Uyohane 20 XHO96

Ukuvuka kukaYesu

1 Phambi komsobomvu ngeCawe uMariya waseMagadala waya engcwabeni, wafika ilitye lokuvala ingcwaba lisusiwe.

2 Wabaleka, waya kuSimon Petros nalaa mfundi wayethandwa nguYesu, wathi kubo: “Bayithathile iNkosi engcwabeni. Asazi apho bayibeke khona.”

3 Banduluka ke uPetros nomnye umfundi lowo, baya kufika engcwabeni.

4 Babebaleka kunye, kodwa omnye umfundi lo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni.

5 Wathoba nje, wawabona amalaphu elinen, engakhange angene.

6 Wagaleleka noPetros, wangena engcwabeni. Wawabona amalaphu ephantsi.

7 Ilaphu uYesu awayebotshwe ngalo intloko, walibona lilodwa, lisongiwe.

8 Wangena ke naloo mfundi obefike kuqala engcwabeni. Akukhangela wakholwa.

9 Kaloku babengaliqondi ilizwi *leziBhalo elithi umelwe kukuba avuke ekufeni.

10 Baza ke bagoduka abafundi.

UYesu uzibonakalisa kuMariya waseMagadala

11 UMariya wayemi ngasengcwabeni elila. Esalila njalo wathoba, wakhangela engcwabeni,

12 wabona izithunywa zezulu ezibini zambethe ezimhlophe, zihleli apho bekukho umzimba kaYesu, esinye sihleli ngasentloko, esinye singasezinyaweni.

13 Zathi ke kuye: “Ulilela ntoni?”Wathi kuzo: “Ithathiwe iNkosi yam. Andazi nokuba ibekwe phi na.”

14 Esatsho, waguquka, wabona uYesu emi; akaqonda noko ukuba nguYesu.

15 Wathi kuye uYesu: “Ulilela ntoni, wethu? Ufuna bani?”Ecinga ukuba ngumgcini-sitiya, wathi kuye: “Ndixelele, mnumzana, apho umbeke khona, ukuba umsusile, ze ndiye kumthatha.”

16 Wathi kuye uYesu: “Mariya!”Waguqukela kuye, wathi kuye ngesiHebhere: “Rabhoni,” oko kukuthi: “Mfundisi.”

17 Waza wathi uYesu: “Sukundibamba, kuba andikenyuki ndiye kuBawo. Hamba uye kuxelela abahlobo bam ukuba sendinyuka, ndisiya kuBawo okwanguYihlo, uThixo wam okwanguThixo wenu.”

18 Ke ngoko uMariya waseMagadala waya kubaxelela abafundi ukuba uyibonile iNkosi, waza wabaxelela nomyalezo wayo.

UYesu uzibonakalisa kubafundi bakhe

19 Ngokuhlwa ngaloo mini yeCawe abafundi babehlangene, bezivalile iingcango kuba besoyika amaJuda. Wafika uYesu, wema phakathi kwabo, wathi: “Uxolo malube nani.”

20 Etshilo wababonisa izandla zakhe nephango lakhe. Baza bafikelwa luvuyo abafundi bakuyibona iNkosi.

21 Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.”

22 Akuba etshilo ke wabaphefumlela, wathi: “Yamkelani uMoya oyiNgcwele.

23 Bonke abantu enibaxolelayo izono zabo baya kuxolelwa; kanti bonke eningabaxoleliyo abayi kuxolelwa.”

UYesu noTomas

24 UTomas, omnye wabafundi abalishumi elinambini, lo kuthiwa nguWele, wayengekho phakathi kwabafundi ukufika kukaYesu kubo.

25 Ke ngoko abanye abafundi bathi kuye: “Siyibonile iNkosi!”Kodwa yena wathi kubo: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, nesandla sam ndisifake ephangweni layo, andisoze ndikholwe.”

26 NgeCawe elandelayo, behlangene kwakhona endlwini abafundi bakaYesu, ekho noTomas, wafika uYesu, iingcango zivaliwe, wathi: “Uxolo malube nani.”

27 Waza wathi kuTomas: “Faka apha umnwe wakho, uzibone izandla zam. Solule isandla sakho, usifake ephangweni lam. Yeka ukungakholwa oku! Kholwa!”

28 Waphendula uTomas wathi kuye: “Nkosi yam! Thixo wam!”

29 Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!”

Injongo yale ncwadi

30 Mininzi neminye imiqondiso awayenzayo uYesu beyibona abafundi bakhe, engabhalwanga kule ncwadi.

31 Ezi ke izinto zibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye *uKrestu, uNyana kaThixo; nokuze nithi nikholwa, nibe nobomi ngenxa yegunya legama lakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21