Uyohane 19 XHO96

1 Waza uPilato wayalela ukuba uYesu makakatswe.

2 Amajoni oluka isithsaba sameva, amfaka sona entloko, amambathisa ngengubo ebomvu,

3 amana esithi kuye: “Aa! Kumkani wamaJuda!” Aza ambetha.

4 Waphinda uPilato waphuma, wathi kumaJuda: “Niyabona, ndimzisa kuni, ukuze niqonde ukuba andifumani tyala kuye konke.”

5 Waphuma ke uYesu, ethwele isithsaba sameva, ambethe ingubo ebomvu. UPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke!”

6 Bakumbona ababingeleli abaziintloko nabagadi *bendlu kaThixo badanduluka besithi: “Bethelela emnqamlezweni! Bethelela emnqamlezweni!”Waza wathi kubo uPilato: “Mthatheni ngokwenu, nimbethelele emnqamlezweni, kuba mna andifumani tyala kuye.”

7 Amphendula amaJuda athi: “Thina sinomthetho; yaye umelwe kukuba afe ngokwalo mthetho, kuba ezenza uNyana kaThixo.”

8 Akuyiva loo nto uPilato, wothuka ngakumbi,

9 waphinda wangena ngaphakathi, wathi kuYesu: “Uvela phi wena?” Kodwa uYesu akamphendulanga.

10 UPilato wathi kuye: “Akufuni kundiphendula? Uyaqonda na ukuba ndinegunya lokukukhulula, ndinako nokukubethelela emnqamlezweni?”

11 Waphendula uYesu wathi: “Ngewungenagunya kum mpela ukuba ubungalinikwanga nguThixo. Ngoko ke oyena unetyala ngulowo undizise kuwe.”

12 UPilato kwaba kukhona afuna ukumkhulula, kodwa amaJuda adanduluka esithi: “Ukuba uyamkhulula lo mntu, uya kuba akukho *ngakuKhesare. Kaloku umntu ozenza ukumkani, uchasa uKhesare.”

13 Akuyiva le nto, uPilato wamkhuphela ngaphandle uYesu, waya kuchopha esihlalweni sokugweba, endaweni ekuthiwa nguMgangatho waMatye, ngesiHebhere kuthiwa yiGabhata.

14 Ke kaloku kwakusemini enkulu ngomhla owandulela *iPasika, waza uPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke ukumkani wenu.”

15 Ankqangaza athi: “Msuse! Msuse! Mbethelele emnqamlezweni!”Wathi kuwo uPilato: “Nifuna ndimbethelele emnqamlezweni ukumkani wenu?”Ababingeleli abaziintloko bathi: “Mnye qha ukumkani wethu: nguKhesare.”

16 Waza ke uPilato wabavumela ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni.Kwemkiwa naye uYesu,

UYesu ubethelelwa emnqamlezweni

17 ehamba ethwele umnqamlezo wakhe ukuya kuloo ndawo kuthiwa yeyoKhakhayi, ekuthiwa ngesiHebhere yiGolgota.

18 Apho bambethelela emnqamlezweni, ephahlwe ngabanye ababini, bebethelelwe nabo, uYesu ephakathi.

19 UPilato wabhala nesaziso, esaxhonywa emnqamlezweni. Kwakubhalwe kwathiwa: “UYesu waseNazarete, uKumkani wamaJuda.”

20 AmaJuda amaninzi asifunda eso saziso, kuba loo ndawo uYesu wayebethelelwe kuyo emnqamlezweni yayikufuphi nesixeko. Isaziso eso sasibhalwe ngesiHebhere, nangesiLatini, nangesiGrike.

21 Ke ngoko ababingeleli abaziintloko bamaJuda bathi kuPilato: “Sukubhala uthi: ‘UKumkani wamaJuda;’ yithi kanye: ‘Lo mntu uthe: NdinguKumkani wamaJuda.’ ”

22 Waphendula uPilato wathi: “Endikubhalileyo ndikubhalile.”

23 Akuba amajoni embethelele emnqamlezweni uYesu, azithatha iimpahla zakhe, abelana ngazo emané. Asithatha sona isambatho sakhe esasingenamthungo, salukiwe nje sisonke ukususela phezulu.

24 Ke ngoko athetha-thethana esithi: “Masingasikrazuli; *masiqashise ngaso ukuba siya kuba sesikabani.” Ukwenjenje oku ayezalisekisa loo ndawo *eziBhalweni ithi:“Babelana ngeempahla zam;baqashisa ngesambatho sam.”Enza loo nto kanye amajoni.

25 Apho ngasemnqamlezweni kaYesu kwakumi unina, nodade bonina, noMariya umka-Kleyopa, kunye noMariya waseMagadala.

26 UYesu akumbona unina emi kunye naloo mfundi uYesu wayemthanda, wathi kunina: “Mama, nanko unyana wakho.”

27 Waza wathi kuloo mfundi: “Nanko unyoko.” Ukususela ngelo xesha loo mfundi wamthathela emzini wakhe unina kaYesu.

Ukufa kukaYesu

28 UYesu wayesazi ngoku okokuba konke kugqityiwe ukuba kuzalisekiswe okuxelwe *eziBhalweni, waza wathi: “Ndinxaniwe.”

29 Kwakukho isitya sizele yiwayini emuncu apho, baza bathi nkxu imfunxa kuloo wayini, bayibeka engcongolweni ekuthiwa yihisopu, bayisondeza emlonyeni kaYesu.

30 Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.

31 Kwakungokuhlwa okwandulela *iPasika. AmaJuda ayengathandi ukuba kubekho imizimba esaxhonywe eminqamlezweni *ngoMhla wokuPhumla, ngakumbi ngalo wePasika. Amcela ke uPilato ukuba yaphulwe imilenze yâbo babebethelelwe, baze bothulwe nasemnqamlezweni.

32 Aya ke amajoni, afika ayaphula imilenze yowokuqala, aza ayaphula neyowesibini owayebethelelwe kunye noYesu.

33 Kodwa akufika kuYesu, afumana ukuba selefile; akabi sayaphula ke eyakhe imilenze.

34 Suka lamhlaba ngomkhonto ephangweni elinye ijoni, kwaza kwampompoza igazi namanzi.

35 Oku kuyangqinwa ngomnye wâbo bakubonileyo, yaye ubungqina bakhe buyinyaniso. Uyazazi ukuba unyanisile, efuna ukuba nani nikholwe.

36 Zisenzeka nje ezi zinto, zazizalisekisa okuxelwe *ziziBhalo zisithi: “Akuyi kwaphulwa nalinye ithambo lakhe.”

37 Kwakhona enye indawo yeziBhalo ithi: “Baya kujonga kulowo bamhlabileyo.”

Ukungcwatywa kukaYesu

38 Ke kaloku emva koko uJosefu waseArimati wacela imvume kuPilato ukuba awuthathele kuye umzimba kaYesu. UJosefu lo wayengumlandeli ofihlakeleyo kaYesu ngenxa yokoyika amaJuda. UPilato wamvumela, waza ke uJosefu waya kuwuthula umzimba kaYesu.

39 UJosefu wayekhatshwa nguNikodimo, lowo wayekhe waya kuYesu ngobusuku. UNikodimo wayephethe umxube wentlaka yokuqhola nencindi yekhala engaphezu kweekhilogram ezingamashumi amathathu.

40 Bawuthatha ke umzimba kaYesu, bawuthandela ngamalaphu elinen, bawuqhola njengokuba kwakusenziwa ngokwesiko lamaJuda.

41 Kwakukho isitiya kuloo ndawo wayebethelelwe emnqamlezweni kuyo uYesu, kukho nengcwaba elitsha, kungekangcwatywa mntu kulo.

42 UYesu ke bamngcwaba kweli ngcwaba lilelona likufutshane, kuba *uMhla wokuPhumla wawuselusondele.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21