Umsebenzi Wabathunywa 25 XHO96

UPawulos ubhenela kuKhesare

1 Akuba ntsuku-ntathu efikile kwelo phondo uFesto, wesuka eKhesariya, wahambela eJerusalem.

2 Ababingeleli abaziintloko nabakhokeli bamaJuda, bezisa izityholo kuye ngoPawulos. Bamcenga uFesto

3 ukuba ancede amse eJerusalem uPawulos, kuba babefuna ukumlalela endleleni, bamgwinte.

4 Wathi uFesto kubo: “UPawulos uselugcinweni entolongweni eKhesariya. Ndibe nam ngokwam ndiza kuya khona kwakamsinyane.

5 Iinkokheli zenu ze zihambe nam ukuya eKhesariya, ziye kummangalela khona, ukuba ngaba kukho ityala alenzileyo.”

6 Akuba echithe malunga nesibhozo ukuya eshumini leentsuku phakathi kwabo uFesto, wabuyela eKhesariya. Ngengomso xa wayechophele amatyala, uthe makabizwe uPawulos.

7 Akufika ke uPawulos, amaJuda awayevela eJerusalem athi emngqongile ambeka izityholo ezinzima, kodwa zazingenabunyaniso xa zizonke.

8 UPawulos yena waziphendulela wathi: “Akukho nanye into endiyenzileyo echasene nomthetho wamaJuda, okanye *indlu kaThixo, okanye *uKhesare.”

9 Ezama ukuzenza mhle kumaJuda, uFesto wathi kuPawulos: “Ungathanda ukuya eJerusalem ukuze ndilichophele khona ityala lakho ngezi zityholo?”

10 Waphendula uPawulos wathi: “Apha ndimi enkundleni kaKhesare, kanye apho limelwe kukuthethwa khona ityala lam. Akukho nto ndiwone ngayo amaJuda, njengoko nawe ngokwakho uqonda.

11 Ke ukuba umthetho ndiwaphule ndona kangangokuba ndimelwe kukugwetyelwa ukufa, andinqweneli kuyibaleka nayo loo ndawo. Kodwa ke ukuba azinabunyaniso izityholo endibekwa zona, akukho bani unokundinikezela kumaJuda. Ndibhenela kuKhesare.”

12 UFesto ukhe wadlana indlebe namaphakathi akhe, wandul' ukuthi kuPawulos: “Ubhenela kuKhesare; kulungile ke, uza kuya kuKhesare.”

UPawulos phambi koAgripa noBhernike

13 Ekuhambeni kwexesha ukumkani uAgripa nowakwakhe uBhernike baya eKhesariya, beye kuvuyisana noFesto ngokufika kwakhe.

14 Emva kweentsuku bekhona uFesto wachazela ukumkani ngemeko kaPawulos, esithi: “Apha kukho indoda eyashiywa ingumbanjwa nguFelekis.

15 Ndithe xa bendiseJerusalem, ababingeleli abaziintloko bamaJuda nabadala bazisa kum izityholo ngale ndoda ukuba ndiyigwebe.

16 Kodwa ndabaxelela ukuba inkqubo yamaRoma ayivumi ukuba umntu agwetywe engakhange ajongane nabamangaleli bakhe aziphendulele.

17 Bathe ke bakuza apha andachitha xesha, ndathi ngengomso ndalichophela ityala elo, ndathi mayibizwe le ndoda.

18 Abamangali bavela bamtyhola, kodwa kungengazo iindawo ezimbi endandiba bomtyhola ngazo.

19 Kuphela nje yaba yimpikiswano ngonqulo lwabo, nangendoda ethile eyafayo, egama linguYesu, athi yena uPawulos ihleli.

20 Ndithe ngenxa yokungabi nabungqina buphathekayo ngeli tyala, ndaqonda kuPawulos ukuba akangethandi na ukuba eli tyala liye kuthethwa eJerusalem.

21 Kodwa ke uPawulos usuke wabhenela *kuKhesare. Ubone ukuba makahlale engumbanjwa lide ityala lakhe libe nokuviwa nguMhlekazi ngokwakhe. Ke ndathi makagcinwe de ndimthumele kuKhesare.”

22 Wathi uAgripa: “Nam ndingathanda ukukhe ndiyive le ndoda.”“Uza kuyiva ngomso oku,” utshilo uFesto.

23 Ngengomso uAgripa noBhernike bangena bewongekile apho enkundleni, benabaphathi-mkhosi namadoda aphambili apho edolophini. UFesto wathi makubizwe uPawulos, waza ke wangeniswa.

24 UFesto wathetha wathi: “Kumkani Agripa, nani nonke nina nikhoyo apha, le ndoda niyibona apha ikhalazelwa ngawo onke amaJuda, apha naseJerusalem. Athi ayisafanelanga kudla bomi.

25 Kodwa mna andifumananga nto ingáyenza igwetyelwe ukufa. Nangenxa yokuba yona ngokwayo ibhenele kuKhesare, nam ke ndigqiba ukuba ndiyithumele kuye.

26 Kodwa andikabi nayo inkcazelo ezeleyo endingayenzela uKhesare ngayo. Kungoko ke ndiyizise apha phambi kwenu, ngakumbi wena, kumkani Agripa, ukuze sithi emva kokulivavanya eli tyala layo, ndikwazi ukubhala ngalo.

27 Kuba kum ayiqondakali into yokuba ndithumele umbanjwa zingacacanga izityholo abekwa zona.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28