Umsebenzi Wabathunywa 24 XHO96

UPawulos umangalelwa ngamaJuda

1 Emva kweentsuku ezintlanu umbingeleli omkhulu uHananiya waya eKhesariya, ekunye nabadala abathile noTertulo igqwetha. Bavela phambi kwerhuluneli bemmangalela uPawulos.

2 Weziswa uPawulos, waza uTertulo wammangalela wenjenje: “Felekis, mhlekazi ohloniphekileyo, ukulawula kwakho ngobulumko kuze nethuba elide loxolo. Nezinye izinto eziyimfuneko zenkqubela siyazibona zisenzeka kweli lizwe lethu.

3 Ngamaxesha onke siyazamkela ezi zinto, futhi sinongazenzisiyo umbulelo kuwe.

4 Andifuni ukulidla ixesha lakho, ngoko ke ndicela ukuba usiphulaphule ngobulali esi simangalo.

5 Lo mfo simfumene engumdodobalisi oyingozi. Uhamba ephemba udushe phakathi kwamaJuda kulo lonke elimiweyo; futhi uyinkokheli yegqiza lamaNazarete.

6 Samfumana ezama ukunyelisa *indlu kaThixo, saza sambamba. [Sasifuna ukumgweba ngokomthetho wethu,

7 kodwa kwafika umphathi-mkhosi uLisiya wamhlutha kakubi.

8 ULisiya wayalela ukuba aze kumangalelwa kuwe.] Nawe ngokwakho ekumvavanyeni kwakho uya kuziqonda uziva ngaye ezi zinto simmangalela ngazo.”

9 NamaJuda asingqina esi simangalo ukuba siyinyaniso.

UPawulos uziphendulela phambi koFelekis

10 Irhuluneli yanqwala kuPawulos ukuba athethe, waza wathi: “Ndiyazi ukuba uneminyaka emininzi ugweba kwesi sizwe; yiyo loo nto ndivuyayo kuba ndiziphendulela phambi kwakho.

11 Nawe unokuyiqonda into yokuba azingaphezu kweshumi elinambini iintsuku ndayayo eJerusalem ndiye kunqula.

12 AmaJuda akandifumananga ndixoxa namntu *endlwini kaThixo, engandifumananga ndiphembelela dushe bantwini *ezindlwini zesikhungo, okanye naphi na apho edolophini.

13 Futhi akanabo ubungqina obuphathekayo malunga nezi zinto andityhola ngazo ngoku.

14 Le yona into ndiyayivuma: Ndikhonza uThixo wookhokho bethu ngokulandela iNdlela le athi wona ayikho mgaqweni. Ndikholwa zizo zonke izinto ezibhaliweyo encwadini *yomthetho kaMosis nasezincwadini *zabashumayeli.

15 Ndibambelele ethembeni elinye nabo abamangali, eli lokuba bonke abantu, abalungileyo nabangalunganga, baya kuvuka ekufeni.

16 Ndibe ke ndizama kangangoko ndinako ukuba ndihlale ndingenasazela nganto phambi koThixo naphambi kwabantu.

17 “Ndakha ndangabikho iminyaka emininzi eJerusalem, ndaza emva koko ndaya khona ndisisela abantu bakowethu imali, futhi ndisiya kwenza amadini.

18 Ndandisendlwini kaThixo apho ke, ukundifikela kwawo amaJuda ekubeni sendigqibe ukwenza *intlambululo. Ndandingekho esiphithi-phithini, futhi kungekho naqhushululu olo.

19 Ayekhona amaJuda athile ephondo laseAsiya; ebefanele ukuba alapha phambi kwakho andimangalele ngokwawo, xa enendawo ngakum.

20 Okanye khawutsho kula madoda axele ukuba andifumana ndinatyala lini na ngokuya ndandimi phambi kweBhunga.

21 Into inye endakhala ngayo naphambi kwawo, ndathi: ‘Ndigwetywa nje namhlanje, kungenxa yokukholelwa ukuba abafileyo baya kuvuka.’ ”

22 Waza ke uFelekis owayeyazi kakuhle iNdlela le, walimisa ityala, wathi: “Ndiya kuligweba ityala lakho akufika umphathi-mkhosi uLisiya.”

23 Wayalela umphathi-butho owayegada uPawulos ukuba amgcine, kodwa angabi ngqongqo, azivumele izihlobo zakhe zimlungiselele.

UPawulos phambi koFelekis noDrusila

24 Kwakudlula iintsuku uFelekis wafika noDrusila umkakhe, umJudakazi. Wambiza uPawulos, waza wamphulaphula ethetha ngokholo kuKrestu Yesu.

25 Kodwa wahambisa uPawulos echaza ngokuziphatha kakuhle, ukuzeyisa, nangomhla womgwebo, uFelekis watsho woyika wathi: “Ungakhe umke ngoku; ndiya kuphinda ndikubize xa ndinethuba.”

26 Wayenethemba lokuba mhlawumbi angahle anyotywe nguPawulos; kungesi sizathu ke wayesoloko emana ukumbiza ancokole naye.

27 Emva kweminyaka emibini uPorkiyo Festo waba yirhuluneli endaweni kaFelekis. Ngenxa yokuba uFelekis wayefuna ukuzenza mhle kumaJuda, wamshiya entolongweni apho uPawulos.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28