Uyohane 10 XHO96

Umzekeliso ngesibaya

1 “Inene, lowo ungangeniyo ngesango esibayeni seegusha, kodwa usuka angene ngandawo yimbi, ulisela nesihange.

2 Ke lowo ungena ngesango, ngumalusi wazo iigusha.

3 Umgcini-sango uyamvulela lowo. Iigusha zakhe ziyaliva izwi lakhe. Uzibiza ngamagama azo, azikhokelele phandle.

4 Akuba ezikhuphile esibayeni iigusha zakhe, uhamba phambi kwazo, zize zimlandele, kuba ziyalazi izwi lakhe.

5 Omnye umntu azingekhe zimlandele. Zosuka zimbaleke, kuba azilazi izwi lowasemzini.”

6 UYesu wabenzela lo mzekeliso, kodwa bona babengayiqondi into awayeyithetha kubo.

UYesu ngumalusi olungileyo

7 Wabuya wathetha nabo uYesu, wathi: “Ndithi kuni, inene, ndim isango lesibaya seegusha.

8 Iigusha zange zibaphulaphule bonke abathe bafika ngaphambi kwam, kuba babengamasela nezihange.

9 Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele.

10 Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.

11 “Mna ndingumalusi olungileyo. Umalusi olungileyo ubuncamela iigusha zakhe ubomi bakhe.

12 Kodwa umqeshwa, ongenguye umninizo, owalusa nje kwagusha, uthi akubona ingcuka isiza, abaleke, azishiye; ifike ke ingcuka, izibambe iigusha, izichitha-chithe.

13 Umqeshwa lo ke ubaleka kuba engumntu nje oqeshiweyo engazikhathalele iigusha.

14-15 Ndim umalusi olungileyo. Njengokuba uBawo endazi mna, nam ndimazi uBawo, ngokukwanjalo ndiyazazi iigusha zam, nazo ziyandazi, ndaye nobomi bam ndibuncamela iigusha zam.

16 Ndinazo nezinye iigusha ezingezizo ezesi sibaya. Nazo kufuneke ndize nazo. Ziya kuliva ilizwi lam, umhlambi ube mnye, nomalusi abe mnye.

17 “UBawo uyandithanda, ngenxa yokuba ndibuncama ubomi bam. Ke ndobuya ndibufumane.

18 Akukho bani ubuhluthayo kum ubomi bam; ndibuncama ngokwam. Ndinelungelo lokubuncama; ndikwanalo nelokubuya ndibufumane. Yiyo ke leyo into endiyiyalelweyo nguBawo ukuba ndiyenze.”

19 Nala ke amazwi âbanga okokuba amaJuda angavani.

20 Into eninzi yawo yayisithi: “Unendimoni! Uyageza! Ningáthini ukumphulaphula?”

21 Kodwa amanye ayesithi: “Umntu onendimoni akanakuthetha ngolu hlobo. Ibinokuthini indimoni ukuba nako ukuvula amehlo eemfama?”

UYesu uyafunwa ngamaJuda

22 Kwakusebusika ukufika kwexesha letheko lokukhumbula ukuhlaziywa *kwendlu kaThixo eJerusalem.

23 UYesu wayehamba-hamba endlwini kaThixo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon.

24 Amrhawula amaJuda, athi kuye: “Phum' egusheni! Ukuba unguye *uKrestu, yitsho ngokuphandle.”

25 Wawaphendula uYesu wathi: “Sendinixelele, kodwa anakholwa noko. Imisebenzi endiyenzileyo ngegunya endilinikwe nguBawo, iyandingqinela.

26 Ningàkholwa nje kum kungenxa yokuba ningezizo iigusha zam.

27 Ezam iigusha ziyaliva izwi lam. Ibe ke ndiyazazi; zona ziyandilandela.

28 Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum.

29 Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye.

30 Ke mna noBawo sibanye.”

31 Aphinda amaJuda achola amatye, efuna ukumgibisela ngawo ambulale uYesu.

32 Wathi ke kuwo uYesu: “Ngamandla andinike wona uBawo, ndenzé izinto ezininzi ezilungileyo, nindibona. Ngaba kungenxa yasiphi na isenzo senifuna ukundigibisela ngamatye nje?”

33 Aphendula amaJuda athi: “Asifuni kukugibisela ngamatye ngenxa yanto ilungileyo uyenzileyo; kungenxa yokuba unyelisa uThixo. Ungáthini, ungumntu nje, ukusuka uzenze uThixo?”

34 Waphendula uYesu wathi: “Kowenu umthetho kukhankanywa la mazwi kaThixo athi: ‘Mna ndithe ningoothixo.’

35 Aninakuyijika le ntetho *yeziBhalo. Kaloku uThixo yena uthi bangoothixo abo athetha nabo.

36 Ningáthini ke ukuthi mna ndithetha into emanyumnyezi ngoThixo, xa ndithi ndinguNyana kaThixo, mna ndamiselwayo nguBawo, ndathunyelwa ehlabathini nguye?

37 Ukuba andiwenzi umsebenzi endithunywe wona nguBawo, sanukundamkela;

38 kodwa ukuba ndiyawenza, bamkeleni ubungqina bezenzo zam, nokuba ananeliseki ndim. Ke ngoko noqonda nazi okokuba uBawo ukum, nam ndikuye.”

39 AmaJuda azama kwakhona ukumbamba uYesu, kodwa wawaphepha,

40 wabuya wemka waya phesheya kweJordan, apho wayebhaptiza khona kuqala uYohane, wahlala khona.

41 Kweza abantu abaninzi kuye, bathi: “UYohane okunene akazange enze namnye umqondiso, kodwa konke awakuthethayo ngalo mntu kuyinyaniso.”

42 Abantu abaninzi ke balapho bazinikela kuye.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21