Umsebenzi Wabathunywa 27 XHO96

UPawulos usiwa eRoma ngenqanawa

1 Kwakuba kugqityiwe ukuba sisiwe ngenqanawa eItali, uPawulos ekunye namanye amabanjwa banikelwa kuJuliyo, owayengumphathi-butho lomkhosi ekuthiwa libutho *likaKhesare.

2 Sangena enqanaweni eyayivela eAdramita, iza kunduluka iye kwizikhululo-nqanawe zephondo laseAsiya, sahamba ngayo. Wayekunye nathi uAristarko waseTesalonika, ekummandla waseMakedoni.

3 Sagaleleka eSidon ngemini elandelayo. UJuliyo wamphatha ngobubele uPawulos, wamvumela ukuba aye kubona abalingane bakhe, khon' ukuze bamtende.

4 Sanduluka apho, sathi kuba umoya wawusityhala uvela ngaphambili, sahamba ngecala langasempuma yeSipro, elalingenamoya.

5 Sacanda kulwandle olungaseKiliki nasePamfili, saya kungena eMira kummandla waseLikiya.

6 Apho umphathi-butho wafumana inqanawa eyayiza kuya eItali, ivela eAlesandriya, sangena kuyo.

7 Sahamba iintsuku icotha inqanawa, sada emva kokuhamba nzima kakhulu, saya kufika ngakwidolophu iKinido. Umoya awusivumelanga ukuba sihambe ngqo ngaloo ndlela, saza ke sehla ngecala elingenamoya elikumzantsi weKrete, saya kudlula ngaseSalimone.

8 Salugudla unxweme, sihamba nzima, saya kungena kwindawo ekuthiwa ngamaChweba aMahle, eyayingekude kwidolophu iLaseya.

9 Sahlala ixesha elide apho, kwada kwacaca ukuba koba yingozi ukuqhubela phambili ihambo yethu, kuba kwakusekudlule nomhla wamaJuda wozilo ekwindla. Ke ngoko uPawulos wenza esi silumkiso:

10 “Madoda, ndibona ukuba luza kuba nengozi uhambo lwethu ukusuka apha. Umthwalo uza konakala kakhulu, nenqanawa yaphuke, kufe nabantu.”

11 Kodwa umphathi-butho zange ayihoye le ntetho kaPawulos, wasuka weva into ethethwa ngumphathi woomatiloshe, nomnini-nqanawa.

12 Isikhululo-nqanawa eso sasingàkulungele ukuba kungáchithwa ubusika kuso, lwaye uninzi lwamadoda lufuna ukuba kungenwe elwandle, kulingwe ukuya kufika eFenike, ukuba kwakunokwenzeka. Esi sikhululo-nqanawa saseKrete, siziwa ngumoya wasemzantsi-ntshona kunye novela emntla-ntshona, kwakunokuhlalwa kuso ebusika.

Uqhwithela elwandle

13 Kwavela umoyana ngasezantsi, aza amadoda acinga ukuba angalilinga iqhinga lawo. Bayitsalela enqanaweni iankile, baza ke bayiqhuba inqanawa begudle unxweme lwaseKrete.

14 Kodwa kwakamsinyane kwabakho umoyakazi ekuthiwa nguMntla-mpuma, uvela ngasesiqithini apho.

15 Wayintlitha inqanawa; kwathi kuba yayingenakuqhutywa ijonge ngqo emoyeni inqanawa, asabi salinga, sasuka sayiyeka yadudulwa ngumoya.

16 Safumana indawo esithileyo ukudlula kwethu emazantsi esiqithana iKhawuda. Salitsalela enqanaweni apho iphenyana kunzima.

17 Oomatiloshe balibophelela, baza bayiqamangela ngentsontela inqanawa. Babesoyika ukuba bangaxinga enyeleni yonxweme xa bedlula ngaseLibhiya. Bayithoba ke iseyile ukuze inqanawa ityhalwe ngumoya.

18 Lwavuthuza njalo uqhwithela, baza ngengomso baqala bawulahlela elwandle umthwalo.

19 Kwathi ngolwesithathu usuku bazilahla ngezandla zabo iimpahla zenqanawa.

20 Yaba ziintsuku ezininzi singenakulibona ilanga neenkwenkwezi, yaye uqhwithela lona lusitsho ukuvuthuza. Ekugqibeleni sancama ukuba singásinda.

21 Emva kwexesha elide amadoda lawo engatyi, waphakama uPawulos wathi: “Madoda, ukuba nanindivile asemka eKrete, ngesiwuphephile wonke lo monakalo nale lahleko ingaka.

22 Kodwa ke qinani, ndiyanibongoza! Kuba akukho bani uza kuphulukana nobomi bakhe; yinqanawa yodwa eza konakala.

23 Kuba phezolo isithunywa sikaThixo, lo ndingowakhe ndimnqulayo, sifike kum,

24 sathi: ‘Sukoyika, Pawulos! Uza kuma phambi *koKhesare. UThixo ngokulunga kwakhe uza kubasindisa bonke aba uhamba nabo.’

25 Ngoko ke, madoda, qinani; kuba ndimthembile uThixo ukuba uya kwenza njengoko andixeleleyo.

26 Kodwa ke siya kududulwa siye kuphoswa kunxweme lwesiqithi esithile.”

27 Yayibubusuku beshumi elinesine sidudulwa luqhwithela kuLwandle lweAdriya. Kwathi malunga phakathi kobusuku, oomatiloshe bakrokrela ukuba asikude emhlabeni.

28 Baphosa intambo ebotshelelwe intsimbi emanzini, belinganisa ubunzulu bamanzi, baza bafumana ingamashumi amathathu anantandathu eemitha ubunzulu. Baphinda emva koko, baza bafumana amashumi amabini anesixhenxe eemitha.

29 Bathi ngenxa yokuba besoyika ukuba isuke inqanawa yethu iphoseke ematyeni, bazithoba zane iiankile esinqeni senqanawa, sebelangazelela ukuba kuse.

30 Oomatiloshe bazama ukuzímela, bathobela iphenyane emanzini, bezenza ngathi ba-ankila umphambili wenqanawa.

31 Kodwa wathi uPawulos kumphathi-butho: “Ukuba oomatiloshe abahlali apha enqanaweni, aninakusinda.”

32 Asuka ke amajoni azinqumla iintsontela ezazibambe iphenyane, laza lona lawa emanzini.

33 Ekuseni uPawulos wabacenga ukuba batye, esithi: “Ngoku lishumi elinesine leentsuku nilindile, ningasafaki nento le etyiwayo emlonyeni.

34 Ndiyanibongoza, yityani. Niya kuncedwa kukutya kule ngozi. Anisayi kulahlekelwa nalunwele olu.”

35 Akuba etshilo uPawulos, wathatha isonka, wabulela kuThixo, watya phambi kwabo.

36 Bomelezeka ke, baza bathatha ukutya, batya bonke.

37 Sasingamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anesithandathu sisonke.

38 Bakuba betyile, bawuphungula umthwalo wenqanawa ngokuphosa ingqolowa elwandle.

Ukutshona kwenqanawa

39 Kwakuba kusile oomatiloshe babona unxweme abangalunakananga kakuhle, kodwa baqaphela indawo enentlabathi, baza bazimisela ukuya kuyimisa khona inqanawa xa benako.

40 Ngoko ke bazinqumla iiankile, zasala elwandle, kwangelo xesha linye bazikhulula neentsontela ezazibambe amaphini okugwedla. Bayiphakamisa iseyile ekumphambili wenqanawa, ukuze umoya uyiqhubele phambili elunxwemeni inqanawa.

41 Kodwa inqanawa yasuka yabaleka yaya kungena endulini yesanti ephantsi kwamanzi; umphambili wenqanawa wagxumekeka apho waxinga awashukuma, isinqe senqanawa sona santlithwa saziingceba ngamaza alwayo.

42 Amajoni wona aceba ukuwabulala amabanjwa, ukuze angadadi azimele.

43 Kodwa umphathi wawo, efuna ukusindisa uPawulos, wawanqanda. Endaweni yaloo nto wathi amadoda akwaziyo ukudada makangene emanzini, adadele elunxwemeni;

44 baze abaseleyo balandele, bedada ngamaplanga, nangezinye izinto ababenokuzifumana. Xa sisonke ke sasinda ngaloo ndlela, saya kufika elunxwemeni singenawo nomkrwelo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28