Uyohane 21 XHO96

Ubanjiso olumangalisayo lweentlanzi

1 Emva koko uYesu waphinda wazibonakalisa kubafundi bakhe ngakuLwandle lwaseTibheriya. Kwahamba ngolu hlobo ukuzibonakalisa kwakhe:

2 USimon Petros, noTomas ekuthiwa nguWele, noNataniyeli waseKana eGalili, kunye noonyana bakaZebhedi, nabanye abafundi ababini, babendawonye.

3 Waza wathi kubo uSimon Petros: “Ndisaya kuloba.”Baza bathi kuye: “Nathi sohamba nawe.” Baya ke bekhwele isikhitshana, kodwa àbabamba nto ngobo busuku.

4 Ukuthi chapha komsobomvu nako kumi uYesu elunxwemeni. Phofu abafundi babengaqondi ukuba nguYesu.

5 Wathi ke ngoko uYesu kubo: “Anibambanga ntlanzi, bafana?”Bamphendula bathi: “Hayi.”

6 Waza wathi kubo: “Phosani umnatha ngasekunene kwesikhitshana. Nobambisa ke.” Bawuphosa, baza ngenxa yobuninzi beentlanzi ababi nako ukuwutsala umnatha.

7 Ke ngoko loo mfundi obethandwa nguYesu wathi kuPetros: “YiNkosi!” USimon Petros, akuva ukuba yiNkosi le, wazithi wambu ngengubo, kuba wayetyedile, watsho waziphosa emanzini.

8 Ke bona abanye abafundi baya elunxwemeni ngesikhitshana, bawurhuqa umnatha, uzele ziintlanzi. Kwakumalunga neemitha ezilikhulu ukuya elunxwemeni.

9 Bakuhla esikhitshaneni, babona umlilo wamalahle, kukho intlanzi kuwo kwanesonka.

10 Wathi kubo uYesu: “Khanize neentlanzi kwezi nisand' ukuzibamba.”

11 USimon Petros wakhwela esikhitshaneni, wawurhuqela elunxwemeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamashumi amahlanu anantathu zizonke. Nangona zazininzi kangako umnatha awuqhaqhekanga.

12 Waza wathi kubo uYesu: “Yizani kutya.” Akubangakho namnye kubafundi ube nabuganga bakuthi: “Ungubani wena?” Kaloku babesazi ukuba yiNkosi.

13 Wasondela uYesu, wasithatha isonka, wabanika; wathatha nentlanzi, wabanika.

14 Oku kuzibonakalisa kukaYesu kubafundi bakhe kwakukokwesithathu emva kokuvuka kwakhe ekufeni.

UYesu noPetros

15 Emva kokuba betyile, uYesu wathi kuSimon Petros: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na ngaphezu kwaba?”Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yondla amatakane am.”

16 Aphinde athi kuye okwesibini uYesu: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na?”Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yalusa iigusha zam.”

17 Wathi kuye okwesithathu uYesu: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na?”Wev' intw' embi uPetros ebuzwa okwesithathunje nguYesu esithi: “Uyandithanda na?” Waza wathi kuYesu: “Nkosi, izinto zonke uyazazi; uyazi ukuba ndiyakuthanda.”Wathi kuye uYesu: “Yondla iigusha zam.

18 Ndithi kuwe, inene, oko ubusemtsha ubuzibhinqisa, uye apho uthanda ukuya khona, kodwa xa sewaluphele uya kuziphakamisa izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho ungathandi kuya khona.”

19 Esitsho nje uYesu, wayesalatha indlela uPetros awayeza kufa ngayo ukudumisa uThixo. Wandula ukuthi: “Ndilandèle, wena.”

UYesu nomfundi awayemthanda

20 Wakhangela ngasemva uPetros, wabona laa mfundi wayethandwa nguYesu elandela, lowa wayehleli ecaleni kukaYesu esidlweni, waza wabuza kuYesu ukuba ngubani na owayeza kumngcatsha.

21 Wathi ke kuYesu uPetros akumbona lo mfundi: “Nkosi, kuya kuthekani ngalo?”

22 Waza wathi kuye uYesu: “Ukuba ndifuna abekho ndide ndibuye, inamsebenzi mni loo nto kuwe? Ndilandèle, wena.”

23 Yathetheka ke le ntetho phakathi kwabalandeli bakaYesu, kusithiwa loo mfundi akayi kufa. Kodwa uYesu wayengatshongo kuye ukuba akayi kufa; wayethe: “Ukuba ndifuna abekho ndide ndibuye, inamsebenzi mni na loo nto kuwe?”

24 Nguye ke lo mfundi ozingqinayo ezi zinto, wazibhala nokuzibhala. Siyazi ke ukuba ubungqina bakhe buyinyaniso.

Isiqukumbelo

25 Zininzi nezinye izinto awazenzayo uYesu. Ukuba bezinokubhalwa zonke ngazinye, ndithelekelela okokuba ihlabathi liphela belingenakuziqulatha iincwadi ebeziya kubhalwa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21