Uyohane 16 XHO96

1 “Ndinixelele ezi zinto ukuze ningahlehli elukholweni.

2 Niya kusikwa *ezindlwini zesikhungo; ewe, kuya kufika ixesha lokuba bonke abanibulalayo bacinge ukuba bakhonza uThixo ngokwenjenjalo.

3 Ezo zinto baya kuzenza kuni, kuba bengamazanga uBawo, bengandazanga nam.

4 Ndinixelela ezi zinto ukuze kuthi, lakufika ixesha lokuba ezi zinto bazenze, nikhumbule okokuba ndandinixelele.”“Ekuqaleni andinixelelanga ezi zinto, kuba bendikunye nani.

Umsebenzi kaMoya oyiNgcwele

5 Kodwa ngoku ndiyemka, ndiya kulowo undithumileyo. Akukho namnye kuni undibuzayo ukuba ndiya phi na,

6 kuba iintliziyo zenu zizaliswe bubuhlungu kukundiva ndinixelela ezi zinto.

7 Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.

8 Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa:

9 isono esi kukuba bengakholwa kum;

10 ubulungisa obu kukuba ndisiya kuBawo, nize ningabi sandibona;

11 umgwebo lo kukuba selegwetyiwe umphathi weli hlabathi.

12 “Ziseninzi izinto endinokuzithetha nani, kodwa zinganixaka okwangoku.

13 Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso. Akayi kuthetha ngegunya elilelakhe, koko uya kuthetha izinto azivileyo, anichazele izinto ezizayo.

14 Yena uya kundenzela iwonga, kuba izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum.

15 Isizathu sokuba nditsho ukuthi izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum kukuba zonke izinto ezizezikaBawo zikwazezam.”

Ukuxhala okujika kube luvuyo

16 “Kwakufutshanenje anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone.”

17 Ke ngoko abanye kubafundi bathi omnye komnye: “Ngaba uthetha ukuthini xa athi kuthi kwakufutshanenje asisayi kuba sambona, kuthi kwakufutshane emva koko siphinde simbone, ekwathi kwayena uyemka esiya kuYise?”

18 Babuzana ke besithi: “Ngaba uthetha ukuthini na xa athi ‘kwakufutshanenje’? Asiyiqondi into ayithethayo.”

19 UYesu wayesazi okokuba bafuna ukumbuza, waza wathi kubo: “Niyabuzana na ngale nto yokuba ndithe kwakufutshane anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone?

20 Ndithi kuni, inene, niya kulila nenze isijwili, kodwa ihlabathi lona liya kuvuya. Niya kuxhalaba, kodwa ukuxhalaba kwenu kojika kube luvuyo.

21 Umfazi uba sezintlungwini lakufika ixesha lokuba azale. Kodwa akuba emzele umntwana akabi sazikhumbula ezo ntlungu, kuphela nje uba novuyo kuba kuzelwe umntu ehlabathini.

22 Ngokukwanjalo nani nixhalabile ngoku, kodwa ndophinda ndinibone, nize ke nivuye ngovuyo ekungekho bani unako ukuluhlutha kuni.

23 “Ngaloo mini aniyi kuba sandibuza nto. Ndithi kuni, inene, zonke izinto enithe nazicela kuBawo ngegama lam, woninika.

24 Kude kube ngoku anikaceli nto ngegama lam. Celani ke; niya kuphiwa, luze uvuyo lwenu lugqibelele.”

Ukoyiswa kwehlabathi

25 “Ezi zinto ndizithethe kuni ngezafobe, kodwa liyeza ixesha endingayi kuba santsonkotha ngalo; ndiya kuthetha nani ngokucacileyo ngoBawo.

26 Yakufika loo mini, niya kucela ngegama lam. Kungoko ndingatsho ukuthi iya kuba ndim onicelelayo kuBawo.

27 Kaloku uBawo ngokwakhe uyanithanda, kuba nithe nandithanda mna, nakholwa ukuba ndivela kuThixo.

28 Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini. Ngoku ke ndiyemka ehlabathini; ndiya kuBawo.”

29 Baza bathi kuye abafundi bakhe: “Uyabona, ngoku uthetha ngokuphandle ungasantsonkothi ngezafobe.

30 Ngoku ke siyaqonda ukuba wena uyazazi zonke izinto. Akusafuneki nganto ukuba ugocagocwe. Ke siyakholwa kukuba wena uvela kuThixo.”

31 Wabaphendula uYesu wathi: “Niyakholwa na ngoku?

32 Niyabona, kuza ixesha, kwaye selifikile, lokuba nichithakale nonke, elowo agoduke, ndize ndisale ndedwa. Noko ke andindedwa, kuba uBawo unam.

33 Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21