Uyohane 6 XHO96

UYesu wandisa ukutya

1 Kwathi emva koko uYesu waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, olo lukwabizwa ngokuba luLwandle lwaseTibheriya.

2 Wayelandelwe sisihlwele esikhulu, kuba abantu babeyibonile imiqondiso awayenzayo ngokuphilisa abagulayo.

3 UYesu wenyuka endulini, waza wahlala phantsi nabafundi bakhe.

4 Lalisondela itheko lamaJuda ekuthiwa yiPasika.

5 Kwathi uYesu akukhangela, wabona isihlwele esikhulu sisiza kuye, waza wathi kuFilipu: “Ngaba sinokusithenga phi na isonka esaneleyo sokutyisa le ndimbane?”

6 Esitsho nje, wayevavanya uFilipu, kuba yena wayekwazi oko aza kukwenza.

7 Waphendula uFilipu, wathi: “Ngathi nesonka samakhulu amabini eerandi asingekhe sanele okokuba wonke okhoyo afumane iqhekezana.”

8 Omnye wabafundi bakaYesu, uAndreya, umntakwabo-Simon Petros, wathi kuye:

9 “Kukho inkwenkwana apha enezonka ezihlanu zerhasi, neentlanzi ezimbini; kodwa kuyintoni na oko kule nginginya yabantu?”

10 Waza uYesu wathi: “Bahlaliseni phantsi abantu.” Kwakukho ibala elikhulu elinengca apho, baza bahlala phantsi. Inani lamadoda lalikumawaka amahlanu.

11 Wazithatha ke uYesu ezo zonka, wabulela kuThixo, wababela abantu ababehleli phantsi. Wenjenjalo nakwiintlanzi, baza batya banela.

12 Bakuhlutha abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Qokelelani okuseleyo. Makungabikho nentwana emoshakalayo.”

13 Bawaqokelela ke amaqhekeza aseleyo ezo zonka zihlanu zerhasi, kwazala iingobozi ezilishumi elinambini.

14 Bakuwubona abantu lo mqondiso uYesu awenzileyo, bathi: “Ngenene, kuthe kanti nguye lo *umshumayeli obekade elindelwe!”

15 Waqonda uYesu okokuba bazimisele ukuza kumthatha bamenze ukumkani, waza wemka, waya entabeni eyedwa.

UYesu uhamba phezu kwamanzi

16 Kwathi kwakuhlwa abafundi bakaYesu behla baya elwandle,

17 bakhwela isikhitshana, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum. Nangona kwakusebusuku uYesu wayengekho kubo.

18 Amanzi olwandle ayesilwa, kuba kwakuvuthuza umoya.

19 Kwathi, bakuba begqibe iikhilomitha ezintlanu okanye ezintandathu bebheqa isikhitshana, babona nanko uYesu ehamba phezu kwamanzi olwandle, esondela. Boyika ke,

20 kodwa uYesu wathi kubo: “Ndim; sanukoyika.”

21 Bamamkela ke esikhitshaneni, kwathi kwangoko isikhitshana safika kuloo ndawo babesiya kuyo.

UYesu usisonka sobomi

22 Ngengomso indimbane yabantu yayisekho ngaphesheya koLwandle lwaseGalili. Abantu aba babebone isikhitshana sasinye kuphela, baye babesazi okokuba uYesu wayengakhwelanga nabafundi bakhe, kuba bona babehambe bebodwa.

23 Kodwa ezinye izikhitshana, ezazivela eTibheriya, zafika ngakuloo ndawo isihlwele sasityela kuyo isonka emva kokuba iNkosi yayibulele.

24 Yakubona ke indimbane okokuba uYesu akakho apho, bengekho nabafundi bakhe, yakhwela kwezo zikhitshana, yaya kumfuna eKapernahum.

25 Abo bantu bamfumana uYesu ngaphesheya kolwandle, bathi kuye: “Mfundisi, ngaba ufike nini na apha?”

26 Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, anizanga kundifuna kuba nibone imiqondiso endiyenzayo; nindifuna kuba nitye esaa sonka nahlutha.

27 Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.”

28 Ke ngoko bathi kuye: “Misebenzi mini uThixo afuna siyenze?”

29 Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.”

30 Ke bona bathi kuye: “Wena ngaba wenza mqondiso mni na, ukuze sibone sikholwe kuwe? Yintoni oyenzayo?

31 Oobawo bâtya *imana entlango, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: ‘Wabanika batya isonka esivela ezulwini.’”

32 Wathi ke uYesu kubo: “Ndithi kuni, inene, asinguye uMosis owaninika isonka esivela ezulwini; nguBawo oninika esona sonka sisiso esivela ezulwini.

33 Isonka esivela kuThixo ngulowo wehlayo evela ezulwini, eze kulinika ubomi ihlabathi.”

34 Baza bathi kuye: “Nkosi, uzungadinwa nanini na ukusipha eso sonka.”

35 Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe.

36 “Ke nina, njengoko senditshilo, nindibonile nokundibona, naza noko anakholwa.

37 Bonke endibanikwe nguBawo, baya kuza kum. Ke lowo uzayo kum andingekhe ndingamamkeli,

38 kuba ndehla ezulwini ndingezanga kwenza eyam intando, koko ndize kwenza intando yalowo wandithumayo.

39 Intando yalowo wandithumayo kukuthi kungalahleki namnye kwabo andinika bona, koko ndibavuse ekufeni bonke ngomhla wokugqibela.

40 Okufunwa nguBawo kukuba wonke ombonayo uNyana akholwe kuye, abe nobomi obungapheliyo; ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.”

41 Aza amaJuda ambombozela, kuba uYesu ethe nguye isonka esehla sivela ezulwini,

42 athi: “Lo mfo akanguye na uYesu, unyana kaJosefu? Sibazi nje ke abazali bakhe, angathini ngoku ukuthi wehla ezulwini?”

43 Waphendula uYesu wathi: “Sanukundikrokrela.

44 Akukho namnye unokuza kum engathanga uBawo owandithumayo amtsalele kum; kwaye lowo ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.

45 *Abashumayeli bâbhala bathi: ‘Bonke baya kuba ngabafundisiweyo nguThixo.’ Bonke ke abathe bamphulaphula uBawo, baza bafunda kuye, bayeza kum.

46 Xa nditshoyo ke andithethi ukuthi kukho bani wakha wambona uBawo. Akukho namnye wakha wambona uBawo, ngaphandle kwalowo uvela kuThixo.

47 “Ndithi kuni, inene, lowo ukholwayo unabo ubomi obungapheliyo.

48 Ndim isonka sobomi.

49 Ooyihlo batya *imana entlango, kodwa bafa.

50 Ke sona isonka esihla ezulwini, seso athi ubani akusitya, angafi.

51 Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.”

52 AmaJuda ke aphikisana ngamandla, esithi: “Angathini lo mfo ukusityisa umzimba wakhe?”

53 Waza uYesu wathi kuwo: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga niwutye umzimba wakhe *uNyana woLuntu, nilisele negazi lakhe, aninabo ubomi.

54 Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, unobomi obungonaphakade, ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.

55 Umzimba wam kokona kutya, negazi lam sesona siselo.

56 Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, yena uhlala kum, nam ndihlala kuye.

57 UBawo uSobomi wandithuma, ndaza ndangonobomi ngaye. Ngokukwanjalo othe wawutya umzimba wam uya kuba nobomi ngam.

58 Siso ke eso isonka esehla sivela ezulwini; sibe singafani nesiya ooyihlo bâsityayo, baza bafa noko. Osityayo esi sonka wodla ubomi ngonaphakade.”

Amazwi obomi obungenasiphelo

59 Ezi zinto uYesu wazithetha xa wayefundisa eKapernahum *endlwini yesikhungo.

60 Bathi bakuziva, abaninzi kubafundi bakhe bathi: “Iyaxakanisa le ntetho. Ngubani onokuyinyamezela le nto?”

61 UYesu wayesazi ukuba abafundi bakhe bayakrokra, waza wathi kubo: “Iyanikhubekisa le ndawo?

62 Ngaba nothini na nakumbona *uNyana woLuntu enyukela apho wayevela khona?

63 NguMoya onika ubomi; ke wona amandla omntu akancedi lutho ekunikeni ubomi. Amazwi endiwathethileyo kuni ngakaMoya, anika ubomi.

64 Kanti ke noko basekho kuni abangakholwayo.” Kaloku uYesu wayebazi kwangaphambili abo bangakholwayo, emazi kwanalowo wayeza kumngcatsha.

65 Waza ke wathi: “Kungoko nditshilo kuni ukuthi akukho namnye unokuza kum engakunikwanga nguBawo ukwenjenjalo.”

66 Ukususela ngoko into eninzi yabafundi bakaYesu yarhoxa, ayaba sahamba naye.

67 Wathi ke uYesu kwabo bafundi bakhe balishumi elinambini: “Nithini na nina? Ngaba nani nifuna ukumka?”

68 Waza waphendula uSimon Petros wathi: “Nkosi, singaya kubani, inguwe nje onamazwi angawobomi obungapheliyo?

69 Thina siyakholwa sisazi okokuba nguwe onguYedwa kaThixo.”

70 Wabaphendula uYesu wathi: “Beninganyulwanga ndim na, nina balishumi elinambini? Kanti omnye kuni aba ungumtyholi.”

71 Wayethetha uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti, kuba nangona wayengomnye wabafundi abalishumi elinambini, wayeza kungcatsha uYesu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21