Uyohane 14 XHO96

NguYesu indlela

1 “Musani ukukhathazeka; kholosani ngoThixo, nikholose nangam.

2 Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo.

3 Ndakuba ndimkile ke ndaya kunilungiselela indawo, ndiya kuza kuniphuthuma, nize nani nibe lapho ndikhoyo mna.

4 Ngoko ke niyayazi indlela eya apho ndiya khona.”

5 Waza wathi uTomas: “Nkosi, singàzi nokwazi nje apho uya khona, singáthini ukuyazi indlela eya khona?”

6 Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.

7 Nindazi nje mna, niyamazi noBawo. Ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.”

8 UFilipu wabhekisa kuYesu, wathi: “Nkosi, khawusibonise uYihlo; kosanelisa.”

9 Wathi kuye uYesu: “Kunini na ndikunye nani, Filipu; ngaba akukandazi? Lowo ubone mna, ubone uBawo. Utsho ngani wena ukuthi mandinibonise uBawo?

10 Ngaba akukholwa na okokuba mna ndikuye uBawo, abe noBawo ekum? Endikuthethileyo kuni ke andikuthethi kuphuma kum. Oko ndikwenzayo kwenziwa nguBawo ohleli kum.

11 Kholwani kwendikuthethayo xa ndithi ndikuye uBawo, ekum noBawo. Ukuba anikholwa kuba ndisitsho, kholwani ngenxa yezinto endizenzayo.

12 Inene, okholwayo kum uya kuzenza izinto endizenzayo, ade enze nezinkulu kunezi, kuba ndiya kuBawo.

13 Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana.

14 Nantoni na eniyicela ngegama lam ndiya kuyenza.”

Isithembiso ngoMoya oyiNgcwele

15 “Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam.

16 Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade.

17 Lo Mmeli nguMoya wenyaniso, lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, kuba lingenako ukumbona, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi, kuba uhleli nani, eya kuba ngaphakathi kuni.

18 “Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.

19 Selisondele ixesha lokuba ihlabathi lingabi sandibona. Kodwa nina niya kundibona, kuba mna ndiyaphila, naye nani niya kuphila.

20 Ngaloo mini niya kuqonda okokuba ndikuBawo, nani nikum, nam ndikuni.

21 “Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.”

22 Waza uJudas, lowo ungenguye uSikariyoti, wathi kuye: “Nkosi, kutheni na le nto uza kuzibonakalisa kuthi, ungazibonakalisi kulo ihlabathi?”

23 Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.

24 Lowo ungandithandiyo akakwenzi endikuthethayo. Kanti la mazwi eniwave ngam akamazwi am, koko ngakaBawo ondithumileyo.

25 “Ndinixelele oku ndisekunye nani.

26 Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.

27 “Ndinishiya noxolo olulolwam, olungafani nakancinane nolweli hlabathi. Ze ningakhathazeki, ningoyiki.

28 Senditshilo kuni ukuthi ndiyemka, kodwa ndiya kuphinda ndibuyele kuni. Ukuba benindithanda ngenavuyayo nakuva ukuba ndiya kuBawo, kuba yena mkhulu kunam.

29 Isizathu sokuba ndinixelele ezi zinto ngoku, zingekenzeki, kukuze zakwenzeka nikholwe.

30 Andisenakuthetha zinto zininzi nani, kuba selesiza umphathi weli hlabathi. Akanagunya kum,

31 kodwa ukuze ihlabathi liqonde ukuba ndiyamthanda uBawo, yaye ndisenza njengoko uBawo andiyaleleyo, ndithi kuni: ‘Phakamani, simke apha.’ ”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21