1 UYesu wathi ehamba ngendlela wabona umntu owayezelwe eyimfama.
2 Bambuza ke abafundi bakhe besithi: “Mfundisi, uphi undonakele ukuze azalwe eyimfama nje? Ngaba nguye, okanye ngabazali bakhe?”
3 Waphendula uYesu wathi: “Eyimfama nje, akonanga yena, kungonanga nabazali bakhe. Uzelwe eyimfama ukuze amandla okusebenza kukaThixo abonakaliswe ngaye.
4 Simelwe kukuyenza kusesemini imisebenzi esiyinikwe ngulowo undithumileyo. Ubusuku buyeza, apho kungayi kubakho bani unako ukusebenza.
5 Okweli thuba ndisesehlabathini ndilukhanyiso lwehlabathi.”
6 Akuba etshilo, uYesu watshicela emhlabeni, wenza udaka, wawaqaba ngalo amehlo emfama leyo;
7 waza wathi kuyo: “Hamba uye kuhlamba kwichityana laseSilowa.” (Oko kukuthi “thunyiwe”.) Yahamba ke imfama, yaya kuhlamba, yabuya ibona.
8 Abamelwane nabanye abantu ababeqhele ukumbona loo mntu engqiba, bathi: “Lo mfo asinguye na lowa ebehlala engqiba?”
9 Abanye babesithi nguye, abanye besithi asinguye kodwa ufana naye. Waza umfo lowo wathi: “Ndinguye.”
10 Bambuza ke, bathi: “Avulwe yintoni amehlo akho?”
11 Wathi yena: “Laa mntu kuthiwa nguYesu, wenza udaka, waqaba ngalo amehlo am, wathi mandiye eSilowa, ndihlambe. Ndiyile ke, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”
12 Baza bathi: “Uphi loo mntu ngoku?”Ke yena wathi: “Andazi.”
13 Bamthatha ke loo mfo owayeyimfama, bamsa *kubaFarasi;
14 kuba *kwakunguMhla wokuPhumla loo mini uYesu wenza udaka ngayo, wavula amehlo akhe.
15 Ke ngoko abaFarasi bambuza lo mfo okokuba uphiliswe njani ebumfameni bakhe, waza wathi kubo: “Undiqabe amehlo ngodaka, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”
16 Baza abaFarasi abathile bathi: “Loo mntu akanakuba ngowakwaThixo, kuba akawuhloneli uMhla woPhumlo.”Kodwa abanye babesithi: “Ukuba ebengumoni ebenokuthini ukwenza imiqondiso elolu hlobo?” Kwabakho impikiswano ke phakathi kwabo.
17 Ke ngoko abaFarasi baphinda bathi kuloo mntu wayeyimfama: “Wena uthini ngaye, inguwe nje ovulwe amehlo?”Waza wathi: “*Ungumshumayeli.”
18 AmaJuda wona ayengakholwa ukuba wayeyimfama waza wabuya wabona, aza abiza abazali bakhe,
19 abuza esithi: “Ngunyana wenu lo? Ngaba wazalwa eyimfama? Ebona nje ngoku kutheni?”
20 Abazali bakhe baphendula bathi: “Ewe, ngunyana wethu lo. Wavela eyimfama;
21 kodwa asazi ukuba kwenzeke ntoni ebona nje ngoku; nalowo uwavulileyo amehlo akhe asimazi. Buzani kuye; selemdala, unako ukuziphendulela.”
22 Abazali bakhe batsho kuba besoyika amaJuda, kuba wona ayeselevumelene ngokuthi ovumayo ukuba uYesu unguye *uKrestu, uya kusikwa *endlwini yesikhungo.
23 Kungoko ke abazali bakhe batshoyo ukuthi: “Buzani kuye; selemdala.”
24 Ke ngoko amaJuda aphinda ambuza loo mntu wayezelwe eyimfama, athi kuye: “Sikufungisa uThixo ukuba uthethe inyaniso. Thina siyazi okokuba lo mntu ngumoni.”
25 Waphendula wathi: “Ukuba ungumoni, nokuba akanguye, andazi. Ndazi nto-nye kuphela; bendiyimfama, ngoku ke ndiyabona.”
26 Aza athi kuye: “Ukwenze ntoni kanye ukukuvula amehlo?”
27 Wawaphendula wathi: “Sendinixelele nje, naza anaphulaphula; kutheni ukuba nifune ukuva kwakhona? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe?”
28 Aza amaJuda amthuka, atsho nokuthi: “Nguwe ongumfundi walaa mfo; thina singabafundi bakaMosis.
29 Siyazi okokuba uMosis wathetha egunyaziswa nguThixo; kodwa yena lo mfo asimazi, singazi nalapho avela khona.”
30 Waphendula wathi: “Simanga! Nina nithi animazi apho avela khona, kanti nguye owavulileyo amehlo am.
31 Kuyaqondakala okokuba uThixo akabeva aboni; kuphela uva abo bamhloneleyo ngokwenza oko akuthandayo.
32 Okoko ladalwayo ihlabathi akuzange kuviwe ngomntu owakha wavula amehlo omntu ozelwe eyimfama.
33 Ukuba lo mntu ebengaveli kuThixo nge-engenako mpela ukwenza into enje.”
34 Amphendula athi: “Singathini ukufundiswa nguwe, ntondini eyazalelwa esonweni!” Waza ke wasikwa *endlwini yesikhungo.
35 UYesu weva okokuba umntu lowo usikiwe. Akumfumana wathi kuye: “Uyakholwa na kuye *uNyana woLuntu?”
36 Waphendula yena wathi: “Ndixelele ukuba ngongubani lowo, Nkosi, ukuze nam ndikholwe kuye.”
37 Wathi kuye uYesu: “Sewumbonile; ngulo uthethayo nawe ngoku.”
38 Waza wathi: “Ndiyakholwa, Nkosi.” Watsho waguqa phambi koYesu.
39 Waza wathi uYesu: “Mna ndize kweli hlabathi ukuze abantu bacaluleke: ukuze iimfama zibone, bathi ababonayo babe ziimfama.”
40 *AbaFarasi abathile ababelapho kunye naye, bamva eyithetha le nto, baza bambuza besithi: “Nathi uthi siziimfama?”
41 Wathi kubo uYesu: “Ukuba benizizo iimfama ngeningenatyala, kodwa ngenxa yokuba nisithi niyabona, nihlala ninalo ityala.”