Uyohane 8 XHO96

Umfazi obanjwe ekrexezaIsiqendwana 7:53 neziqendwana 8:1-11 azikho kwezona kopi zindala zikhoyo zale ncwadi

1 UYesu yena waya eNtabeni yemiNquma.

2 Lakuphuma ilanga ngosuku olulandelayo, wabuyela *endlwini kaThixo. Isihlwele samngqonga, waza wahlala phantsi, wabafundisa abantu.

3 Abachazi-mthetho *nabaFarasi beza nomfazi owayebanjwe ekrexeza, bammisa phambi kwabantu;

4 baza bathi kuYesu: “Mfundisi, lo mfazi ubanjwe ekrexeza.

5 Emthethweni wethu uMosis uthi umfazi onjalo makagityiselwe ngamatye abulawe. Ke wena ngaba uthi makathiweni?”

6 Besitsho nje, babemthiyisela, befuna athethe into abanokummangalela ngayo. Kodwa uYesu wathoba, wabhala ngomnwe emhlabeni.

7 Besamile njalo bembuza, waphakama, wathi kubo: “Ongenasono kuni makube nguye ogibisela ilitye lokuqala.”

8 Waphinda wathoba uYesu, wabhala emhlabeni.

9 Bekuvile oko, bemka bonke ngabanye ngabanye, baqalela kwabadala. Kwasala uYesu nomfazi lowo, esemi apho.

10 Waphakama uYesu, wathi kuye: “Baphi na abamangaleli bakho? Akukho namnye na oshiyekileyo?”

11 Waphendula wathi: “Namnye, Nkosi.”Wathi uYesu: “Nam ke andikugwebi. Hamba, ungàbuye wone.”]

UYesu ukhanyiselo lwehlabathi

12 UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”

13 Baza *abaFarasi bathi kuye: “Wena uzingqinela ngokwakho. Ngenxa yoko ubungqina bakho abamkeleki.”

14 Waphendula uYesu wathi kubo: “Nangona indim ozingqinelayo, buyinyaniso ubungqina bam, kuba ndiyazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona; nina aniyazi imvelaphi yam; nalapho ndiya khona anazi.

15 Nina nigweba ngokwabantu. Mna akukho namnye endimgwebayo.

16 Kodwa ke, ukuba ndithe ndagweba, isigwebo sam sithembekile; kuba andindedwa, ndikunye noBawo ondithumileyo.

17 Nasemthethweni wenu kubhalwe kwathiwa ubungqina bamagqina amabini banele.

18 Mna ndizingqinela ngokwam, abe kwanoBawo owandithumayo endingqinela.”

19 Baza bathi kuye: “Uphi loo Yihlo?”Waphendula uYesu wathi: “Kwankqu mna lo anindazi, noBawo ningamazi. Ukuba ke benindazi mna, noBawo ngenimazi.”

20 Konke oku kwathethwa nguYesu efundisa *endlwini kaThixo, ekwigumbi leminikelo; kodwa akubangakho namnye umbambayo, kuba lalingekafiki ixesha.

“Apho ndiya khona mna aninakuya nina”

21 Waphinda uYesu wathi kubo: “Ndiyemka mna; ke nina niya kundifuna; yaye niya kufela ezonweni zenu. Apho ndiya khona mna, aninakuya nina.”

22 Ke ngoko athi amaJuda: “Ngaba bethu úza kuzibulala, esithi nje apho aya khona thina asinakuya?”

23 Waza wathi kuwo: “Nina ningabalapha phantsi; mna ndivela phezulu. Nina ningabeli hlabathi; mna andinguye oweli hlabathi.

24 Kungoko nditshoyo ukuthi niya kufela ezonweni zenu. Ukuba anithanga nakholwa okokuba ndinguye endinguye, niya kufela ezonweni zenu.”

25 Ambuza ke esithi: “Ungubani wena?”Wathi kuwo uYesu: “Ndingulowo ndandithe ndinguye kwasekuqalekeni.

26 Ndinezinto ezininzi endingázithethayo ngani, ndinigwebe nokunigweba ngenxa yazo. Kaloku lowo undithumileyo uyinyaniso; ke mna ihlabathi ndilixelele kuphela oko ndikuvileyo ngaye.”

27 AmaJuda akazange aqonde okokuba uYesu uthetha nawo ngoYise,

28 waza wathi kuwo uYesu: “Xa nithe namphakamisa *uNyana woLuntu, noqonda ke ukuba ndinguye endinguye. Noqonda ke okokuba mna andenzi nto ngagunya lam, koko ndithetha kuphela oko ndikufundiswe nguBawo.

29 Lowo undithumileyo unam; akandishiyanga ndodwa, kuba ndisoloko ndisenza oko kukholekileyo kuye.”

30 Bakumva ethetha ezi zinto, abantu abaninzi ithemba labo balibeka kuYesu.

“Inyaniso iya kunenza nikhululeke”

31 Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene.

32 Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”

33 Aphendula amaJuda athi kuye: “Thina siyinzala ka-Abraham; zange sibe ngamakhoboka nanini na. Uthetha ukuthini ke xa uthi siya kukhululeka?”

34 Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono.

35 Ikhoboka alinalungelo lisisigxina emzini; onelungelo elinjalo emzini ngunyana.

36 Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.

37 Ndiyazi ukuba niyinzala ka-Abraham. Nakuba kunjalo nizimisele ukundibulala, kuba alingeni kuni ilizwi lam.

38 Mna ndithetha endikubonileyo kowam uBawo; ke nina nenza enikuvileyo kowenu uyihlo.”

39 Amphendula athi: “Ubawo nguAbraham.”Wathi kuwo uYesu: “Ukuba beningabo abantwana baka-Abraham, ngenimfuza ngezenzo.

40 Kanti naku nina nifuna ukundibulala, mna mntu unixelela inyaniso endiyive kuThixo. UAbraham akazange enze nto injalo.

41 Nina nenza okwenziwa nguyihlo.”Aza athi kuye: “Thina asiyomigqakhwe. Owethu uBawo mnye; nguThixo.”

42 Wathi kuwo uYesu: “Ukuba uThixo ebenguyihlo ngenene, ngenindithanda; kuba ndilapha nje, ndivela kuThixo. Kaloku andizizelanga ngagunya lam; ndithunywe nguye.

43 Kutheni ningayiqondi nje intetho yam? Kungenxa yokuba ningakwazi ukulibamba ilizwi lam.

44 Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye.

45 Kodwa mna ndinixelela inyaniso; kungoko ningakholwayo kum.

46 Akukho namnye kuni ungandibeka tyala, athi ndonile. Ndithetha inyaniso nje, ngani ukuba ningakholwa?

47 OngokaThixo uyaweva amazwi kaThixo. Ke ngoko nina aniweva amazwi kaThixo, kuba aningabo abakaThixo.”

“Engekabikho uAbraham besendikho”

48 AmaJuda amphendula uYesu, athi kuye: “Asinyanisanga na ke xa sithi ungumSamariya, yaye unendimoni?”

49 Waphendula uYesu wathi: “Andinandimoni mna. Ndihlonela uBawo, kodwa nina anindihloneli.

50 Mna andizifuneli wonga; ukho ondifunelayo; yena uyandilamlela.

51 Ndithi kuni, inene, ukuba umntu uthe wawagcina amazwi am, soze afe naphakade.”

52 Aza athi kuye amaJuda: “Hayi ke, kucacile ngoku ukuba unendimoni. UAbraham wafa, *nabashumayeli bafa, ube usithi wena, ukuba umntu uthe wagcina amazwi akho, soze afe naphakade.

53 Ngaba wena umkhulu na kunobawo uAbraham, yena wafayo? Kwangokunjalo nabo abashumayeli àbasekho. Uzenza bani kakade wena?”

54 Waphendula uYesu wathi: “Ukuba bendiziwonga ngokwam, elo wonga ngelingento yanto; kodwa ke nguBawo ondiwongayo, lowo kanye nina nithi nguThixo wenu.

55 Nangona nitshoyo, anizange namazi; kodwa mna ndiyamazi. Ukuba mna bendinokuthi andimazi, bendiya kuba ndilixoki njengani. Kodwa ndiyamazi, ndaye ndiyawagcina amazwi akhe.

56 Uyihlo uAbraham wagcoba, kuba wayeza kubona le mihla yobukho bam; wayibona ke, wavuya.”

57 Aza amaJuda athi kuye: “Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, ungathini ukuba sewumbonile uAbraham?”

58 Wathi kubo uYesu: “Ndithi kuni, inene, engekabikho uAbraham, besendikho kade mna.”

59 Achola amatye ke amaJuda, ukuze amgibisele ngawo uYesu; kodwa yena uYesu wasuka wee shwaka, wemka *endlwini kaThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21