Uyohane 18 XHO96

Ukubanjwa kukaYesu

1 Emva kwalo mthandazo uYesu wawelela ngaphesheya komlanjana iKedron, ehamba nabafundi bakhe. Kwakukho igadi kuloo ndawo; uYesu wangena kuyo kunye nabafundi bakhe.

2 UJudas, umngcatshi wakhe, naye wayeyazi loo ndawo, kuba uYesu nabafundi bakhe babedla ngokuhlangana kuyo.

3 Ke ngoko uJudas waya kuloo ndawo, ehamba neqela lamajoni nabagadi bendlu kaThixo, bephethe izibane, nezikhuni ezivuthayo, nezikhali, bethunywe ngababingeleli abaziintloko nabaFarasi.

4 UYesu ekwazi konke okwakuza kumhlela, wabakhawulela, wathi: “Nifuna bani?”

5 Baphendula bathi: “UYesu waseNazarete.”Wathi ke kubo: “Ndinguye.”UJudas umngcatshi wayemi kunye nabo.

6 Akuba uYesu ethe: “Ndinguye,” babuya umva, bawa phantsi.

7 Wababuza kwakhona uYesu esithi: “Nifuna bani?”Bona bathi: “UYesu waseNazarete.”

8 Wathi uYesu: “Nditshilo ukuba ndinguye. Ke ukuba nifuna mna, bayekeni bazihambele aba.”

9 Esitsho nje wayesenzela ukuba lizaliseke ilizwi awalithethayo kuYise esithi: “Bawo, akudukanga namnye kwabo wandinika bona.”

10 Kuthe ke ngoko uSimon Petros enekrele walirhola, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasisusa indlebe yasekunene. Igama lesicaka eso lalinguMalko.

11 Wathi ke uYesu kuPetros: “Faka ikrele lakho esingxotyeni salo. Le ntlungu ndiyibekelwe nguBawo. Ndiya kuthini ke ukungayamkeli!”

UYesu phambi koAnas

12 Ke ngoko elo qela lamajoni, linomphathi walo, kwakunye nabagadi *bendlu kaThixo ababethunywe ngamaJuda, bambamba uYesu, bambopha izandla.

13 Kuqala bamsa kuAnas, kuba wayenguyise womka-Kayafa, owayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka.

14 Ngulo Kayafa ke lo owacebisa amaJuda ngelithi kulungile ukuba umntu omnye afele abantu bonke.

UPetros ukhanyela uYesu

15 UYesu walandelwa nguSimon Petros kwanomnye umfundi. Lo mfundi ke walandela uYesu wangena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, kuba wayeqhelene nomninimzi lowo.

16 UPetros yena wasala ngaphandle kwesango. Waphuma ke lo mfundi wayeqheliwe apho, wathi ethethe nesicakazana esigcina isango, wamngenisa uPetros.

17 Sathi ke kuPetros isicakazana eso: “Akunguye na umfundi walo mntu?”Wathi uPetros: “Hayi; andinguye.”

18 Kwakubanda; ke ngoko izicaka nabagadi *bendlu kaThixo babebase imbawula, beyingqongile, besotha. UPetros waya wema kunye nabo, wotha.

UYesu phambi kombingeleli omkhulu

19 Umbingeleli omkhulu wabuza uYesu ngabafundi bakhe nangeemfundiso zakhe.

20 Waphendula uYesu wathi: “Ndithethe phandle ehlabathini. Bendihlala ndifundisa ezindlwini zesikhungo nasendlwini kaThixo apho kuhlangana khona onke amaJuda. Akukho nto ndiyithethe emfihlakalweni.

21 Usandibuza ntoni ke? Buza kwabo bantu bandivileyo. Bayazazi izinto endazithethayo.”

22 Akugqibanje ukutsho, omnye wabagadi bendlu kaThixo owayekufuphi naye, wambetha ngempama, esithi: “Yindlela yokuphendula umbingeleli omkhulu le?”

23 Wamphendula uYesu wathi: “Ukuba ndithethe ngendlela engeyiyo, cacisa ke. Kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethela ntoni?”

24 UAnas ke wamthumela uYesu esabotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.

UPetros ukhanyela uYesu kwakhona

25 UPetros wayesemi apho esotha, bambuza abanye besithi: “Akunguye na umfundi walaa mntu?”Wakhanyela kodwa uPetros, esithi: “Hayi, andinguye.”

26 Isicaka esithile sombingeleli omkhulu, esizalana nalaa ndoda eyasuswa indlebe ngekrele nguPetros, sathi: “Akunguye na lo bendimbone egadini kunye naye laa mntu?”

27 Wakhanyela kwakhona uPetros. Kwangoko yakhala inkuku.

UYesu phambi koPilato

28 UYesu kwemkiwa naye kwakusasa kwaKayafa, wasiwa emzini werhuluneli. AmaJuda akangenanga khona wona, hleze ngokwesiko lawo azingcolise, angabi nalo ilungelo lokutya *iPasika.

29 Waphuma ke uPilato, waya kuwo, wathi: “Nimmangalela ngantoni lo mntu?”

30 Aphendula athi: “Ngesingamzisanga kuwe ukuba ebengenguye umenzi wobubi.”

31 Wathi kuwo uPilato: “Mthatheni nina, nimgwebe ngokwenu, ngokwemithetho yenu.”Amphendula athi amaJuda: “Thina asivumelekanga ukubulala umntu.”

32 Ekufuna nje oku amaJuda ayezalisekisa ilizwi likaYesu awalithethayo esalatha indlela aza kufa ngayo.

33 Ebuyele ngaphakathi komzi wakhe, uPilato wabiza uYesu, wathi kuye: “Ungukumkani wamaJuda na wena?”

34 Waphendula uYesu wathi: “Lo mbuzo uvela kuwe, okanye kukho bantu bambi bathe bakuxelela nto ngam?”

35 Wathi uPilato: “Uba ndingumJuda nam? Sisizwe sakowenu nababingeleli abaziintloko abakuzise kum. Yintoni le uyenzileyo?”

36 Wathi ke yena uYesu: “Asibobeli hlabathi ubukhosi bam. Xa bekunjalo amaphakathi am ebeya kundilwela, ukuze ndingabanjwa ngamaJuda, kodwa ke asibobalapha ubukhosi bam.”

37 UPilato wathi kuye: “Ke, ungukumkani?”Waphendula uYesu wathi: “Liphuma kuwe eli lithi ndingukumkani. Mna ndithi ndizalelwe ukungqinela inyaniso; ndizele loo nto kanye ehlabathini. Nabani na ongowenyaniso uyaliva ilizwi lam.”

38 Wathi kuye uPilato: “Yintoni yona inyaniso?”Emva kokuba etshilo waphuma uPilato, waya kumaJuda, wathi kuwo: “Mna andifumani tyala kuye konke.

UYesu ugwetyelwa ukufa

39 Kodwa ngokwesiko lenu ndidla ngokunikhululela umbanjwa abe mnye *ngePasika. Ngaba ke nifuna ndinikhululele ukumkani wamaJuda?”

40 Bamphendula bekhwaza besithi: “Hayi, asimfuni lo mntu; sifuna uBharabha.” UBharabha lo ke wayesisihange.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21