Umsebenzi Wabathunywa 15 XHO96

Intlanganiso yaseJerusalem

1 Amadoda athile asuka eJerusalem, aya eAntiyokwe afundisa amakholwa esithi akanako ukusindiswa ngaphandle kokuba olùswe *ngokomthetho kaMosis.

2 UPawulos noBharnabha baba nengxoxo eshushu nabo ngalo mbandela, kwaza kwagqitywa ukuba uPawulos noBharnabha kunye nabanye baseAntiyokwe baye eJerusalem, bayokuva le ngxaki *kubathunywa nakubadala.

3 Ke kaloku lakuba libandulule ibandla, bacanda kwelaseFenike nelaseSamariya, behamba bebalisa ngokuguquka kweentlanga; iindaba ke ezo ezawavuyisa kakhulu amakholwa.

4 Befikile ke eJerusalem, bamkelwa libandla, abathunywa, nabadala, baza ke benza ingxelo kubo ngendlela awayebasebenzise ngayo uThixo.

5 Kodwa amakholwa athile awayekade engaweqela *labaFarasi, athi wona amakholwa aphuma ezintlangeni makoluswe awuthobele umthetho kaMosis.

6 Abathunywa nabadala benza intlanganiso, baphicotha lo mbandela.

7 Emva kwengxoxo ende, waphakama uPetros, wathi: “Mawethu, niyazi ukuba kwixesha elidlulileyo uThixo wandonyula phakathi kwenu ukuba iintlanga zizive ngam iindaba ezimnandi, zize ziguquke.

8 UThixo ozaziyo iintliziyo zabantu, wabonakalisa ukuzamkela iintlanga ngokuzinika uMoya oyiNgcwele njengoko wasinikayo nathi.

9 Akabonakalisanga mahluko phakathi kwazo nathi; nazo wazihlambulula iintliziyo zakuba zizinikele kuye.

10 Ngoku ke nimlingela ntoni uThixo ngokuthwalisa amakholwa umthwalo abangazange babe nako ukuwuthwala ookhokho bethu, nathi ngokwethu esingenako ukuwuthwala?

11 Hayi bo! Sikholwa kukuba thina sisindiswa ngesisa seNkosi uYesu kwanjengazo.”

12 Kwakuthe cwaka ngexesha uBharnabha noPawulos besenza ingxelo ngemimangaliso nemiqondiso ayenzileyo uThixo ngabo phakathi kweentlanga.

13 Emva kwentetho yabo kwathetha uYakobi, wathi: “Ndiphulaphuleni, mawethu!

14 USimon unichazele indlela uThixo abonakalise ngayo ukuzikhathalela kwakhe iintlanga ngokukhetha phakathi kwazo abantu abangabakhe.

15 Amazwi *abashumayeli ayavumelana nesi senzo, kuba zithi *iziBhalo:

16 “ ‘Emva koku ndiya kubuya,’ itsho iNkosi,‘ndiwuvuse umzi kaDavide ongamanxiwa,ndiwulungise apho wonakele khona,ume kakuhle.

17 Bothi ke bayifune iNkosi bonke abantu,zonke izizwe endizibizileyo zaba zezam,’itsho iNkosi, yona ikwenzileyo oku.

18 “Kakade ke iyaziwa le nto.

19 Ke ngoko mna ndithi masingazixhamli iintlanga eziguqukayo,

20 koko masizibhalele incwadi sizixelele ukuba mazingatyi naluphi na uhlobo lokutya okungahlambulukanga ngenxa yokubingelelwa kwizithixo, zizigcine nyulu ekurheletyeni, zingatyi nasiphi na isilo esikrwitshiweyo, nanyama inegazi.

21 Sekukudala kakade ufundwa umthetho kaMosis, kushunyayelwa amazwi akhe ngayo yonke *iMihla yokuPhumla *ezindlwini zesikhungo kwiidolophu ngeedolophu.”

Isigqibo sentlanganiso

22 *Abathunywa nabadala, kunye nebandla lonke, bafika kwisigqibo sokuba kukhethwe amadoda phakathi kwabo, athunywe eAntiyokwe kunye noPawulos noBharnabha. Banyulwa ke ooJudas ogama limbi linguBharsabha kunye noSilas, ingamadoda awayebekwe kakhulu ngamakholwa.

23 Banikwa incwadi ukuba bahambe nayo. Ke yona yayibhalwe ngolu hlobo:“Thina bathunywa sikunye nabadala siyanibulisa njengamawethu xa ninonke, nina zizwe zaseAntiyokwe eSiriya naseKiliki.

24 Sivile ukuba kubekho madoda athile aphuma apha kuthi aza kunixhamla, eniphazamisa ngento esingawathumanga yona, ayithethileyo kuni.

25 Sihlangene ke, savumelana sonke ukuba sinyule izigidimi sizithume kuni, zihambe kunye nabahlobo bethu abaziintanda, uBharnabha noPawulos,

26 amadoda ancame ubomi bawo ngenxa yokukhonza uKrestu.

27 Ke ngoko sinithumela uJudas noSilas abaya kunichazela ngokwabo ezi zinto kanye sizibhalileyo.

28 Thina samkele isigqibo soMoya oyiNgcwele sokuba singanithwalisi bunzima bumbi ngaphandle kwale migaqo ibalulekileyo:

29 Musani ukuyitya into ebingelelwe kwizithixo, nenyama enegazi, nesilo esikrwitshiweyo; nizigcine nyulu ekurheletyeni. Niya kuba niyakholisa xa nizilumlayo kwezo zinto. Salani kakuhle.”

30 Izigidimi ezo zandululwa, zasinga eAntiyokwe, apho zafika zawahlanganisa amakholwa, zawanika incwadi leyo.

31 Bathi abantu bakuyifunda incwadi leyo, bavuya kakhulu ziindaba zayo zenkuthazo.

32 UJudas noSilas, ababengabashumayeli ngokwabo, bathetha ixesha elide namakholwa, bewakhuthaza, bewomeleza.

33 Emva kwexesha belapho bakhululwa ngoxolo ngamakholwa, baza bagoduka. [

34 Kodwa uSilas yena wabona ukuba makasale khona.]

35 UPawulos noBharnabha bona bakhe banexesha belapho eAntiyokwe. Bekunye nabanye balifundisa, balishumayela, ilizwi leNkosi.

UPawulos noBharnabha bayahlukana

36 Ekuhambeni kwexesha wathi uPawulos kuBharnabha: “Makhe sityelele amakholwa kuzo zonke iidolophu apho sasikhe salishumayela khona ilizwi leNkosi, siqonde ukuba aphila njani na.”

37 UBharnabha wafuna ukuba kuhanjwe noYohane Marko,

38 kodwa uPawulos yena akathandanga ukuba bahambe naye, kuba ngokuya babehambe naye kuqala wajika esithubeni, wabashiya ePamfili.

39 Baxambulisana ke ngale ndawo, bada bagqibela ngokwahlukana. UBharnabha wahamba noMarko, basinga eSipro ngesikhephe.

40 Waza yena uPawulos wakhetha ukuhamba noSilas. Ke amakholwa abanikela ezibeleni zikaThixo, bemka.

41 UPawulos watyhutyha imimandla yaseSiriya naseKiliki, ewomeleza amabandla.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28