Umsebenzi Wabathunywa 1 XHO96

Isithembiso ngoMoya oyiNgcwele

1 Kwincwadi yam yokuqala, Tiyofilo, ndabhala ndibalisa ngazo zonke izinto uYesu awasungula ngazo ukwenza nokufundisa,

2 kude kuye kuthi gaa ngaloo mhla wanyuselwa ngawo ezulwini nguThixo. Ngaphambi kokuba anyuswe uYesu, wathi ngoMoya oyiNgcwele wawayala loo madoda awawanyulayo ukuba abe *ngabathunywa.

3 Emva kokubandezelwa nokufa kwakhe wazibonakalisa kuloo madoda ngeziganeko ezininzi ukuba uvukile. Kwithuba leentsuku ezingamashumi amane abathunywa babemana bembona, ethetha nabo ebaxelela ngezolawulo lukaThixo.

4 Esitya kunye nabo wabayala wathi: “Ze ningemki eJerusalem. Hlalani nilinde isipho esathenjiswa nguBawo, esiya ndanixelela ngaso.

5 Kaloku uYohane yena wayebabhaptiza ngamanzi abantu; ke nina, kungekudala, uThixo uza kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.”

6 Xa babendawonye, abathunywa bambuza uYesu besithi: “Nkosi, ngaba uza kulubuyisela kwangoku na ulawulo kumaSirayeli?”

7 UYesu uphendule wathi: “Asiyondawo yenu ukuwazi amathuba namaxesha uBawo agqiba yedwa ngawo.

8 Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.”

Unyuko lukaYesu

9 Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.

10 Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nango amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo,

11 abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”

Abafundi ababekho ngonyuko

12 Baza babuyela eJerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyeMinquma, ekufuphi neJerusalem umgama omalunga nekhilomitha enye.

13 Bakungena esixekweni, banyukela egumbini eliphezulu, apho babehlala khona. YayinguPetros, noYohane, noYakobi, noAndreya; uFilipu noTomas; uBhartolomeyu noMatewu; uYakobi unyana ka-Alifeyu, noSimon iTsha-ntliziyo, kwakunye noJudas unyana kaYakobi.

14 Bonke aba babezingisa ukuthandaza ngamxhelo mnye, kukho namanina, ekho noMariya unina kaYesu nabantakwabo-Yesu.

Ukunyulwa komthunywa esikhundleni sikaJudas

15 Ngaloo mihla xa babehlangene ndawonye abakholwayo bemalunga nekhulu elinamashumi amabini bebonke, waphakama uPetros, wathi:

16 “Madoda, mawethu, bekufanelekile ukuba kuzaliseke okwathethwa nguMoya oyiNgcwele, esebenzisa uDavide ukuxela okuya kwenzeka kuJudas, lowo wabakhokelela kuYesu abo bambambayo.

17 UJudas lo ebengomnye wethu, enenxaxheba kulo msebenzi sikuwo.”(

18 Kaloku le ndoda yathenga umhlaba ngaloo mali yayifumana ngenkohlakalo. Yawa ngesisu, sagqabhuka, zaphalala izibilini kuloo ndawo.

19 Le ntlekele yaduma kulo lonke elaseJerusalem; baza bayithiya igama loo ndawo, bathi yiAkeldama ngolwini lwabo, igama elithetha umhlaba wegazi.)

20 “Kuba kaloku kwiNcwadi yeeNdumiso kubhalwe kwathiwa:“ ‘Mawube linxiwa umzi wakhe;makungahlali nabani kuwo.’“Kwakhona kuthiwa:“ ‘Masithathwe ngomnye isikhundla sakhe.’

21-22 “Ngoko ke, makubekho enye indoda ethatha indawo yakhe. Kufuneka ibe ngumntu obesoloko ekunye nathi ngalo lonke elaa xesha iNkosi yayijikeleza phakathi kwethu; umntu owayekho ukususela kanye ngelaa xesha uYohane wayebhaptiza, kude kuze kuthi gaa ngomhla wonyuko. Nguloo mntu ke onokungqina kunye nathi ngokuvuka kweNkosi yethu.”

23 Baza baphakamisa amagama amadoda amabini: uJosefu owayesaziwa ngokuba nguBharsabha, obizwa nangokuba nguYusto, kwakunye noMatiya.

24 Bathandaza ke benjenje: “Nkosi, wena uzaziyo iingcinga zeentliziyo zabantu bonke, sahlulele phakathi kwala madoda mabini, usibonise eyona uyinyulele

25 kwisikhundla sokukukhonza *ingumthunywa, eso satyeshelwa nguJudas ukuze aye kuloo ndawo imfaneleyo.”

26 Abhalwa ke la magama omabini, kwenziwa *amaqashiso, kwaphumelela elikaMatiya; waza wabalelwa ekubeni ngumthunywa kunye nabanye abalishumi elinanye.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28