23 Ingqwayi-ngqwayi ithe yabiza abaphathi-mabutho bayo ababini, yathi kubo: “Lungiselelani ukuya eKhesariya ngokuhlwanje ngentsimbi yethoba. Ze nihambe namakhulu amabini amajoni kunye namashumi asixhenxe amajoni akhwele amahashe, kwakunye namakhulu amabini amajoni aphatha iintshuntshe.