Umsebenzi Wabathunywa 23 XHO96

1 UPawulos wawajonga ntsho amalungu eBhunga, wathi: “Mawethu, kude kuze kuba yile mininje andinasazela nganto ngobomi bam bonke phambi koThixo.”

2 Akutsho, umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela ukuba uPawulos ampakazwe emlonyeni ngabo babekufuphi naye.

3 Waphendula uPawulos wathi: “UThixo uya kukubetha, ludongandini luvetiweyo; uchophele ukundigweba ngokomthetho, kodwa kwawena uyawaphula umthetho, uthi mandibethwe!”

4 Amadoda awayekufuphi noPawulos athi kuye: “Ngumbingeleli omkhulu kaThixo lo umthukayo!”

5 UPawulos wathi: “Hayi, mawethu, bendingamazi ukuba ungumbingeleli omkhulu. Kaloku *iziBhalo zithi: ‘Ungàthethi kakubi ngomlawuli wabantu bakho.’”

6 Akuqonda uPawulos ukuba kweli qela kukho *abaSadusi kwakunye *nabaFarasi, wabhekisa eBhungeni apho, wathi: “Mawethu, mna ndingumFarasi ongunyana womFarasi. Ndisematyaleni nje kungenxa yokuba ndinethemba lokuba abafileyo baya kuvuka.”

7 Akutsho abaFarasi nabaSadusi baxabana bodwa, baza bahlukana kubini.

8 Kaloku bona abaSadusi bathi abantu abayi kuvuka ekufeni, bakwathi akukho zithunywa zezulu, akukho namimoya, kodwa abaFarasi bona bayakholelewa kwezi zinto zontathu.

9 Kwathi ke kwakuba njalo, kwaxokozela, abanye babachazi-mthetho beqela labaFarasi baphakama bekhalaza besithi: “Thina asifumani nto ingalunganga kule ndoda! Mhlawumbi ngenene umoya othile okanye isithunywa sezulu sithethile nayo.”

10 Ingxoxo leyo yakhula kangangokuba ingqwayi-ngqwayi yaba sexhaleni lokuba uPawulos bosuka bamthi qwenge-qwenge. Ngoko ke yayalela ukuba amajoni amthathe uPawulos apho entlanganisweni, aye naye enqabeni yomkhosi.

11 Ngobo busuku iNkosi yema ngakuPawulos, yathi: “Qina! Njengokuba undingqine apha eJerusalem nje, kufuneka wenze kwaloo nto naseRoma.”

Iqhinga lokubulala uPawulos

12 Ngentsasa elandelayo amaJuda adibana enza iyelenqe. Azibopha ngesifungo sokuba angatyi angaseli engambulalanga uPawulos.

13 Ayengaphezu kwamashumi amane kweli yelenqe.

14 Aza ke aya kubabingeleli abaziintloko nakubadala athi: “Sizibophe ngesifungo, saye sizimisele ukuba singafaki nto phantsi kwempumlo singekambulali uPawulos.

15 Nina ke *neBhunga thumelani kumphathi-mkhosi wamaRoma ukuba azise uPawulos kuni, nenze ngathi nisafuna ukuncina inyaniso ngaye. Thina ke soba sesilungile, simhlasele simbulale engekafiki kuni.”

16 Kodwa weva ngeli yelenqe unyana wodade boPawulos, waza ke waya kungena enqabeni yamajoni, wamxelela ngalo uPawulos.

17 UPawulos ubize umphathi-butho, wathi kuye: “Yisa lo mfana kwingqwayi-ngqwayi. Kukho into afuna ukuyixelela yona.”

18 Umphathi-butho wamthatha wamsa kwingqwayi-ngqwayi, wafika wathi: “Ndibizwe ngumbanjwa uPawulos, wathi mandize nalo mfana kuwe, kuba kukho into aza kukuxelela yona.”

19 Ingqwayi-ngqwayi imbambe ngesandla umfana lowo, yamtsalela bucala, yambuza isithi: “Uze kundixelela ntoni?”

20 Uthe umfana: “Iziphathamandla zamaJuda zivumelene ukuba zikucele ngomso, ukhe uthumele uPawulos eBhungeni, zisenza ngathi kukho indawo ebalulekileyo elifuna ukuyiqonda kuye iBhunga.

21 Kodwa uze ungavumi ukuyiva loo nto, ngoba kukho amadoda angaphezu kwamashumi amane alalele uPawulos endleleni. Afungile ukuba akayi kutya, engayi kusela, ade ambulale. Nangoku selelungile, elindele ukuba uvume.”

22 Ithe ingqwayi-ngqwayi: “Uzungayithethi mntwini into yokuba undixelele ngeli yelenqe.” Yaza yamndulula umfana lowo.

UPawulos uthunyelwa kuFelekis irhuluneli

23 Ingqwayi-ngqwayi ithe yabiza abaphathi-mabutho bayo ababini, yathi kubo: “Lungiselelani ukuya eKhesariya ngokuhlwanje ngentsimbi yethoba. Ze nihambe namakhulu amabini amajoni kunye namashumi asixhenxe amajoni akhwele amahashe, kwakunye namakhulu amabini amajoni aphatha iintshuntshe.

24 Nithathe namahashe okukhwela, uPawulos nimse kuFelekis irhuluneli engenzakalanga.”

25 Ingqwayi-ngqwayi yabhala ileta, yenjenje:

26 “UKlawudiyo Lisiya ubulisa ohloniphekileyo uFelekis irhuluneli.

27 Le ndoda âyibamba amaJuda eza kuyibulala. Ndivile ukuba ingummi ongumRoma, ndaya kuyihlangula ngamajoni.

28 Ndithe ke ngokufuna ukuqonda isityholo abayibeka sona, ndayisa *eBhungeni lawo.

29 Apho ke kuye kwacaca ukuba ayenzanga tyala lokuba ingagwetyelwa ukufa, nokuba mayivalelwe entolongweni. Isityholo ebekwa sona siphathelele kwimpikiswano ngomthetho wabo.

30 Ndithe ke ndakuva ukuba kukho amaJuda azungula ukuyibulala, ndagqiba ukuba ndiyithumele kuwe. Abamangali nabo ndibaxelele ukuba beze kuyimangalela kuwe.”

31 Amajoni enza njengoko ayeyalelwe. Amthatha uPawulos kwangobo busuku, aya kufika naye eAntipatri.

32 Ngengomso ahamba ngeenyawo abuyela eJerusalem, aza awamahashe ahamba naye.

33 Aya kufika naye eKhesariya, ayinika irhuluneli ileta leyo, amnikezela kuyo noPawulos.

34 Iyifundile ileta irhuluneli, yambuza uPawulos ukuba wayengowaliphi na iphondo. Yakuva ukuba wayengowaseKiliki

35 yathi: “Ityala lakho liya kuthethwa kwakufika abamangali.” Yathi uPawulos makagcinwe ebhotwe likaHerode.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28