Uyohane 12 XHO96

Ukuthanjiswa kukaYesu eBhetani

1 Ngosuku lwesithandathu phambi *kwePasika uYesu waya eBhetani, apho wayehlala khona uLazaro, lowo uYesu wayemvuse ekufeni.

2 Walungiselelwa isidlo ke uYesu, waza uMarta wabaphakela, uLazaro engomnye wababehleli etafileni kunye noYesu.

3 UMariya wathatha amafutha angangxengwanga esiqholo esiyinadusi, abunzima bungaphezulwana kwamakhulu amathathu eegram, axabiso likhulu, wathambisa ngawo iinyawo zikaYesu, wazisula ngeenwele zakhe. Yatsho indlu yazala livumba elimnandi lesiqholo eso.

4 Ke ngoko omnye wabafundi bakaYesu, uJudas Sikariyoti, lowo wayeza kumngcatsha, wathi:

5 “Kutheni esi siqholo singàthengiswa ngamakhulu amathathu eerandi nje, ize loo mali inikwe amahlwempu?”

6 Esitsho nje, kwakungekuko okokuba ebewakhathalele amahlwempu, koko wayesitsho kuba wayelisela. Ingxowa yabo yemali yayiphathwa nguye, emana ukucuntsula kuyo.

7 Kodwa uYesu wathi: “Myeke; sukumkhathaza. Esi siqholo ebesigcinele ukulungiselela ukungcwatywa kwam.

8 Amahlwempu aya kuhlala ekho, kodwa aniyi kuhlala ninam mna.”

Ibhunga ngoLazaro

9 Yeva ke indimbane yamaJuda okokuba uYesu useBhetani, yaya khona, ingayi kubona uYesu kuphela, koko isiya kubona noLazaro, lowo uYesu wamvusayo ekufeni.

10 Babhunga ke ababingeleli abaziintloko okokuba bambulale noLazaro,

11 kuba ngenxa yakhe amaJuda amaninzi ayeguquka akholwe kuYesu.

UYesu ungena eJerusalem ekhwele idonki

12 Ngengomso indimbane yabantu ababeze kwitheko *lePasika, yeva okokuba uYesu uyeza eJerusalem,

13 yaxhuzula amasebe emithi yamasundu, yamhlangabeza, yakhwaza isithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani wakwaSirayeli!”

14 UYesu wafumana idonki eselula, wakhwela kuyo, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:

15 “Sukoyika, sixeko saseZiyon.Khangela, uKumkani wakho uza kuweekhwele idonki,ithole lento ebotshwayo.”

16 Abafundi bakhe abazange bayiqonde le nto kuqala, kodwa kwathi akuba uYesu evukile ekufeni, bakhumbula okokuba iziBhalo ziyakuxela oku, bakhumbula nokokuba bamenzele oku kanye.

17 Abantu ababekho oko uYesu wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, emvusa ekufeni, babebabalisela abanye ngaloo nto.

18 Ke ngoko indimbane yaya kumhlangabeza uYesu, kuba yayivile ngokwenza kwakhe loo mqondiso.

19 Baza *abaFarasi bathethana besithi: “Khangelani, yeyele ngomkhono! Nanko elandelwa lilizwe lonke!”

AmaGrike athile afuna ukumbona uYesu

20 Kwakukho namaGrike phakathi kwabo bantu babeye kunqula eJerusalem ngexesha lomsitho *wePasika.

21 Ke wona aya kuFilipu, lowo waseBhetesayida eGalili, acela esithi: “Nkosi, sifuna ukubona uYesu.”

22 UFilipu waya kuxelela uAndreya, baza bahamba bobabini baya kuxelela uYesu.

23 Wabaphendula uYesu wathi: “Lifikile ngoku ixesha lokuba ubungangamsha bakhe *uNyana woLuntu bubonakale.

24 Inene, ukuba ukhozo lwengqolowa aluthanga lufakwe emhlabeni lufe, lohlala lungabi nto; kodwa ukuba luthe lwafa, luvelisa isiqhamo ngakumbi.

25 Lowo ubukokosayo ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kanti lowo ubuncamayo kweli hlabathi, wohlala enabo kude kube kwelizayo.

26 Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.”

UYesu uthetha ngokufa kwakhe

27 “Intliziyo yam ikhathazekile ngoku. Ndingathini kodwa? Kuthi mandithi: ‘Bawo, ndisindise, ulidlulise kum eli xesha’? Hayi, mandingatsho, kuba kwakungenxa yoku ukuba ndifikelele kweli xesha.

28 Ke ngoko ndithi: ‘Bawo, zibonakalise into oyiyo wena.’ ”Kwavakala ilizwi, liphuma ezulwini, lisithi: “Ndizibonakalisile, ndibe ndisaya kuphinda ndizibonakalise.”

29 Isihlwele sabantu ababemi apho sathi liyaduduma, abanye besithi isithunywa sezulu sithethe naye.

30 Kodwa uYesu wathi kubo: “Eli lizwi alivakalanga ngenxa yam, koko livakale ngenxa yenu.

31 Lithwasile ngoku ixesha lokugwetywa kweli hlabathi; umphathi weli hlabathi uza kukhiqwa ngoku.

32 Mna ke, ndakuba ndithe ndaphakanyiswa ndemka emhlabeni, ndiya kubatsalela kum bonke.”

33 Esitsho nje, wayebaqondisa ngendlela aza kufa ngayo.

34 Isihlwele ke saphendula sathi: “*IziBhalo zithi *uKrestu uya kuhlala nathi kude kube nîni. Ungathini ke wena ukuthi *uNyana woLuntu umelwe kukuphakanyiswa emke? Kakade ngubani yena lo Nyana woLuntu?”

35 Waza uYesu wathi kubo: “Aliselide ixesha ninalo ukhanyiso. Ke ngoko hambani ekukhanyeni, nisenalo nje ukhanyiso, hleze ubumnyama buniqubule, kuba lowo uhamba ebumnyameni akayiqondi indlela ahamba ngayo.

36 Hlalani nithembele kulo ukhanyiso ngoku nisenalo, ukuze nibe ngabantu bokukhanya.”Akuba etshilo uYesu wazimela wemka.

Ukungakholwa kwamaJuda

37 Nangona uYesu wayenze imiqondiso engako phambi kwabo, abakholwanga kuye.

38 Le nto yênzeka izalisekisa oko kwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:“Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu?Amandla eNkosi ngaba atyhileke kubani na?”

39 Abakholwanga ke, njengoko atshoyo nakwenye indawo uIsaya ukuthi:

40 “UThixo ubamfamekisile, ubaqaqadekisile,hleze babone ngamehlo, baqonde ngengqondo:‘Baze babuyele kum,’ utsho uThixo,‘ndize ndibaphilise.’ ”

41 UIsaya watsho kuba wabubona ubungangamsha bukaYesu, waza wathetha ngaye.

42 Noko ke into eninzi yeenkokheli zamaJuda yakholwa kuYesu, kodwa ngenxa *yabaFarasi aba bantu abazange bathethe ngaloo nto, hleze basikwe *endlwini yesikhungo.

43 Babexabise kakhulu ukunconywa ngabantu ngaphezu kokunconywa nguThixo.

Ukugweba kwelizwi likaYesu

44 Watsho ngelivakalayo uYesu, wathi: “Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum nje kodwa, koko ukholwa nakulowo undithumileyo.

45 Lowo undibonayo mna, ubona nalowo undithumileyo.

46 Mna ndilukhanyiso; ndize ehlabathini ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.

47 Lowo uwevayo amazwi am, aze angawagcini, akagwetywa ndim. Andizanga kuligweba ihlabathi; ndize kulisindisa.

48 Ukho omgwebayo lowo ungandifuniyo, ongawamkeliyo amazwi am. Ilizwi endilithethileyo lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.

49 Kaloku mna andithethanga nto ivela kum; nguBawo ngokwakhe, yena ondithumileyo, ondiyalele okokuba mandithini, ndithethe ntoni na.

50 Ndiyazi ke okokuba lo myalelo wakhe ububomi obungonaphakade. Ke ngoko into endiyithethayo kuphela yileyo uBawo andiyalele ukuba mandiyithethe.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21