Uyohane 9 XHO96

UYesu uphilisa umntu ozelwe eyimfama

1 UYesu wathi ehamba ngendlela wabona umntu owayezelwe eyimfama.

2 Bambuza ke abafundi bakhe besithi: “Mfundisi, uphi undonakele ukuze azalwe eyimfama nje? Ngaba nguye, okanye ngabazali bakhe?”

3 Waphendula uYesu wathi: “Eyimfama nje, akonanga yena, kungonanga nabazali bakhe. Uzelwe eyimfama ukuze amandla okusebenza kukaThixo abonakaliswe ngaye.

4 Simelwe kukuyenza kusesemini imisebenzi esiyinikwe ngulowo undithumileyo. Ubusuku buyeza, apho kungayi kubakho bani unako ukusebenza.

5 Okweli thuba ndisesehlabathini ndilukhanyiso lwehlabathi.”

6 Akuba etshilo, uYesu watshicela emhlabeni, wenza udaka, wawaqaba ngalo amehlo emfama leyo;

7 waza wathi kuyo: “Hamba uye kuhlamba kwichityana laseSilowa.” (Oko kukuthi “thunyiwe”.) Yahamba ke imfama, yaya kuhlamba, yabuya ibona.

8 Abamelwane nabanye abantu ababeqhele ukumbona loo mntu engqiba, bathi: “Lo mfo asinguye na lowa ebehlala engqiba?”

9 Abanye babesithi nguye, abanye besithi asinguye kodwa ufana naye. Waza umfo lowo wathi: “Ndinguye.”

10 Bambuza ke, bathi: “Avulwe yintoni amehlo akho?”

11 Wathi yena: “Laa mntu kuthiwa nguYesu, wenza udaka, waqaba ngalo amehlo am, wathi mandiye eSilowa, ndihlambe. Ndiyile ke, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”

12 Baza bathi: “Uphi loo mntu ngoku?”Ke yena wathi: “Andazi.”

AbaFarasi benza uphando ngokuphila kwemfama

13 Bamthatha ke loo mfo owayeyimfama, bamsa *kubaFarasi;

14 kuba *kwakunguMhla wokuPhumla loo mini uYesu wenza udaka ngayo, wavula amehlo akhe.

15 Ke ngoko abaFarasi bambuza lo mfo okokuba uphiliswe njani ebumfameni bakhe, waza wathi kubo: “Undiqabe amehlo ngodaka, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”

16 Baza abaFarasi abathile bathi: “Loo mntu akanakuba ngowakwaThixo, kuba akawuhloneli uMhla woPhumlo.”Kodwa abanye babesithi: “Ukuba ebengumoni ebenokuthini ukwenza imiqondiso elolu hlobo?” Kwabakho impikiswano ke phakathi kwabo.

17 Ke ngoko abaFarasi baphinda bathi kuloo mntu wayeyimfama: “Wena uthini ngaye, inguwe nje ovulwe amehlo?”Waza wathi: “*Ungumshumayeli.”

18 AmaJuda wona ayengakholwa ukuba wayeyimfama waza wabuya wabona, aza abiza abazali bakhe,

19 abuza esithi: “Ngunyana wenu lo? Ngaba wazalwa eyimfama? Ebona nje ngoku kutheni?”

20 Abazali bakhe baphendula bathi: “Ewe, ngunyana wethu lo. Wavela eyimfama;

21 kodwa asazi ukuba kwenzeke ntoni ebona nje ngoku; nalowo uwavulileyo amehlo akhe asimazi. Buzani kuye; selemdala, unako ukuziphendulela.”

22 Abazali bakhe batsho kuba besoyika amaJuda, kuba wona ayeselevumelene ngokuthi ovumayo ukuba uYesu unguye *uKrestu, uya kusikwa *endlwini yesikhungo.

23 Kungoko ke abazali bakhe batshoyo ukuthi: “Buzani kuye; selemdala.”

24 Ke ngoko amaJuda aphinda ambuza loo mntu wayezelwe eyimfama, athi kuye: “Sikufungisa uThixo ukuba uthethe inyaniso. Thina siyazi okokuba lo mntu ngumoni.”

25 Waphendula wathi: “Ukuba ungumoni, nokuba akanguye, andazi. Ndazi nto-nye kuphela; bendiyimfama, ngoku ke ndiyabona.”

26 Aza athi kuye: “Ukwenze ntoni kanye ukukuvula amehlo?”

27 Wawaphendula wathi: “Sendinixelele nje, naza anaphulaphula; kutheni ukuba nifune ukuva kwakhona? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe?”

28 Aza amaJuda amthuka, atsho nokuthi: “Nguwe ongumfundi walaa mfo; thina singabafundi bakaMosis.

29 Siyazi okokuba uMosis wathetha egunyaziswa nguThixo; kodwa yena lo mfo asimazi, singazi nalapho avela khona.”

30 Waphendula wathi: “Simanga! Nina nithi animazi apho avela khona, kanti nguye owavulileyo amehlo am.

31 Kuyaqondakala okokuba uThixo akabeva aboni; kuphela uva abo bamhloneleyo ngokwenza oko akuthandayo.

32 Okoko ladalwayo ihlabathi akuzange kuviwe ngomntu owakha wavula amehlo omntu ozelwe eyimfama.

33 Ukuba lo mntu ebengaveli kuThixo nge-engenako mpela ukwenza into enje.”

34 Amphendula athi: “Singathini ukufundiswa nguwe, ntondini eyazalelwa esonweni!” Waza ke wasikwa *endlwini yesikhungo.

Iimfama ezibonayo

35 UYesu weva okokuba umntu lowo usikiwe. Akumfumana wathi kuye: “Uyakholwa na kuye *uNyana woLuntu?”

36 Waphendula yena wathi: “Ndixelele ukuba ngongubani lowo, Nkosi, ukuze nam ndikholwe kuye.”

37 Wathi kuye uYesu: “Sewumbonile; ngulo uthethayo nawe ngoku.”

38 Waza wathi: “Ndiyakholwa, Nkosi.” Watsho waguqa phambi koYesu.

39 Waza wathi uYesu: “Mna ndize kweli hlabathi ukuze abantu bacaluleke: ukuze iimfama zibone, bathi ababonayo babe ziimfama.”

40 *AbaFarasi abathile ababelapho kunye naye, bamva eyithetha le nto, baza bambuza besithi: “Nathi uthi siziimfama?”

41 Wathi kubo uYesu: “Ukuba benizizo iimfama ngeningenatyala, kodwa ngenxa yokuba nisithi niyabona, nihlala ninalo ityala.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21