomhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezilapho,

25 uDavide, isicaka sakho, ukhokho wethu, eqhutywa nguMoya oyiNgcwele wathi:“ ‘Kungani na iintlanga zisenza imbudumbudu nje?Kungani na ukuba abantu benze amayelenqe azé nje?

26 Iikumkani neziphathamandla zelizwe zahlangana,zavukela iNkosi *noKrestu wayo!’

27 “Kuba ngenene uHerode noPilato bahlangana kwesi sixeko kunye neentlanga, namaSirayeli, ngaye uYesu isiCaka sakho osinyulileyo, uMthanjiswa wakho.

28 Bahlangana ukuze bakwenze konke owawuselukumisele ngegunya nentando yakho ukuba kuya kwenzeka.

29 Kalokunje, Nkosi, zigqale izoyikiso zabo; thina zicaka zakho usenze siluthethe udaba lwakho ngesibindi.

30 Philisa ngesandla sakho, unike amandla okuba imimangaliso nemiqondiso yenzeke ngegunya legama lesiCaka sakho osinyulileyo uYesu.”

31 Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.

Ukubonelelana kwamakholwa

32 Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo.

33 *Abathunywa babezingisa ukungqina ngovuko lweNkosi uYesu, waza uThixo wabasikelela xa bebonke.

34 Kwakungekho bani usweleyo phakathi kwabo. Ababenemihlaba nezindlu babethengisa ngazo, baze imali leyo bayifumeneyo

35 beze nayo, bayinike abathunywa, ize yabelwe ulowo nalowo ngokweentswelo zakhe.

36 UJosefu, *umLevi onkaba iseSipro, owathiywa ngabathunywa bathi nguBarnabha, uMthuthuzeli,

37 wathengisa umhlaba wakhe, waza wayizisa imali leyo kubathunywa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28