Umsebenzi Wabathunywa 9 XHO96

Ukuguquka kukaSawule

1 Ngalo lonke eli thuba uSawule yena wayefutha izisongelo zokwenzakalisa abalandeli beNkosi. Waya kumbingeleli omkhulu, wacela ukuba amnike iincwadi zeziqinisekiso,

2 ukuze aye *ezindlwini zesikhungo zamaJuda eDamasko, abe nako ukuthi xa ebafumana abalandeli bale Ndlela yeNkosi, abakhonkxe, amadoda kunye nabafazi, eze nabo eJerusalem.

3 Endleleni yakhe eya eDamasko, xa asondelayo apho edolophini, ngequbuliso wabona ukukhanya esibhakabhakeni, okwasuka kwambanekela ngeenxa zonke.

4 Watsho wawa phantsi, waza weva ilizwi limbiza lisithi kuye: “Sawule, Sawule, unditshutshiselani na?”

5 Yena wabuza wathi: “Wena ungubani, Nkosi?”Ilizwi elo laphendula lathi: “Mna ndinguYesu, lowo umtshutshisayo wena.

6 Phakama, uhambe ungene apha edolophini; uya kuyixelelwa khona into omawuyenze.”

7 Ngeli xesha amadoda awayehamba noSawule ayemile, ethe cwaka, eliva lona ilizwi elo lalithetha, kodwa engaboni mntu.

8 USawule waphakama, wakhangela ngamehlo, kodwa akabi nako ukubona nento le. Ngoko ke abo babehamba naye bamrhola ngesandla, bangena naye eDamasko.

9 Waba ntsuku-ntathu eyimfama, engatyi, engaseli.

10 EDamasko apho kwakukho umlandeli kaYesu ogama linguHananiya. INkosi yathetha naye embonweni, yambiza yathi: “Hananiya!”Yena wasabela wathi: “Ndilapha, Nkosi.”

11 Yathi iNkosi kuye: “Khawuleza, uye esitalatweni ekuthiwa sesithe ngqo, uze ufune indlu kaJuda, apho kuyo ukhangele indoda yaseTarso egama linguSawule. Iyathandaza khona,

12 futhi embonweni wayo ibone indoda egama linguHananiya, ingena ibeka izandla phezu kwayo, ukuze iphinde ibe nokubona.”

13 Waphendula wathi uHananiya: “Nkosi, baninzi abantu abandixeleleyo ngale ndoda, nangezinto ezilumezayo ezenzileyo ebantwini bakho eJerusalem.

14 Nangoku ilapha eDamasko nje, inamagunya ewathathe kubabingeleli abaziintloko, ukuze ikhonkxe bonke abakunqulayo.”

15 Yaza yathi iNkosi kuye: “Hamba uye kuyo, kuba mna ndiyikhethile ukuba indisebenzele, yazise igama lam kwiintlanga nakookumkani nakulo usapho lukaSirayeli.

16 Ndaye mna ngokwam ndiya kuyibonisa ubunzima efanele ukubuva ngenxa yam.”

17 Wahamba ke uHananiya, wangena endlwini leyo ebeyixelelwe, wambeka izandla uSawule, esithi: “Sawule, mfondini, iNkosi indithumile, uYesu ngokwakhe, lo umbonileyo endleleni, xa ubusiza apha. Indithumele ukuze wena uphinde ufumane ukubona, uzaliswe nanguMoya oyiNgcwele.”

18 Ngoko nangoko kwaba ngathi amehlo kaSawule ongulwe, waza waphinda wanako ukubona. Wathi akuvuka wabhaptizwa.

19 Emveni kokuba etyile, wabuya wangumqabaqaba.USawule wahlala iintsukwana nabalandeli bakaYesu eDamasko.

USawule ushumayela eDamasko

20 Zisukanje waya *ezindlwini zesikhungo zamaJuda, wafika washumayela ngoYesu, esithi unguNyana kaThixo.

21 Bonke ababemva, babemangaliswa, bebuza besithi: “Ngaba le ndoda asiyiyo na leya yayibatshutshisa eJerusalem bonke abathetha ngeli gama? Kanene, andithi nangoku ilapha nje, izele ukuze ibambe abantu, ibase kubabingeleli abaziintloko?”

22 Kodwa intshumayelo kaSawule yaya ikhula emandleni, neengxoxo zakhe ezibonisa ukuba uYesu *unguKrestu, zabetha asikwa imilomo amaJuda aseDamasko.

23 Kwakuba kudlule iintsuku ezininzi amaJuda ahlanganisana, afutha amacebo okumbulala uSawule;

24 kodwa eli yelenqe waliva uSawule. Imini nobusuku babemlinda emasangweni edolophu, khon' ukuze bambulale.

25 Ngabusuku buthile abalandeli bakaYesu bamthatha uSawule, bamthoba ngengobozi eludongeni.

USawule eJerusalem

26 USawule waya eJerusalem, wazama ukuzibandakanya nabalandeli bakaYesu. Kodwa bonke babemoyika, bengakholwa ukuba naye ungumlandeli kaYesu.

27 Wada wancedwa nguBharnabha owamthathayo, wamsa *kubathunywa, wabachazela indlela awabonana ngayo neNkosi, nento eyathethwayo yiNkosi kuye. Wababalisela nangokulishumayela kukaSawule ngesibindi igama likaYesu eDamasko.

28 Waza ke uSawule wahlala apho eJerusalem, ejikeleza elishumayela ngesibindi igama leNkosi.

29 Ngokunjalo wathetha, waxoxa nawo namaJuda athetha isiGrike, kodwa asuka afuna ukumbulala.

30 Athi amakholwa akuyiqonda le nto, amthatha uSawule, amsa eKhesariya, aza amthumela eTarso.

31 Ke kaloku ibandla kulo lonke elakwaJuda naseGalili naseSamariya lazola, kungekho ntshutshiso. Laba nenkqubela, lakhula nangamanani, limhlonela uThixo, likhuthazwa nguMoya oyiNgcwele.

Ukuphiliswa kukaEneya

32 Njengoko uPetros wayeyihamba yonke loo ngingqi, ngathuba lithile watyelela abantu bakaThixo eLida.

33 Apho wahlangana nendoda egama linguEneya. Yayife icala, futhi ineminyaka esibhozo yalalayo.

34 Wathi uPetros kuyo: “Eneya, uYesu Krestu uyakuphilisa. Phakama, wendlule umandlalo wakho.” Ngakonje ukuba atsho, wavuka uEneya.

35 Bathi bakumbona, bonke abantu ababehlala eLida nakwintili yaseSharon bazinikela eNkosini.

Ukuvuswa kukaTabhita

36 EJopa kwakukho umlandeli kaYesu ogama linguTabhita, oko kukuthi uBhadikazi. Lonke ixesha lakhe wayelichithela ekwenzeni okulungileyo, enezinwe, ebanceda abahlelelekileyo.

37 Ngeli xesha wagula, wasweleka. Bawuhlamba umzimba wakhe, bawubeka egumbini elikumgangatho ophezulu.

38 Njengoko iJopa yayingekude eLida, beva abalandeli bakaYesu ukuba uPetros useLida, baza bathumela amadoda amabini nomyalezo wokuba uPetros makancede afike ngokukhawuleza.

39 Akalibazisanga uPetros; wahamba nawo kwangoko. Akufika khona, wasiwa egumbini elo liphezulu, waphahlwa libubu labahlolokazi ababelila, bembonisa iingubo kwaneempahla awayezenza uBhadikaziNqesiGrike “uDorkas” esaphilile.

40 UPetros wabakhuphela phandle bonke, waza waguqa wathandaza. Wathi kamva waguqukela kuso isidumbu, wathi: “Tabhita, vuka!” Wajonga, waza akubona uPetros, wavuka.

41 Wasondela kuye uPetros, wamncedisa, waphakama. Wawabiza ke uPetros amakholwa kunye nabahlolokazi abo, wamnikela kubo ephilile.

42 Ezi ndaba zafikelela kuyo yonke iJopa, baza abantu abaninzi bazinikela eNkosini.

43 UPetros waba neentsuku ezininzi ehleli apho eJopa kunye nendoda egama linguSimon, umsuki weemfele.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28